Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Isityebi NoLazaro
UYESU ebethetha nabafundi bakhe ngendlela efanelekileyo yokusebenzisa ubutyebi bezinto eziphathekayo, ecacisa ukuba asinakuba ngabakhonzi bezo zinto size kwangaxeshanye sibe ngabakhonzi bakaThixo. AbaFarisi nabo baphulaphule, ibe baqalisa ukumsinekela uYesu ngokuba bengabathandi bemali. Ngoko uthi kubo: “Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.”
Lifikile ixesha lokuba batshonelwe lilanga emini abantu abanobutyebi bezinto zehlabathi, abanegunya kwezobupolitika, nabakwisikhundla sokulawula yaye benempembelelo kwezonqulo. Baza kuthotywa, ibe abo baziqondayo iintswelo zabo zokomoya baza kuphakanyiswa. UYesu walatha kwinguqulelo enjalo xa ehlabela mgama esithi kubaFarisi:
“Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane [uMbhaptizi]; kuseloko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela. Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.”
Ababhali nabaFarisi bayaqhayisa kuba besithi babambelele kuMthetho kaMoses. Khumbula ukuba xa uYesu wathi ngokungummangaliso wavula amehlo endoda ethile eYerusalem, baqhayisa besithi: “Thina singabafundi bakaMoses. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses.” Kodwa ngoku uMthetho kaMoses uyizalisekisile injongo yawo yokukhokelela abathobekileyo kuKumkani kaThixo omiselweyo, uYesu Kristu. Ngoko ukususela kubulungiseleli bukaYohane, zonke iindidi zabantu, ngokukodwa abathobekileyo nabangamahlwempu, benza ngako konke abanako ukuba babe ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo.
Ekubeni umthetho kaMoses ngoku uzalisekiswa, imfanelo yokuba ugcinwe iza kushenxiswa. Lo mthetho uyaluvumela uqhawulo-mtshato ngezizathu ezithile, kodwa ngoku uYesu uthi: “Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.” Hayi indlela ekumele ukuba bacatshukiswa ngayo abaFarisi ngaloo mazwi, ngakumbi ekubeni bevumela uqhawulo-mtshato ngezizathu ezininzi!
Eqhubeka nentetho yakhe kubaFarisi, uYesu wenza umzekeliso obalaselisa abantu ababini, ekuthi ekugqibeleni iimeko zabo zijike ngendlela ephawulekayo. Ungathi aba bantu bafanekisela bani ibe kuthetha ukuthini ukuguquka kweemeko zabo?
UYesu uyacacisa esithi: “Ke bekukho umntu othile osisityebi, obevatha ezibomvu nezelinen ecikizekileyo, esenza imihlali yokuzuka kwakhe imihla yonke. Bekukho ke hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalikhahlelwe esangweni lakhe, lizele zizilonda, linqwenela ukuhluthiswa ngeemvuthuluka eziwa etafileni yesityebi eso; zibe zisithi izinja, zize zikhothe izilonda zalo.”
Apha uYesu usebenzisa isityebi ukufanekisela iinkokeli zonqulo, eziquka kungekuphela nje abaFarisi nababhali kodwa nabaSadusi ndawonye nababingeleli abakhulu. Zizizityebi ngokwamalungelo namathuba okomoya ezinawo, ibe ke ziziphatha njengomntu osisityebi. Iingubo zazo zasebukhosini ezibomvu zibonisa isikhundla sazo esikhethekileyo, yaye ilinen yazo emhlophe ibonisa ukuzigqala kwazo zingamalungisa.
Olu didi lwesityebi lubajonga abantu abangamahlwempu, abaqhelekileyo ngendlela yendelelo xa bethetha ngabo, kuba lubabiza ngokuthi ‛am ha·’aʹrets, okanye abantu basemhlabeni. Ngaloo ndlela umngqibi uLazaro ufanekisela aba bantu bavinjwa ukutya kokomoya okunesondlo esifanelekileyo namalungelo ziinkokeli zonqulo. Ngenxa yoko, njengoLazaro ozele zizilonda, abantu abaqhelekileyo bajongelwa phantsi njengabanesifo sokomoya yaye bafanelwe nje kuphela kukunxulumana nezinja. Ukanti, abo bodidi lukaLazaro balambela baze banxanelwe ukutya kokomoya okunesondlo ibe ngoku basesangweni befuna ukufumana nokuba ziimvuthuluka ezingephi zokudla kokomoya ezisenokuwa etafileni yomntu osisityebi.
UYesu ngoku uqhubela phambili echaza ngokuguquka kweemeko zesityebi noLazaro. Kwenzeka ntoni ekuguqukeni kweemeko, yaye kufanekisela ntoni? Le mibuzo iya kuqwalaselwa kwinkupho yethu elandelayo yeli phephancwadi lethu. Luka 16:14-21; Yohane 9:28, 29; Mateyu 19:3-9; Galati 3:24; Kolose 2:14.
◆ Ukususela kubulungiseleli bukaYohane, yiyiphi inguqulelo eyenzekayo uYesu alatha kuyo?
◆ Yintoni eza kushenxiswa emva kokufa kukaYesu, yaye yona iza kuwuchaphazela njani umcimbi woqhawulo-mtshato?
◆ Emzekelisweni kaYesu, ngoobani abafanekiselwa sisityebi nanguLazaro?
◆ Yiyiphi inkcazelo emasiyilindele kwinkupho elandelayo yeli phephancwadi?