Intshayelelo Yecandelo 4
Eli candelo litshayelela ibali likaYosefu, uYobhi, uMoses namaSirayeli. Bonke banyamezela ubunzima obabusenziwa nguMtyholi. Abanye babo banyamezela ukungenziwa kobulungisa, ukuvalelwa entolongweni, ubukhoboka nokufa. Sekunjalo, uYehova wabakhusela ngeendlela ezahlukeneyo. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho azi indlela abo bakhonzi bakaYehova ababunyamezela ngayo ubunzima kodwa bengaphelelwa lukholo.
UYehova wasebenzisa iZibetho Eziyi-10 ukuze abonise ukuba unamandla ngaphezu kwabo bonke oothixo baseYiputa. Balaselisa indlela uYehova awabakhusela ngayo abantu bakhe kwixesha elidlulileyo nendlela abakhusela ngayo ngoku.