ISAHLUKO 2
Ukuqonda Indima KaKristu Kwilungiselelo LikaThixo
“EKUQALENI uThixo wadala amazulu nomhlaba,” ibe zonke izinto awayezenzile “zazilunge gqitha.” (Gen. 1:1, 31) UYehova wadala abantu benekamva eliqaqambileyo. Kodwa ke, into eyenzeka e-Eden yaluchitha okwexeshana ulonwabo lwabo. Sekunjalo, injongo kaYehova ngomhlaba nangabantu ayizange itshintshe. UThixo wabonisa ukuba inzala ka-Adam eyayithobela yayinokusindiswa. UYehova wayeza kuphinda akhonzwe ngendlela ayifunayo, kwaye eza kumtshabalalisa uSathana nayo yonke imisebenzi yakhe emibi. (Gen. 3:15) Izinto ziza kuphinda ‘zilunge gqitha.’ UYehova uza kuzilungisa esebenzisa uNyana wakhe, uYesu Kristu. (1 Yoh. 3:8) Yiloo nto kubalulekile ukuba siyiqonde indima kaKristu kwilungiselelo likaThixo.—IZe. 4:12; Fil. 2:9, 11.
IMISEBENZI KAKRISTU
2 Xa sicinga ngemisebenzi kaKristu kwilungiselelo likaThixo, simele siqonde ukuba wenza izinto ezininzi. UYesu unguMhlawuleli wabantu, unguMbingeleli Omkhulu, uyiNtloko yebandla lamaKristu, kwaye ngoku ukwanguye noKumkani woBukumkani BukaThixo. Ukucinga ngezinto ezenziwa nguKristu kuza kusenza silixabise ngakumbi ilungiselelo likaThixo, size simthande ngakumbi uYesu Kristu. IBhayibhile iyayichaza imisebenzi yakhe.
UYesu ubaluleke kakhulu ukuze injongo kaYehova ngabantu yenzeke
3 Xa uKristu wayeshumayela apha emhlabeni, kwacaca ukuba uyadingeka ukuze abantu abathobelayo babe noxolo noThixo. (Yoh. 14:6) NjengoMhlawuleli wabantu, wanikela ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi. (Mat. 20:28) Ngoko uYesu akangomzekelo wokuphila ngendlela evuyisa uThixo kuphela, kodwa ubaluleke kakhulu ukuze injongo kaYehova ngabantu yenzeke. Nguye yedwa onokusinceda sikwazi ukuvuyisa uThixo. (IZe. 5:31; 2 Kor. 5:18, 19) Ukusifela kukaYesu nokuvuswa kwakhe kwavula ithuba lokuba abantu abathobelayo bafumane iintsikelelo ezingasoze ziphele xa kulawula uBukumkani BukaThixo basezulwini.
4 NjengoMbingeleli Omkhulu, uYesu “uyavelana nobuthathaka bethu” ibe uyazihlawulela izono zabalandeli bakhe abasemhlabeni. Umpostile uPawulos wathi: “Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngazo zonke iindlela njengathi, kodwa engenasono.” UPawulos wakhuthaza abantu abanokholo kuYesu Kristu ukuba balisebenzise ngokupheleleyo eli thuba lokuxolelaniswa noThixo. Wathi: “Ngoko ke, masisondele sinenkululeko yokuthetha kwitrone kaThixo osenzela ububele, ukuze senzelwe inceba nobubele, sitsho sincedakale ngexesha elifanelekileyo.”—Heb. 4:14-16; 1 Yoh. 2:2.
5 UYesu ukwayiNtloko yebandla lamaKristu. Njengokuba kwakungekho nkokheli ingumntu ngexesha labapostile, nanamhlanje asiyidingi inkokheli engumntu. UYesu usikhokela ngomoya oyingcwele nangabalusi abangabantu. Balawulwa nguye nanguTata wakhe wasezulwini njengoko besalusa umhlambi kaThixo. (Heb. 13:17; 1 Pet. 5:2, 3) Eprofeta ngoYesu, uYehova wathi: “Jonga! Ndimenze ingqina kwiintlanga, inkokheli nomphathi weentlanga.” (Isa. 55:4) UYesu wangqina ukuba esi siprofeto siyenzeka xa wathi kubafundi bakhe: “Ningabizwa nangokuba niziinkokheli, kuba inye iNkokheli yenu, nguKristu.”—Mat. 23:10.
