ISAHLUKO 52
Utyisa Abantu Abaninzi Ngezonka Neentlanzi Ezimbalwa
MATEYU 14:13-21 MARKO 6:30-44 LUKA 9:10-17 YOHANE 6:1-13
UYESU UTYISA AMADODA AYI-5 000
Abapostile abayi-12 bakuthandile ukushumayela kuyo yonke iGalili, ibe baxelela uYesu ‘yonke into abayenzileyo nezinto abaye bazifundisa.’ Badiniwe ibe iyaqondakala loo nto. Abanalo nexesha lokuphumla baze batye kuba kuyaphithizela. Ngenxa yaloo nto uYesu uthi: “Masiyeni kwindawo engenabantu, ukuze niphumle kancinci.”—Marko 6:30, 31.
Bakhwel’ isikhephe, mhlawumbi kufutshane neKapernahum, baze baye kwindawo engenabantu ngakwintshona yoMlambo iYordan ngapha kweBhethesayida. Kodwa, abantu abaninzi bayababona xa behamba. Bayabalandela baze babaleke ngaselunxwemeni. UYesu nabapostile bakhe bafika abantu sebelapha.
Xa uYesu esehla kwisikhephe, ubona abantu abaninzi aze abasizele kuba banjengeegusha ezingenamalusi. Uqalisa ‘ukubafundisa izinto ezininzi’ ngoBukumkani. (Marko 6:34) ‘Uphilisa nabagulayo.’ (Luka 9:11) Ekuhambeni kwexesha abafundi bathi kuye: “Ikude le ndawo, ibe sekurhatyele; yithi aba bantu mabahambe ukuze bayokuzithengela ukutya kwiilali ezikufutshane.”—Mateyu 14:15.
UYesu uthi: “Akunyanzelekanga ukuba bahambe; bapheni ngokwenu ukutya.” (Mateyu 14:16) Nangona sele eyazi into aza kuyenza, ubuza uFilipu umbuzo ukuze ave ukuba uza kuthini. Uthi: “Singazithenga phi izonka ukuze sityise aba bantu?” UYesu ufanele ukubuza uFilipu kuba nguye ohlala kufutshane naseBhethesayida. Kodwa ukuthenga isonka akuzokunceda. Kaloku kukho amadoda amalunga ne-5 000. Xa ubala nabafazi nabantwana, elo nani lisenokuphindaphindeka. UFilipu uthi: “Nokuba singathenga izonka ngeedenariyo eziyi-200, [ngosuku umntu upeya idenariyo enye] size sinike ngamnye intwana, azinakubanela.”—Yohane 6:5-7.
Mhlawumbi kuba uAndreya efuna ukubonisa ukuba ayinakwenzeka into yokuba batyiswe bonke uthi: “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini ezincinci. Kodwa zingabanela njani abantu abaninzi kangaka?”—Yohane 6:9.
Kungentwasahlobo, ngaphambi kwePasika ka-32 C.E., ibe ingca iluhlaza. UYesu uxelela abafundi bakhe ukuba bahlalise abantu engceni, baze bahlale ngamaqela abantu abayi-50 nabayi-100. Uthatha izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini aze athandaze kuThixo. Emva koko uyaziqhekeza aze ohlule neentlanzi. Uzinika abafundi bakhe baze bona banike abantu. Ngendlela emangalisayo, bonke bayatya baze bahluthe.
Ekuhambeni kwexesha, uYesu uthi kubafundi bakhe: “Qokelelani ukutya okuseleyo, kungabikho nentwana elahlwayo.” (Yohane 6:12) Baqokelela iibhaskithi eziyi-12 zamaqhekeza ashiyekileyo.