ISAHLUKO 88
Isityebi NoLazaro
UMZEKELO WESITYEBI NOLAZARO
UYesu ebexelela abafundi bakhe indlela yokusebenzisa ubutyebi. Kodwa ayingobafundi bakhe qha abamameleyo. Kukho nabaFarisi, ibe kufuneka bayimamele kakuhle ke bona le nto ayithethayo. Ngoba? Kuba ‘bayayithanda imali.’ Xa besiva le nto ayithethayo ‘bayamnyevulela.’—Luka 15:2; 16:13, 14.
Kodwa uYesu ayimoyikisi le nto. Uthi kubo: “Nina nizenza amalungisa ebantwini, kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu. Kuba, into ebonakala ibalulekile ebantwini, iyenyanyeka emehlweni kaThixo.”—Luka 16:15.
Kudala abaFarisi ‘bebonakala bebalulekile ebantwini,’ kodwa ngoku izinto ziza kutshintsha. Abo babonakala bebalulekile ebantwini, njengezityebi, abantu abanezikhundla kwiipolitiki nasezinkonzweni, baza kuthotywa, kuze kuphakanyiswe abantu abaqhelekileyo, abaqondayo ukuba kusafuneka befundiswe nezinye izinto ngoThixo. Amazwi kaYesu enza kucace ukuba izinto zitshintsha kakhulu, uthi:
“AbaProfeti noMthetho, baprofeta de kwafika uYohane. Ukususela ngoko iindaba ezilungileyo ziye zaba buBukumkani bukaThixo, ibe wonke umntu ukusebenzela nzima ukubufumana. Ndiyaniqinisekisa ukuba kungatshabalala izulu nomhlaba kunokuba kungenzeki neyona nto incinci ebhalwe eMthethweni.” (Luka 3:18; 16:16, 17) Amazwi kaYesu abonisa njani ukuba izinto ziyatshintsha?
Iinkokheli zenkonzo yamaYuda ziqhayisa ngokuba zona ziyawuthobela uMthetho KaMoses. Khumbula kaloku xa uYesu ebephilisa indoda engaboniyo eYerusalem, abaFarisi baye baqhayisa besithi: “Thina singabafundi bakaMoses. Siyazi ukuba uMoses wayethunywe nguThixo.” (Yohane 9:13, 28, 29) Enye into owawenzelwe yona uMthetho KaMoses yayikukukhokelela amaSirayeli kuMesiya onguYesu. UYohane umBhaptizi wathi uYesu yiMvana KaThixo. (Yohane 1:29-34) Ukuqala kukaYohane ukushumayela, amaYuda athobekileyo, ingakumbi lawo asokolayo ebesiva ‘ngoBukumkani BukaThixo.’ Kukho “iindaba ezilungileyo,” ezenzelwe bonke abafuna ukulawulwa buBukumkani BukaThixo baze bancedwe bubo.
UMthetho KaMoses uyayenza into owawenzelwe yona, kuba unceda abantu bambone ukuba ungubani uMesiya baze baqonde ukuba bayaludinga uncedo lwakhe. Xa sowuyenzile loo nto, abantu bakaThixo abazokunyanzeleka ukuba baqhubeke bewuthobela. Ngokomzekelo, uMthetho wawuchaza ukuba umSirayeli unokudivosa xa kutheni, kodwa ngoku uYesu uthi “wonke umntu oqhawula umtshato nomfazi wakhe, aze atshate omnye uyakrexeza, ibe nabani na otshata umfazi ekuqhawulwe umtshato naye uyakrexeza.” (Luka 16:18) Le nto ayithethayo inoba ibacaphukisa nyhani abaFarisi abathanda ukuyenzela imithetho yonk’ into.
Ngoku uYesu wenza umzekelo obonisa indlela ezitshintsha kakhulu ngayo izinto. Lo mzekelo uthetha ngamadoda amabini, ibe iimeko zawo zitshintsha kakhulu. Njengokuba ufunda lo mzekelo, uzukhumbule ukuba phakathi kwaba bantu bamameleyo kukho nabaFarisi abathanda imali nababonakala bebalulekile ebantwini.
UYesu uthi: “Kwakukho indoda esisityebi eyayinxiba ilinen yodidi emsobo [okanye epepuli], iphila tofotofo. Kodwa kwakukho nendoda elihlwempu enguLazaro eyayimane ibekwa ngasegeyithini yayo, inezilonda emzimbeni wonke ibe yayibawela nantoni na eyayisiwa etafileni yeso sityebi. Kwakumane kusiza nezinja, zizokukhotha izilonda zayo.”—Luka 16:19-21.
AbaFarisi bayayithanda imali, ngoko icacile ukuba ngubani “indoda esisityebi” kulo mzekelo kaYesu. Iinkokheli zenkonzo yamaYuda ziyathanda nokuzilungisa ngokunxiba izinto ezintle nezidurayo. Azizozityebi nje qha, kodwa kuphinda kubonakale ngathi uThixo unokuzisikelela ngaphezu kwabanye abantu. Ukuzifanisa kukaYesu nendoda enxibe iimpahla ezipepuli zasebukhosini kubonisa isikhundla sazo, ibe ukunxiba kwazo ezimhlophe, kubonisa ukuzenza kwazo amalungisa.—Daniyeli 5:7.
Ezi nkokheli zizizityebi neziziphakamisileyo, zibajonga njani abantu abahluphekayo nabaqhelekileyo? Ziyabenyanya, zide zibabize ngokuthi ʽam ha·ʼaʹrets, okanye abantu bomhlaba, abangawaziyo uMthetho nabangafanelekiyo ukuwufundiswa. (Yohane 7:49) ‘Banjengehlwempu elinguLazaro,’ obawela ‘nantoni na ewa etafileni yesityebi.’ NjengoLazaro owayenezilonda emzimbeni wonke, abantu abaqhelekileyo bajongelwa phantsi, njengabantu abangathandwayo nguThixo.
