Ukulandela Imigaqo YeBhayibhile—Kuyindlela Ebalaseleyo
“KUNGSHI, kungshi fa tsai!” (Sivuyisana nawe, ngamana ungaba sisityebi!) Le ndlela yokubulisa yoNyaka Omtsha neli siko lamaTshayina ibalaselisa ukuphumelela ngezinto eziphathekayo okuqheleke gqitha ehlabathini lonke. Ukuze kwandiswe amandla kabani okuba sisityebi, imfundo isenokuxatyiswa phantse ukusa kwinqanaba lokuba ibe yinto enqulwayo. Kumazwe amaninzi aseMpuma, ngokufuthi into exhalatyelwe ngokuyintloko ngabazali yindlela abanokubangenisa ngayo abantwana babo kwesona sikolo sisemgangathweni sabantwana abangekabi neminyaka emithandathu khon’ ukuze emva koko babe bangangena kwesona sikolo silungileyo sabaqalayo baze baqhubeke ke ukuya kwanokholeji okanye eyunivesithi. Ngokufanayo, kumazwe aseNtshona abaninzi baxakekise iingqondo zabo ngokusukela ubunewunewu nendlela yabo elula yobomi.
Oko kuxakekiswa kwengqondo okulisiko kokufuna izinto eziphathekayo kungqubana njani nemigaqo yeBhayibhile? “Abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni,” ulumkisa ngelitshoyo umpostile uPawulos. Uhlabela mgama esithi: “Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.” (1 Timoti 6:9, 10) Iphuhlisa isibakala esidla ngokucaca gqitha xa abantu besithi izinto eziphathekayo bazenze eyona nto iyintloko ebomini, INtshumayeli 5:10 ithi: “Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.”
Kufuthi kangakanani kusenzeka ukuba indoda nomfazi basebenze nzima ukuze bafumane bonke ubunewunewu bobomi, suka nje baxakeke gqitha kangangokuba bangaze bahlale ekhaya ukuze banandiphe izinto abanazo! Ngokwahlukileyo koko, ngaphambi kokunikela isilumkiso esingasentla kuTimoti, uPawulos wathi: “Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu. Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.” (1 Timoti 6:6, 8) Yaye IMizekeliso 28:20 yongezelela oku: “Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi; ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.” Hayi indlela ekuyintlekele ngayo ukubona abantu ngokuqhelekileyo abanobuhlobo nabanobubele bencama imigaqo ephakamileyo yokunyaniseka, eyokuhlonipheka neyokuziphatha kakuhle ngenxa yelinge labo lokufumba obona butyebi bakha bayintabalala!
Entsatsheni
Kuyinto elisiko phakathi kwezinye izizwe neentlanga ukulindela ukuba abantwana bazo—–ingakumbi iintombi, eziya kuthi ekugqibeleni zishiye ikhaya ukuze zitshate—bahambe baye kusebenza baze bathumele imali ekhaya nyanga nganye bebonisa ukuhlonela kwabo abazali nokwenza imbuyiselo ngenxa yokuba bebakhulisile. Ngokomzekelo, kwenye intsapho yamaNgqina kaYehova, enye intombazana yaxelela abazali bayo ukuba ibingathanda ukuya esixekweni ukuze ibe nguvulindlela (umlungiseleli wexesha elizeleyo). Khawuthelekelele nje indlela eyothuka ngayo xa abazali bayo bayixelela ukuba babefuna ukuba iye kusebenza khon’ ukuze ibe nokuthumela imali ekhayeni nyanga nganye ukuze ibancede! Hayi, babengaziswelanga izinto eziphathekayo. Ngoko umgaqo wokuba abantwana banyamekele abazali babo abalupheleyo, abagulayo okanye abasweleyo wawungasebenzi kule meko. (Mateyu 15:4-6; 1 Timoti 5:8) Kuphela nje yayingumbandela wesiko phakathi kwesizwe sabo ukuba abantwana bafanele bancedise ukufumba ubutyebi bentsapho. Ngoxa ngokufuthi liyimfuneko ngenxa yokuswela amalungiselelo angokwentlalo, eli siko babelilandela nje kuphela ukuze bangathelwa nqa elalini okanye ngenxa yokuba babasulelwe ngumnqweno owesameleyo wokuba babe zizityebi.
Xa uyise wayo wancokola ngalo mbandela nomdala ongumKristu, wakhuthazwa ukuba aqwalasele izibhalo eziliqela aze ke enze isigqibo sakhe. Phakathi kwezibhalo awakhuthazwa ukuba azisebenzise yayiseso seyesi 2 yabaseKorinte 12:14 apho uPawulos akhankanya lo mgaqo: “Kuba asingabantwana abafanele ukuqwebela abazali, ngabazali abafanele ukuqwebela abantwana.” Emva kokuqwalasela lo mgaqo weBhayibhile neminye, abazali basenza isigqibo sabo. Hayi indlela eyavuya ngayo loo ntombazana kukufumana imvume—kwanoncedo oluthile olungokwemali—ukuze ibe nguvulindlela othe ngxi!
