ISAHLUKO 129
“Nantsi Le Ndoda!”
MATEYU 27:15-17, 20-30 MARKO 15:6-19 LUKA 23:18-25 YOHANE 18:39–19:5
UPILATO UZAMA UKUKHULULA UYESU
AMAYUDA AFUNA UBHARABHAS
KUHLEKISWA NGOYESU AZE APHATHWE KAKUBI
UPilato uthe kubantu ebebefuna ukubulala uYesu: “Andimboni enetyala. NoHerode akafumananga tyala kuye.” (Luka 23:14, 15) Ngoku uzama enye indlela ukuze amkhulule uYesu, uthi: “Njengokuba ndiqhele ukunikhululela umntu ngePasika, anifuni ndinikhululele uKumkani wamaYuda ke?”—Yohane 18:39.
UPilato uyayazi ukuba kukho ibanjwa elinguBharabhas, elaziwayo ukuba lingutsotsi, liqhwaya udushe, ibe liyabulala. Ngenxa yaloo nto uyabuza athi: “Nifuna ndinikhululele bani phakathi kukaBharabhas noYesu ekuthiwa nguKristu?” Ababingeleli abaziintloko benza abantu bafune ukuba kukhululwe uBharabhas endaweni kaYesu. UPilato uphinda abuze athi: “Nifuna ndikhulule bani kwaba bantu babini?” Abantu bayakhwaza bathi: “UBharabhas”!—Mateyu 27:17, 21.
Edanile uPilato uthi: “Ndenzeni ke ngoYesu ekuthiwa nguKristu?” Abantu bayakhwaza bathi: “Makaye esibondeni!” (Mateyu 27:22) Abanazintloni, bafuna kubulawe indoda engenatyala. UPilato uyabacenga athi: “Ngoba? Yintoni embi ayenzileyo lo mntu? Andibonanga nto ifunisa ukuba abulawe; ngoko ndiza kumohlwaya, ndimkhulule.”—Luka 23:22.
Phezu kokuba uPilato ezame kangaka, abantu bayacaphuka baze bakhwaze bathi: “Makaye esibondeni!” (Mateyu 27:23) Iinkokheli zenkonzo zibenze abantu banomsindo ibe ngoku banxanelwe igazi! Ayilogazi lotsotsi okanye lombulali eli balifunayo kodwa lelendoda engenatyala. Kwiintsuku ezintlanu ezingaphambili le ndoda ibisamkelwa eYerusalem njengoKumkani. Ukuba bakhona apha abafundi bakaYesu bathe cwaka ibe abafuni ukubonwa.
UPilato uyabona ukuba yonke le nto azama ukuyenza ayisebenzi. Abantu baya bekhwaza kakhulu, ngenxa yaloo nto uthatha amanzi aze ahlambe izandla zakhe phambi kwabo. Uthi kubo: “Andinanto yakwenza nokufa kwalo mntu. Bonani ukuba manenze ntoni.” Nale into ayenzayo uPilato ayibanqandi abantu. Endaweni yaloo nto bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu naphezu kwabantwana bethu.”—Mateyu 27:24, 25.
Lo mlawuli ukhetha ukuvuyisa abantu endaweni yokuba enze into elungileyo. Kuba ke efuna ukuvuyisa abantu uPilato ukhulula uBharabhas. UYesu yena ukhululwa iimpahla aze akatswe.
Emva kokuba ebethwe kabuhlungu usiwa kwindlu kaPilato. Amajoni ayaqokelelana abe ngumkhosi aze aye kuYesu aqhubeke emphatha kakubi. Enza isithsaba sameva aze asihlohle apha kuye entloko. La majoni ambambisa ingcongolo ngesandla sakhe sasekunene, aze amnxibise isambatho esinxitywa ngabantu basebukhosini. Emva koko ayamgezela athi: “Aa, Kumkani wamaYuda!” (Mateyu 27:28, 29) Ayamthufela aze amqhwabe ngeempama. Athatha ingcongolo ebemphathise yona aze ambethe ngayo apha entloko. Loo nto yenza ukuba “isithsaba” amnxibise sona esenziwe ngameva nesilihlazo, simhlabe kakhulu kunakuqala.
Nangona uYesu ephethwe kakubi, uyazola aze abonise ukuzibamba nesibindi. Iyammangalisa le nto uPilato, ude aphinde azame ukuba angabi nalo ityala lokufa kukaYesu. Uthi: “Jongani! Ndimzisa apha phandle ukuze nibone ukuba andifumani tyala kuye.” Kusenokwenzeka ukuba xa uPilato ezisa uYesu apha ngaphandle ebethiwe ibe esopha, ufuna abantu babe nosizi. Njengoko uYesu emi phambi kwabo bantu bakhohlakeleyo, uPilato uthi: “Nantsi le ndoda!”—Yohane 19:4, 5.
Nangona uYesu ephethwe kakubi ibe enamanxeba uqhubeka ethule ibe ezibambile. Inoba uyayithanda le nto uPilato ngoba indlela athetha ngayo ibonisa ukuba uyamhlonipha uYesu ibe uyamsizela.