IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 18 iphe. 48-iphe. 49 isiqe.¶ 4
  • Ityholo Elivuthayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ityholo Elivuthayo
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Ityholo Elitshayo
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • UMoses—Indlela Obukuchaphazela Ngayo Ubomi Bakhe
    Vukani!—2004
  • Isizathu Sokuba UMoses Abaleke
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Ukwazi Iindlela ZikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 18 iphe. 48-iphe. 49 isiqe.¶ 4
UMoses kwityholo elivuthayo

ISIFUNDO 18

Ityholo Elivuthayo

UMoses wahlala iminyaka eyi-40 kwaMidiyan. Watshata, wanabantwana. Ngeny’ imini xa wayesalusa iigusha zakhe kufuphi neNtaba ISinayi, wabona into eyammangalisayo. Ityholo elinameva lalivutha kodwa lingade liphele! Wathi xa esondela efuna ukuqonda ukuba kutheni lingade liphele, weva ilizwi liphuma kwelo tyholo lisithi: ‘Moses! Ungasondeli apha. Khulula iimbadada zakho kuba loo mhlaba umi kuwo ungcwele.’ YayinguYehova owayethetha noMoses esebenzisa ingelosi.

UMoses woyika waza wazigquma ubuso. Ilizwi lathi: ‘Ndiyibonile intlungu akuyo amaSirayeli. Ndiza kuwasindisa kumaYiputa ndize ndiwanike ilizwe elihle. Nguwe oya kubakhupha abantu bam eYiputa.’ Inoba yamothusa loo nto uMoses.

UMoses wabuza: ‘Ndithini xa abantu bendibuza ukuba ndithunywe ngubani?’ UThixo wathi: ‘Baxelele ukuba uthunywe nguYehova uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ UMoses wathi: ‘Ndithini ukuba abandimameli?’ UYehova wamnika ubungqina bokuba wayeza kumnceda. Wathi makaphose intonga yakhe emhlabeni. Wayiphosa, yaza yajika yaba yinyoka! UMoses wayibamba emsileni, yaphinda yayintonga. UYehova wathi: ‘Lo mmangaliso uya kwenza abantu bazi ukuba uthunywe ndim.’

UMoses wathi: ‘Andilociko.’ UYehova wamthembisa esithi: ‘Ndiza kukuxelela into omawuyithethe, kwaye ndiza kuthumela umntakwenu uAron ukuba akuncede.’ Esazi ukuba uYehova unaye, wahamba nomfazi wakhe kunye noonyana babo babuyela eYiputa.

“Ningabi naxhala lokuba niza kuthini, kuba niza kuyinikwa ngelo xesha into emaniyithethe.”—Mateyu 10:19

Imibuzo: Wabona ntoni uMoses xa wayesalusa iigusha zakhe? UYehova wayefuna uMoses enze ntoni?

Eksodus 3:1–4:20; IZenzo 7:30-36

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share