Ukuzithoba—Ukusa Kuwuphi Umlinganiselo?
Enye inkalo athi amasiko asekuhlaleni nesimo sengqondo esesameleyo ngokufuthi zingqubane kuyo nemigaqo yeBhayibhile kukumbandela wokuzithoba. Kumazwe athile kulisiko ukufuna ukuba abazali okanye amanye amagunya ahlonelwe ngokupheleleyo kwiinkalo zonke zobomi. Akunto engaqhelekanga kumazwe anjalo ukuba amadoda aneminyaka engama-40 ubudala okanye ede yamininzi ngakumbi akwale ukufunda naluphi na uncwadi lonqulo olwahlukileyo kolo lwabazali bawo okanye ukwenza nasiphi na isigqibo esikhulu ngaphandle kokudibana nabo kuqala, ngenxa yokoyika ukungabakholisi abazali. Kanti, kumazwe anjalo kuya kusiba yinto eqheleka ngakumbi ukufumana abantu abaselula bebavukela ngokuphandle abazali babo. IBhayibhile enembono elungeleleneyo ngemibandela iyasinceda ukuba sikuphephe oku kwenza izinto ngokugqithiseleyo. Umgaqo wokuzithoba ngokulinganiselweyo kwigunya labantu uchazwe ngokucacileyo kwiZenzo 4:19 Ac nesesi-5:29. Kwakhona, phawula indlela uPawulos abakhuthaza ngayo abantwana ukuba bathobele abazali babo, ukanti ubonisa ukuba oku akwenziwa nje kungekho milinganiselo xa esithi: “Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa. Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga.”—Efese 6:1-3.
Omnye umgaqo weBhayibhile oya kuchaphazela umlinganiselo wokuzithoba kukabani kubazali ngulowo wokuthobela komfazi indoda yakhe. Umpostile uPawulos wabhala oku, “Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi; ngokuba indoda le iyintloko yomfazi.” Wandula ke wawukhulisa lo mgaqo ngokukhumbula oko uYehova wakuthethayo emva kokulungiselela umtshato wokuqala wabantu: “Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye.”—Efese 5:22-31.
Noko ke, kuthekani ngemeko ekho kumazwe amaninzi apho unyana aqhubekayo ehlala kwikhaya labazali bakhe emva kokutshata kwakhe? IBhayibhile ibonisa ukuba, ubuncinane kumaxesha angaphambi kobuKristu, abanquli bakaYehova babedla ngokukwenza oku. Phantsi kweemeko ezinjalo ubawo wekhaya wayehlala eyintloko engusolusapho wentsapho, kodwa abafazi babewathobela amadoda abo. Noko ke, kwamanye amazwe kudla ngokubonakala ukuba umazala uyintloko yomolokazana. Oku kwenza kube nzima ngakumbi ngonyana ukuba awusebenzise ngokupheleleyo umgaqo wobuntloko bendoda yaye kuba nzima ngakumbi ngomkakhe ukuba ayithobele ngokwenyaniso indoda yakhe. Sekunjalo, unyana kuya kufuneka ukuba alungelelanise ukuhlonela kwakhe abazali bakhe nemfuneko yokuba yintloko yeyakhe indlu ukuba uza kuquka uYehova njengomsonto wesithathu ‘kumsonto ontlu-ntathu wokomfuziselo lowo kungelula ukuwuqhawula.’—INtshumayeli 4:12.
Kwamanye amazwe kubakho imeko ede ibe nzima ngakumbi xa umfana etshata kwintsapho apho kungekho ndla-mafa. Imeko elandelayo izekelisa ingxaki yamadoda amaninzi anjalo xa kamva ebomini afunda aze azame ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Umfana ongumKatolika watshata umntwana wentsapho yamaKatolika. Kwasekuqaleni, waphawula ukuba wayejongelwa phantsi yile ntsapho yaye wayengaphantsi nakumsébenzi ongahlawulwayo ekwakulindeleke ukuba abe nguyise wabantwana abaza kwenza ukuba ifani yentsapho ihlale ihleli. Njengokuba kulisiko kwilungiselelo elinjalo, kwakuyimfuneko ngaye ukuba ayincame eyakhe ifani, evumela abantwana bakhe ukuba bagqalwe njengeendlalifa zezinto zaloo ntsapbo. Xa wafunda ngomgaqo wobuntloko entsatsheni waza wazama ukuwusebenzisa, umkakhe waphendula ngendlela yonke intsapbo eyayiphendula ngayo esithi: ‘Akuzange uze nanto kule ntsapho, ngoko akukho nto unokuyithetha ngendlela izinto ezimele zenziwe ngayo!’
