Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ngaba UYohane Wayeswele Ukholo?
UYOHANE uMbhaptizi, obesentolongweni malunga nonyaka, ufumana ingxelo engokuvuswa konyana womhlolokazi waseNayin. Kodwa uYohane ufuna ukuva ngokuphuma ngqo kuYesu ngokubhekisele ekubalulekeni koku, ngoko uthuma abafundi bakhe ababini ukuba baye kubuza; “Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?”
Lo mbuzo usenokubonakala ungaqhelekanga, ingakumbi ekubeni uYohane waye wawubona umoya kaThixo uthululekela kuYesu yaye waye waliva iLizwi likaThixo lokukholiswa nguye xa wayembhaptiza phantse kwiminyaka emibini ngaphambili. Umbuzo kaYohane usenokubabangela abanye bagqibe kwelokuba ukholo lwakhe luye lwabuthathaka. Kodwa oku akunjalo. UYesu ebengayi kuthetha ngokuphakamileyo kangako ngoYohane, nto leyo ayenzayo ngesi sihlandlo, ukuba uYohane ebeqalisile ukuthandabuza. Ngoko, kutheni uYohane ebuza lo mbuzo nje?
Kusenokuba uYohane ufuna nje ukuqinisekisa kuYesu ukuba unguMesiya. Oku bekuya kumomeleza kakhulu uYohane njengokuba ebandezelekile entolongweni. Kodwa kuyabonakala ukuba kukho okungakumbi kunoko kumbuzo kaYohane. Ngokucacileyo ufuna ukwazi enoba kukho omnye ozayo, ngokungathi kunjalo, olilandela, oya kuphelelisa ukuzaliseka kwazo zonke izinto ezaxelwa kwangaphambili ezimele zifezwe nguMesiya.
Ngokutsho kweziprofeto zeBhayibhile ezo aqheleneyo nazo uYohane, uMthanjiswa kaThixo umele abe ngukumkani, umhlanguli. Kanti uYohane usesentolongweni, iinyanga ezininzi gqitha emva kokuba uYesu wabhaptizwayo. Ngoko ngokucacileyo uYohane ubuza uYesu esithi: ‘Ngaba ungulowo umisela ubukumkani bukaThixo kwigunya elingaphandle, okanye ngaba kukho omnye owahlukileyo, olilandela, esifanele simlindele ukuba azalisekise zonke iziprofeto ezihlobene nozuko lukaMesiya?’
Endaweni yokuxelela abafundi bakaYohane oku, ‘Kakade ndingulowo uzayo!’ kanye ngaloo yure uYesu uzibonakalisa ngokuphawulekayo ngokuphilisa abantu abaninzi abanezigulo nezifo zazo zonke iintlobo. Wandula ke axelele abafundi ukuthi: “Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo: iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo. Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.”
Ngamanye amazwi, ekubeni umbuzo kaYohane usenokuthetha ukulindela ukuba uYesu enze okungakumbi kunoko akwenzayo, okunjengokumkhulula ngokwakhe uYohane, uYesu uxelela uYohane ukuba angalindeli okungakumbi kunoku.
Xa abafundi bakaYohane behamba, uYesu uphethukela kwizihlwele aze azixelele ukuba uYohane ‘ungumthunywa’ kaYehova owaxelwa kwangaphambili kuMalaki 3:1 nokuba ukwangumprofeti uEliya owaxelwa kwangaphambili kuMalaki 4:5, 6. Ngaloo ndlela uyamphakamisa uYohane njengolingana naye nawuphi na umprofeti owayephila ngaphambi kwakhe, echaza esithi:
“Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye. Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.”
Apha uYesu ubonisa ukuba uYohane akayi kuba kuBukumkani basemazulwini, ekubeni apho omncinanana emkhulu kunoYohane. UYohane walungiselela uYesu indlela, kodwa wafa ngaphambi kokuba uKristu atywine umnqophiso, okanye isivumelwano, nabafundi bakhe sokuba babe ngabalawuli abazizinxulumani kunye naye eBukumkanini bakhe. Kungenxa yoke le nto uYesu esithi uYohane akayi kuba kuBukumkani basemazulwini. Endaweni yoke uYohane uya kuba ngumlawuIwa wasemhlabeni woBukumkani bukaThixo. Luka 7:18-30; Mateyu 11:2-15.
◆ Kutheni uYohane ebuza enoba uYesu unguLowo uzayo okanye enoba kufanele kulindelwe omnye owahlukileyo?
◆ Ziziphi iziprofeto athi uYesu zazalisekiswa nguYohane?
◆ Kutheni uYohane uMbhaptizi engayi kuba sezulwini noYesu?