Ukwenza Okusemandleni Ethu Ekuvakaliseni Iindaba Ezilungileyo
“Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni.”—2 TIMOTI 2:15.
1, 2. Kukuphi ukukhula oye wakuphawula kubalungiseleli bexesha elizeleyo? Yintoni eye yafak’ isandla koku kukhula?
“KWIMINYAKA embalwa edluleyo, uninzi lwethu lwalucinga ukuba kuphela ngabo baneemeko ezikhethekileyo abanokuba ngoovulindlela,” wabhala oko omnye uvulindlela, okanye umlungiseleli wexesha elizeleyo, eJapan. “Kubonakala ukuba sasingachananga. Siyaqonda ukuba kuphela ngabo baneemeko ezikhethekileyo abangenako ukuba ngoovulindlela.”
2 Loo mbono ikhuthazayo iye yaphumela ekubeni kubekho ulwando oluphawulekayo kubalungiseleli bexesha elizeleyo phakathi kwamaNgqina kaYehova kwiminyaka yakutshanje. Namhlanje eJapan, abavakalisi boBukumkani ababini kwabahlanu babandakanyeke kuhlobo oluthile lobulungiseleli bexesha elizeleyo. Kodwa lo moya wenzondelelo awupheleliselwanga nje eJapan. Kunyaka wenkonzo ophelileyo, inani labavakalisi ehlabathini jikelele lakhula ngesi-5 ekhulwini, ngoxa inani labalungiseleli bexesha elizeleyo landa ngama-22 ekhulwini. Ngokucacileyo, abantu bakaYehova baye bawathabathela entliziyweni amazwi ompostile uPawulos athi: “Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni.” (2 Timoti 2:15) Ngaba kunjalo nakuwe?
“Ukumthanda UThixo Kuko Ukuthi”
3. Ngawaphi amandla ashukumisayo abangela oku kukhula?
3 Xa oovulindlela bebuzwa isizathu sokuba beye bangenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo, ngokungaguquguqukiyo impendulo yabo ikukuba kungenxa yokuthanda kwabo uYehova uThixo. (Mateyu 22:37, 38) Kakade ke, oku kunjengokuba bekumele kube njalo, kuba ngaphandle kokushukunyiswa ngokufanelekileyo luthando, nawuphi na umgudu omninzi ubungaba lilize. (1 Korinte 13:1-3) Inconywa ngokwenene into yokuba amaKristu angoowethu amaninzi ngolu hlobo—enyanisweni, umlinganiselo wabavakalisi abangaphezu kwesixhenxe kwibandla ngalinye ehlabathini jikelele—ebomini bawo aye azivulela ithuba lokubonakalisa ukumthanda kwawo uThixo ngale ndlela.
4. Kwenzeke njani ukuba simthande uThixo? (Roma 5:8)
4 Kakade ke, sonke thina baye bahlulela ubomi bethu kuYehova sakwenza oko ngenxa yokumthanda. Xa safunda ngothando uYehova noNyana wakhe, uYesu Kristu, abasithanda ngalo, nangeentsikelelo ezimangalisayo eziya kuziswa buBukumkani bakhe, iintliziyo zethu zashukunyiselwa ukuba zisabele ngokumthanda naye. Nantsi indlela umpostile uYohane akuchaza ngayo oku: “Siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.” (1 Yohane 4:19) Ngokwemvelo sisabela ngaloo ndlela kuba yindlela esenziwe ngayo. Kodwa ngaba ukuthanda uThixo kubandakanya nje loo mvakalelo ifudumeleyo isezintliziyweni zethu?
5. Ukuthanda uThixo kubandakanya ntoni? (1 Yohane 2:5)
5 Hayi, ukuthanda uThixo kuthetha okungakumbi. Umpostile uYohane usixelela oku: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.” (1 Yohane 5:3) Ewe, uthando lokwenyaniso, njengokholo lokwenyaniso, lubonakaliswa ngesenzo. (Thelekisa eyesi-2 yabaseKorinte 8:24.) Lufuna ukuvuyisa nokuzuza inkoliseko kulowo uthandwayo. Enjani yona ukubalasela indlela abo bakubulungiseleli bexesha elizeleyo abaye bayinyula ukuze babonakalise ukumthanda kwabo uYehova noYesu Kristu!
6. (a) Hlobo luni lwabantu oluye lwakwazi ukuba ngoovulindlela? Yintoni eyenze ukuba bakwazi ukuba ngabo? (b) Ngaba kukho nayiphi na imizekelo oyaziyo yabanjalo?