Ngoxa ingasilulo lonke umanyano lomtshato olunjalo oluthi lube qatha njengakule meko ikhethekileyo, kunokubonwa ngokulula ukuba kwindawo eliqheleke kuyo eli siko nalapbo ukuthobela indoda kuyinto elindelweyo, iingxaki ziza kuphakama ekusebenziseni imigaqo yeBhayibhile mayela nobuntloko. Kuba nzima gqitha ngendoda engumKristu ukuba isebenzise ubuntloko bayo bothando phezu kwentsapbo yayo yaye ngokufanayo kuba nzima gqitha ngomfazi ukuba athobele indoda yakhe ‘ngentlonelo enzulu,’ kunokuthobela abazali bakhe ekunokwenzeka ukuba bayaqhubeka behlala emzini wabo.—Efese 5:33.
Omnye umzekelo wendlela imigaqo yeBhayibhile esenokungqubana ngayo nesiko lasekuhlaleni ubandakanya umbandela wabazali abalungiselela ukuba abantwana babo batshate. Kubantwana abangamaKristu abanabazali abangakholwayo, oku kudla ngokuzisa ingxaki yokwenene, njengokuba abazali benoluvo lokuba basilele ukuba abantwana babo abatshatwanga xa bekubudala obuthile. Ngaloo ndlela, ukuze abantwana banyanzelelwe ukutshata, ingakumbi amantombazana, kusetyenziswa ingcinezelo enkulu kuquka ukubethwa. Xa amaqabane angamaKristu afanelekileyo enqongophele, abazali abangakholwayo baya kwenza konke okusemandleni abo ukulungiselela umtshato, ngoxa umKristu eya kuwukhumbula umgaqo wokutshata ‘kuphela ngokwaseNkosini.’—1 Korinte 7:39; Duteronomi 7:3, 4.
Zuza Ngokulandela Imigaqo YeBhayibhile
Ubuhle obubalaseleyo bemigaqo yeBhayibhile bukukuba inokuphucula ubomi bakhe nabani na onqwenela ukuyisebenzisa, kungakhathaliseki apho ahlala khona. lyavisisana ibe iyazimanyanisa iintsapho. Yenza abantu banyaniseke ngakumbi, ibenza babe ngamadoda noobawo abalunge ngakumbi, abafazi noomama abalunge ngakumbi, abantwana abalunge ngakumbi, abaqeshwa abalunge ngakumbi. Inokoyisa iingxaki ezibangelwa ngamasiko asekuhlaleni angqubanayo yaye inokulungelelanisa ukusetyenziswa kwaloo masiko angangqubani ngokuthe ngqo nokuthanda kukaThixo ngomntu kodwa mhlawumbi ukuzivisisanisa nawo kuya kungqubana nako. Oku kunokwenziwa njani?
Okokuqala, umele wamkele isibakala sokuba iBhayibhile ngenene “ililizwi likaThixo,” kanye njengokuba enjenjalo amaKristu aseTesalonika. Oku kuthetha ukuqonda ukuba ngokwenyaniso ibubulumko obuvela kowona Mthombo uphakamileyo. Okwesibini, umele uzabalazele ukufunda oko “ilizwi likaThixo” likutshoyo khon’ ukuze ungenelwe. Funda ukwahlukanisa imigaqo nemithetho kaThixo njengokuba ufunda yaye ufundisisa iBhayibhile. Ngoko, njengenyathelo lesithathu, umele ulivumele elo lizwi ukuba libe ‘lelisebenzayo kuwe.’ (1 Tesalonika 2:13) Oku kuquka ukunxulumana ngokusondeleyo namabandla abantu bakaThixo ngoku akumazwe angaphezu kwama-200 neziqithi zolwandle. Koku okwenze ukuba ubuzalwana bazwenibanzi bamaNgqina kaYehova bube njalo—ubuzalwana bokwenene kungekuphela nje ngegama.
Okokuqala nokona kubalaseleyo, abantu bakaYehova banomdla wokumanyana noThixo ngokuvumela imigaqo yeBhayibhile ilawule ubomi babo. Ngayiphi imiphumo? Lumanyano lokwenyaniso noluhlala luhleli nabanye abamanyene noThixo, kwanoxolo lwengqondo oluzimasa umntu ukutyhubela zonke iimeko ezikhoyo kule nkqubo yezinto ikhoyo. (Filipi 4:6, 7) Umanyano olunjalo nolwalamano olusondeleyo noThixo nolomnye nomnye luncedo oluhle ekuphuculeni umgangatho wobomi ngoku yaye lunedinga lobomi obungunaphakade kwinkqubo entsha kaThixo yobulungisa apho zonke izinto ziya kuthi ekugqibeleni zithotyelwe ngokupheleleyo ekuthandeni kukaThixo.—1 Timoti 4:8; 1 Korinte 15:28.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Yamkela iBhayibhile ‘njengelilizwi likaThixo’
Zabalazela ukufunda oko iLizwi likaThixo likuthethayo khon’ ukuze ungenelwe
Vumela elo Lizwi ukuba libe ‘lelisebenzayo kuwe’