Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba ngokukaMateyu 11:11 sifanele sigqibe kwelokuba uYesu wayesazi kwangaphambili ukuba uYohane uMbhaptizi wayeza kufa ngaphambi kokufa kwakhe?
Ewe, kucacile ukuba uYesu wayesazi ukuba uYohane wayengayi kuhlala ephila de abe ngumKristu othanjisiweyo, kuba uYesu wathi: “Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.”—Mateyu 11:11.
Xa isithunywa sezulu uGabriyeli savakalisa ukuba kwakuza kuzalwa uYohane, saxela kwangaphambili ukuba uYohane, ‘enomoya namandla kaEliya, wayeza kulungisela uYehova abantu abalungisiweyo.’ UYohane wayeza kuba ngumanduleli, elungisela uMesiya kaYehova abantu. Kodwa kweso saziso sasivela kuThixo ayikho into ebonisa ukuba uYohane yena wayeza kuba ngumfundi walo Mesiya wayesiza, kungekho nanto ibonisa oko kumazwi esiprofeto awathethwa nguyise kaYohane, uZekariya.—Luka 1:17, 67-79.
Ngenxa yoko, emva kokubhaptiza uYesu, uYohane waqhubeka eshumayela yaye ebhaptiza, enamathele kumsebenzi awayewunikiwe wokulungisa abantu. Okumangalisayo kukuba uYohane wayesazi ukuba uYesu wayeza kubhaptiza abantu ngomoya oyingcwele, kodwa uYohane akazange ayiphathe into yokuba yena wayeza kuwufumana loo moya oyingcwele, aze abe ngumKristu othanjisiweyo. (Mateyu 3:11) Kwakhona uYohane wayesazi ukuba wayeza kuya encipha ngokuncipha, ngoxa uYesu wayeza kuqhubeka ekhula.—Yohane 3:22-30.
Xa uYesu wathetha oko sikufunda kuMateyu 11:11, uYohane wayesele esentolongweni. UYesu wayazisa kwangaphambili into yokuba lo mprofeti wayesentolongweni wayengaphantsi nakoyena umncinane owayeya kuthi kwixesha elizayo abe ngumbingeleli nokumkani emazulwini. Kanti, kwakhona kubonakala ukuba uYesu wayesazi ukuba kungekudala uYohane wayeza kufa, ithi ivuleka indlela “entsha” esa kubomi basezulwini abe engasekho emhlabeni. (Hebhere 10:19, 20) Oko kwakuthetha ukuba uYohane wayengayi kuhlala ephila de kube yiPentekoste yowama-33 C.E., xa kwaqalisa ukuthanjiswa kwabafundi bakaYesu ngomoya oyingcwele. Ngenxa yoko, amazwi kaYesu kuMateyu 11:11 anokugqalwa ngokuchanileyo njengabonisa ukuba wayesazi ukuba uYohane wayengayi kuya ezulwini.