6 Iimeko zabantu ngabanye ziyahluka, ibe zimele ziqwalaselwe. Kanti xa sikhangela kwabo bakubulungiseleli bexesha elizeleyo, sifumanisa ukuba baquka abantu abakuzo zonke iimeko ezikhoyo—abancinane nabakhulileyo, abangatshatanga nabatshatileyo, abaphile qethe nabangenampilo ingako, abaneembopheleleko zentsapho nabangenazo, njalo njalo. Umahluko kukuba, kunokuvumela aba thunywashe babe yimiqobo, njengompostile uPawulos, baye bafunda ukubanyamezela okanye ukuphila nabo. (2 Korinte 11:29, 30; 12:7) Ngokomzekelo, khawuqwalasele le ntsapho ingumzekelo.
UEiji ungumdala ebandleni akulo. Yena nomfazi wakhe bebengoovulindlela kangangeminyaka eli-12 ngoxa bekhulisa abantwana babo abathathu. Babekwenza njani oku? UEiji uthi, “Kwafuneka ukuba siphile ngendlela engeyoyabunewunewu.” Kwanabantwana kwafuna ukuba bafunde ukwamkela intsabelo kahayi kwizinto ezininzi ababezifuna. “Nangona siye sanamaxesha anzima, uYehova ebesoloko esinika esasikufuna.”
Ngaba ukuzincama kwakufanelekile? UEiji uthi, “Kwingokuhlwa nganye ngaphambi kokuba sicime izibane, ndibukela umfazi wam ebhala ingxelo yakhe yokushumayela yosuku. Xa ndibona intsapho yam ibeka izilangazelelo zokomoya tanci ngale ndlela, ndinoluvo lokuba yonke into ihamba ngendlela yayo, yaye ndiyaqonda ukuba sifeza okuthile. Andikwazi ukuthelekelela singengabo oovulindlela.” Umfazi wakhe yena uvakalelwa njani ngabo? Uthi, “UEiji uye wasinyamekela kakuhle gqitha. Xa ndimbona exakeke yimicimbi yokomoya, ndiziva ndaneliseke ngakumbi ngaphakathi. Ndinethemba lokuba sinokuqhubeka.”
Njengoko ubawo nomama bechitha ixesha elininzi kangako emsebenzini wokushumayela yonke imihla, oku kube nawuphi umphumo ebantwaneni? Unyana omkhulu ngoku usebenza kumsebenzi wokwakha isebe le Watch Tower Society oza kuthabatha iminyaka emine. Intombi inguvulindlela othe ngxi, yaye unyana osahamba isikolo unenjongo yokuba nguvulindlela okhethekileyo. Bonke bayavuya kuba abazali babo bengoovulindlela.
7. (a) Nika imizekelo ngokubhekisele kubantu ngabanye obaziyo abathi boyisa imiqobo ukuze bangenele inkonzo yexesha elizeleyo. (b) Sisiphi isiluleko seBhayibhile abaye basithabathela entliziyweni?
7 Iintsapho ezinjengale zinokufunyanwa phakathi kwamaNgqina kaYehova kumazwe amaninzi ehlabathini jikelele. Zenza umgudu wokwenene wokuzenza zibe zezona zilungileyo iimeko zazo ukuze zingenele zize ke zihlale kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngezenzo zazo, zibonisa oko kuthethwa ngokwenene kukuthanda uThixo kuzo. Ngokunyaniseka, zithobela esi siluleko sikaPawulos: “Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni.”—2 Timoti 2:15.
“Umsébenzi Ongenazintloni”
8. Kwakutheni ukuze uPawulos abongoze uTimoti ukuba ‘akhuthale’ yaye kuthetha ntoni oko?
8 Xa uPawulos wabhalela uTimoti loo mazwi, malunga nowama-65 C.E., uTimoti wayesele ekhonza kwisikhundla sembopheleleko ebandleni lamaKristu. UPawulos wambiza ngokuthi ‘ngumphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu’ waza ngokuphindaphindiweyo wamkhumbuza ngembopheleleko yakhe ekufundiseni nasekululekeni abanye. (2 Timoti 2:3, 14, 25; 4:2) Kanti, wabongoza uTimoti ngokuthi: “Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile.” Ibinzana elithi “kukhuthalele” liguqulelwe ngokuphuma kwigama lesiGrike elithetha “ukuzikhawulezisa.” (Bona iKingdom Interlinear Translation.) Ngamanye amazwi, uPawulos wayexelela uTimoti ukuba ukuze akholiseke kuThixo kwakufuneka ukuba awuhambisele phambili umsebenzi wakhe, nakubeni wayesele ephumeza imbopheleleko enzima. Ngoba? Ukuze abe nokuba “ngumsébenzi ongenazintloni.”