6 Ukuze asibonise ukuba uyafuna ukusinceda, asibonise nendlela acinga ngayo, uYesu usimema esithi: “Yizani kum nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, ndiza kunihlaziya. Thathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndizolile, ndithobekile, ibe niza kuhlaziyeka. Kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mat. 11:28-30) UYesu Kristu uliphethe ngokuzola nangendlela esihlaziyayo ibandla lamaKristu, ngaloo ndlela ebonisa ukuba ‘ungumalusi olungileyo,’ njengoTata wakhe wasezulwini, uYehova uThixo.—Yoh. 10:11; Isa. 40:11.
7 Kwincwadi yakhe yokuqala eya kwabaseKorinte, uPawulos wachaza omnye umsebenzi kaYesu Kristu. Wathi: “Umele alawule de uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba zakhe. Kodwa emva kokuba uThixo ezibeke phantsi kwegunya loNyana zonke izinto, noNyana uza kuzithoba kuThixo owazibeka phantsi kwegunya lakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubantu bonke.” (1 Kor. 15:25, 28) Ngaphambi kokuba uYesu aze emhlabeni, ‘wayengumsebenzi onobuchule’ ecaleni kukaThixo, wayengowokuqala ukudalwa. (IMize. 8:22-31) Xa uYesu wathunyelwa emhlabeni, wenza ukuthanda kukaThixo ngalo lonke ixesha. Wanyamezela iimvavanyo ezinkulu waza wafa ethembekile kuTata wakhe. (Yoh. 4:34; 15:10) Ngenxa yokuba uNyana wakhe wathembeka de wafa, uThixo wamvusela ezulwini waza wamnika igunya lokuba nguKumkani woBukumkani basezulwini. (IZe. 2:32-36) NjengoKumkani woBukumkani, uKristu uYesu unikwe nguThixo umsebenzi wokukhokela imikhosi yezidalwa zasezulwini ezinamandla ukuze kususwe ulawulo lwabantu emhlabeni nazo zonke izinto ezimbi. (IMize. 2:21, 22; 2 Tes. 1:6-9; ISityhi. 19:11-21; 20:1-3) Buze ke uBukumkani BukaThixo basezulwini obulawulwa nguKristu, bulawule wonke umhlaba.—ISityhi. 11:15.
KUTHETHA UKUTHINI UKUQONDA INDIMA KAKRISTU
8 UYesu Kristu, onguMzekelo wethu, ufezekile. Uthunywe ukuba asikhathalele. Ukuze ahlale esikhathalele, nathi kufuneka singagungqi ekukhonzeni uYehova kwaye sihambisane nentlangano yakhe eya phambili.
9 Abalandeli bakaYesu bexesha labapostile babeyiqonda kakuhle imisebenzi kaKristu kwilungiselelo likaThixo. Bakubonisa oku ngokusebenza kunye ngomanyano phantsi kobuntloko bukaKristu, bezithoba kulwalathiso lwakhe olunikelwa ngomoya oyingcwele. (IZe. 15:12-21) Umpostile uPawulos wathetha ngomanyano lwebandla lamaKristu athanjisiweyo. Wathi: “Masithethe inyani, sithande uThixo nabantu, ukuze sikhule ngandlela zonke njengalowo uyintloko, uKristu. Wonke umzimba udityaniswa kakuhle uze uvisisane ngenxa yakhe, aze onke amalungu asebenzisane njengoko ilungu ngalinye lidlala indima yalo. Xa ilungu ngalinye liwenza kakuhle umsebenzi walo, utsho ukhule umzimba njengoko uzakha ngokwawo ngenxa yothando.”—Efe. 4:15, 16.
10 Xa bonke abantu ebandleni besebenzisana, kwaye bemanyene phantsi kobuntloko bukaKristu, kubakho ulwando nothando, ‘olubamanyanisa ngokupheleleyo abantu.’—Yoh. 10:16; Kol. 3:14; 1 Kor. 12:14-26.
11 Izinto ezenzeka ehlabathi ezizalisekisa isiprofeto seBhayibhile zisenza siqiniseke ukuba uYesu Kristu uye wanguKumkani ukususela ngo-1914. Sithethanje, ulawula phakathi kweentshaba zakhe. (INdu. 2:1-12; 110:1, 2) Kuthetha ntoni oko kwabo baphila emhlabeni? UYesu uza kuzibonakalisa ukuba unguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi xa etshabalalisa iintshaba zikaThixo. (ISityhi. 11:15; 12:10; 19:16) Emva koko, uYehova uza kubasindisa abantu abangasekunene kukaKristu, ngokwesithembiso awasenzayo emva kokona kuka-Adam noEva. (Mat. 25:34) Sivuya nyhani kuba siye sayiqonda indima kaKristu kwilungiselelo likaThixo. Akwaba singahlala simanyane ekwenzeni umsebenzi wokushumayela, owenziwa ehlabathini lonke nokhokelwa nguKristu kule mihla yokugqibela.