Intshayelelo Yecandelo 11
Eli candelo litshayelela iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. UYesu wazalelwa kwintsapho ephantsi eyayihlala kwidolophu encinci. Wayesebenza notata wakhe owayengumchweli. UYesu wayeza kusindisa abantu. Wayekhethwe nguYehova ukuba abe nguKumkani woBukumkani basezulwini. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho aqonde ukuba uYehova wayikhetha kakuhle intsapho nendawo uYesu awayeza kukhulela kuyo. Funda ngendlela uYehova awamkhusela ngayo uYesu xa wayeza kubulawa nguHerode nokuba akukho nto enokumenza angayenzi into afuna ukuyenza. Funda nangokuthunywa kukaYohane nguYehova ukuze alungiselele ukufika kukaYesu. Bethelela indlela uYesu awabonisa ngayo esengumntwana ukuba uyabuthanda ubulumko bukaYehova.