Intshayelelo Yecandelo 12
UYesu wafundisa abantu ngoBukumkani basezulwini. Wabafundisa nokuba bathandazele ukungcwaliswa kwegama likaThixo, ukufika koBukumkani bakhe nokwenziwa kokuthanda kwakhe emhlabeni. Ukuba ungumzali, cacisela umntwana wakho ukuba uthetha ntoni kuthi lo mthandazo. UYesu akazange avume uSathana amyekise ukukhonza uThixo. Wakhetha abapostile bakhe yaye baba ngamalungu okuqala oBukumkani. Bonisa indlela uYesu awayekuthanda ngayo ukukhonza uThixo oyinyaniso. Wayefuna ukunceda abantu, ngoko waphilisa abagulayo, wanika abalambileyo ukutya waza wavusa nabafileyo. Xa wayesenza le mimangaliso, wayebonisa izinto abantu abaza kuzenzelwa buBukumkani.