IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 9/1 iphe. 16-17
  • UYesu Wondla Amawakawaka Ngokungummangaliso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Wondla Amawakawaka Ngokungummangaliso
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu Wondla Amawakawaka Ngokungummangaliso
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Utyisa Abantu Abaninzi Ngezonka Ezimbalwa Neentlanzi
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • UYesu Wondla Abantu Abaninzi
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • UYesu Utyisa Abantu Abaninzi
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 9/1 iphe. 16-17

Ubomi Nobulungiseli BukaYesu

UYesu Wondla Amawakawaka Ngokungummangaliso

ABAPOSTILE abali-12 baye banandipha ukhenketho oluphawulekayo lokushumayela kulo lonke elaseGalili. Ngoku, emva nje kokubulawa kukaYohane, babuyela kuYesu baze bambalisele amava abo amangalisayo. Ebabona ukuba badiniwe yaye bebaninzi nabantu abafikayo nabahambayo ngokokude bangabi nalo nethuba eli lokutya, uYesu uthi: ‘Masiye kwindawo engenabantu apho ninokuphumla khona.’

Bakhwela iphenyane labo, mhlawumbi ngaseKapernahum baze baye kwindawo engaphandle, ngokucacileyo kwimpuma yeYordan ngaphaya kwaseBhetesayida. Phofu ke, abantu abaninzi bayababona njengokuba benduluka yaye nabanye bayeva ngako oku. Bonke aba bantu babaleka ngaphambili begudla unxweme, yaye xa iphenyane lifika elunxwemeni, balapho ukuze babahlangabeze.

Ekuphumeni ephenyaneni nasekuboneni kwakhe isihlwele esikhulu, uYesu usikwa yimfesane kuba aba bantu bafana nezimvu ezingenamalusi. Ngoko uyabaphilisa abo bagulayo aze aqalise ukubafundisa izinto ezininzi.

Ixesha lihamba ngokukhawuleza, yaye abafundi bakaYesu beza kuye baze bathi: “Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu; bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.”

Phofu ke, ekuphenduleni uYesu uthi: “Bapheni nina badle.” Ngoko, ekubeni uYesu wayesele eyazi into abeza kuyenza, wavavanya uFilipu ngokumbuza esithi: “Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba.”

Ngokwendlela uFilipu abona ngayo oku kubonakala kungenakwenzeka. Kukho malunga nama-5 000 amadoda, yaye mhlawumbi kukho abantu abangaphezulu kuhle kwi-10 000 xa kubalwa nabafazi kwanabantwana! UFilipu uphendula ngelithi: “Izonka zeedenariyo [idenariyo ngoko yayingumvuzo wemini] ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.”

Mhlawumbi ngelokuzama ukubonisa indlela ekungenakwenzeka ngayo ukondla le nginginya yabantu, uAndreya uthi: “Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini,” abuye ongezelele ngelithi: “Kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?”

Ekubeni kusentlakohlaza, ngaphambi nje kwePasika yowama-32 C.E., kukho ingca eninzi eluhlaza. Ngoko uYesu uyalela abafundi bakhe ukuba baxelele aba bantu bangqengqe ngamaqela abantu abangama-50 nabali-100. Uthabatha ezi zonka zihlanu nezi ntlanzi zimbini, akhangele ezulwini aze abulele. Wandula ke aziqhekeze ezi zonka azahlule nezi ntlanzi. Uzinika abafundi bakhe, baze bona bazabele aba bantu. Okumangalisayo kukuba, bonke aba bantu batya bade bahluthe!

Emva koko uYesu ubaxelela oku abafundi bakhe: “Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.” Xa bekwenza oku, bazalisa iingobozi ezili-12 ngokutya okuseleyo koko bebekutya! Mateyu 14:13-21; Marko 6:30-44; Luka 9:10-17; Yohane 6:1-13.

◆ Kutheni le nto uYesu ebafunela indawo engasese abapostile bakhe?

◆ UYesu ubasa phi abafundi bakhe, yaye kutheni ukufuna kwabo ukuphumla kungaphumeleli nje?

◆ Lakuba limkile ixesha, yintoni abafundi abayibongozayo, kodwa uYesu ubanyamekela njani aba bantu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share