Kudala izinto zimbi ngolu hlobo, kodwa ngoku uYesu uyayazi ukuba kufuneka zitshintshe kakhulu. Ziza kutshintsha kwabo banjengesityebi nakwabo banjengoLazaro.
IZINTO ZIYATSHINTSHA KWISITYEBI NAKULAZARO
UYesu uyayichaza indlela ezitshintsha ngayo izinto. Uthi: “Ekuhambeni kwexesha le ndoda ilihlwempu yafa, zaza iingelosi zayithatha zayisa ecaleni kuka-Abraham. Safa nesityebi, sangcwatywa. Sathi sisengcwabeni, sithuthunjiswa, sajonga phezulu sabona uAbraham ekude, uLazaro esecaleni kwakhe.”—Luka 16:22, 23.
Abantu abamamele uYesu bayayazi ukuba uAbraham wasweleka kudala ibe usengcwabeni. IZibhalo zitsho phandle ukuba abantu abasemangcwabeni okanye eShiyol ababoni, ibe abakwazi ukuthetha, kunjalo ke nakuAbraham. (INtshumayeli 9:5, 10) Ngoko ezi nkokheli zenkonzo yamaYuda zicinga ukuba uYesu uthetha ukuthini xa esenza lo mzekelo? Uzama ukuthini ngabantu abaqhelekileyo kunye nezi nkokheli zithanda imali?
UYesu usandokuthetha ngendlela izinto eziza kutshintsha ngayo esithi ‘abaProfeti noMthetho baprofeta de kwafika uYohane umBhaptizi, kodwa ukususela ngoku iindaba ezilungileyo ziye zaba Bukumkani BukaThixo.’ Ngoko, ngenxa yomyalezo oshunyayelwa nguYohane nanguYesu Kristu, ubomi bukaLazaro nobesityebi buyatshintsha.
Abantu abaphantsi nabahluphekayo bebengafundiswa ncam ngoThixo. Kodwa ngoku bayafundiswa ibe bayawumamela umyalezo woBukumkani abawuva ngoYohane umBhaptizi kuqala baza emva koko bawuva ngoYesu. Iinkokheli zenkonzo bezibafundisa kancinci kakhulu abantu ngoThixo. Kodwa ngoku bafundiswa inyani esuka eZibhalweni, ingakumbi izinto ezimangalisayo uYesu abacacisela zona. Ingathi nabo ngoku bayathandwa nguYehova uThixo.
Zona iinkokheli zenkonzo yamaYuda ezizizityebi nezijongelwa phezulu ngabantu, khange zifune ukuwumamela umyalezo woBukumkani ubushunyayelwa nguYohane noshunyayelwa nguYesu ngoku kulo lonke ilizwe. (Mateyu 3:1, 2; 4:17) Zide zicatshukiswe okanye zikhathazwe ngulo myalezo othetha ngokutshabalalisa kukaThixo ngomlilo okuzayo. (Mateyu 3:7-12) Bekunokuthi hu kwezi nkokheli zithanda imali ukuba uYesu nabafundi bakhe bebenokuyeka ukushumayela lo myalezo kaThixo. Ezi nkokheli zifana nesityebi esikulo mzekelo, esithi: “Abraham tata, ndenzele inceba. Thumela uLazaro ukuba afake nje kancinci umnwe emanzini, azokuphozisa ulwimi lwam, kuba eli dangatye lomlilo liyandingcungcuthekisa.”—Luka 16:24.
Kodwa ayizokwenzeka loo nto. Iinkokheli ezininzi zenkonzo yamaYuda azizokutshintsha. Khange zifune ‘ukumamela uMoses nabaProfeti,’ ebebebhale izinto ezimele ukuba zibenze bamamkela uYesu ukuba nguMesiya noKumkani obekwe nguThixo. (Luka 16:29, 31; Galati 3:24) Futhi azizithobi zize zifunde kumahlwempu aye amamkela uYesu nathandwayo ngoku nguThixo. Bona abafundi bakaYesu abazukuwutshintsha umyalezo wabo ngenxa yezi nkokheli. Kumzekelo wakhe uYesu uyichaza le nto ngamazwi ‘kaTata uAbraham’ awathetha kwisityebi esithi:
“Mntwana wam, khumbula ukuba kwakumnandi kuwe ngokuya wawusaphila, kungemnandanga kuLazaro. Ngoku yena uyathuthuzelwa, kodwa wena uyangcungcutheka. Ngaphandle kwaloo nto, kukho isikhewu esikhulu phakathi kwethu nani, kangangokuba abo bafuna ukusuka apha beze kuni, abanakukwazi, nabo bafuna ukusuka apho beze kuthi, abanakukwazi.”—Luka 16:25, 26.
Lufaneleke nyhani olu tshintsho lwenzekayo! Kutshintsha ubomi beenkokheli zenkonzo yamaYuda eziziphakamisileyo, nobabantu abathobekileyo abayamkelayo idyokhwe kaYesu baze bahlaziywe, ibe bafundiswe kakuhle ngoThixo. (Mateyu 11:28-30) Ziza kubonakala ngakumbi izinto ukuba zitshintshile kwiinyanga ezimbalwa ezizayo xa isivumelwano soMthetho sithathelwa indawo sisivumelwano esitsha. (Yeremiya 31:31-33; Kolose 2:14; Hebhere 8:7-13) Xa uThixo ethulula umoya wakhe oyingcwele ngePentekoste ka-33 C.E., kuza kucaca kakuhle ukuba uthanda abafundi bakaYesu kunabaFarisi kunye nezinye iinkokheli zenkonzo.