9. Nguwuphi umzekelo kaYesu onokusinceda ukuba siqonde amazwi kaPawulos angokuba “ngumsebenzi ongenazintloni”?
9 La mazwi amva asikhumbuza ngabakhonzi abathathu abakumzekeliso kaYesu ongeetalente, njengokuba ubhalwe kuMateyu 25:14-30. Ngokubuya kwenkosi yabo, kwakulixesha lokuba bazise umsebenzi wabo enkosini ukuze wamkelwe. Umkhonzi owayenikwe iitalente ezintlanu nowayenikwe ezimbini banconywa yinkosi ngenxa yoke babekwenzile ngezinto ababephathiswe zona. Bamenyelwa ukuba ‘bangene eluvuyweni lwenkosi yabo.’ Kodwa umkhonzi owayephathiswe italente enye wafunyanwa eswele. Oko wayenako kwahluthwa, yaye walahlelwa “ebumnyameni obungaphandle,” nto leyo eyambangela ukuba ahlazeke.
10. Kwakutheni ukuze umkhonzi owayenikwe italente enye ahlaziswe aze ohlwaywe?
10 Abakhonzi ababini bokuqala basebenza nzima baza bazandisa izilangazelelo zenkosi yabo. Ngokwenyaniso babengabasebenzi ‘abangenazintloni.’ Kodwa kwakutheni ukuze umkhonzi wesithathu ahlaziswe aze ohlwaywe nakubeni engazange akulahle oko wayekunikiwe? Kungenxa yokuba akazange enze nto yakukwandisa oko. Njengokuba inkosi yaphuhlisayo, ubuncinane wayenokuyifaka elugcinweni imali. Kodwa eyona nto ngokusisiseko eyayiphosakele kukuba wayengenalo uthando lokwenyaniso ngenkosi yakhe. “Ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba,” wavuma ngelitshoyo kwinkosi yakhe. (Mateyu 25:25; thelekisa eyoku-1 kaYohane 4:18.) Wayijonga inkosi yakhe njengomntu ongqwabalala, “olukhuni” nesabelo sayo njengesingumthwalo. Akazange enze nto eyayinokumenza azuze kunokuba ‘ngewayekhuthalele’ ukuzenza akholiseke kwinkosi yakhe.
11. Loo mzekeliso udibene ngantoni nathi namhlanje?
11 Namhlanje loo mzekeliso uyazaliseka. INkosi, uYesu Kristu, sele ibuyile yaye ihlola umsebenzi wodidi ‘lomkhonzi’ wayo, nalowo wamaqabane akhe, “isihlwele esikhulu” sabantu ababumvu. (Mateyu 24:45-47; ISityhilelo 7:9, 15) Yintoni eyifumanisayo iNkosi? Ukuba saneliswa yinkonzo nje yokungazimiseli ukuze siphumelele, ngoko kunokwenzeka ukuba siya kufunyanwa siphakathi kwabo bahlaziswayo nabaphoselwa “ebumnyameni obungaphandle.” Kwelinye icala, ukuba ‘siyawukhuthalela,’ oko kukuthi, ‘siyawukhawulezisa’ umsebenzi wethu ngokuvisisana nokungxamiseka kwexesha, siya kufunyanwa sikholisekile ‘njengabasebenzi abangenazintloni’ yaye siya kufumana ‘uvuyo Iwenkosi yethu.’
Ukuziqeqesha Nokuzincama Kuyafuneka
12. Ziziphi izinto eziye zanceda abavakalisi baseJapan abakumlinganiselo ophakamileyo ukuba bangenele ubulungiseleli bexesha elizeleyo?
12 Ulwando oluqhubekayo loovulindlela kumazwe ngamazwe ehlabathini jikelele lububungqina obucacileyo bokuba abantu bakaYehova xa bebonke ‘bakukhuthalele’ ukuzingqina ‘bengabasebenzi abangenazintloni.’ Kodwa ngaba wakhe wazibuza ukuba kutheni le nto kumazwe athile umlinganiselo wabazalwana abakwaziyo ukungenela inkonzo yexesha elizeleyo umkhulu ngakumbi kunakwamanye amazwe? Lo mbuzo ubangel’ umdla wabuzwa abanye oovulindlela abase Japan. Khawuqwalasele ezi mpendulo:
“Andiqondi ukuba oku kuthetha ukuba ukholo, okanye uthando, lwamaNgqina aseJapan lukhulu ngakumbi kunolo lwabazalwana bawo abakwamanye amazwe,” watsho njalo umsebenzi waseBheteli obekwinkonzo yexesha elizeleyo kangangeminyaka enokuba ngama30. “Kodwa ndikholelwa ukuba ubuntu babantu base Japan kunokwenzeka ukuba zinokuthanani noko. Xa bebonke, abantu base Japan bathobekile; basabela ngokuvumayo kukhuthazo.”
Omnye umdala wagqabaza ngelithi, “Ngenxa yokuba kukho oovulindlela abaninzi gqitha phantse kwibandla ngalinye, into eqhelekileyo kukuba nabani na unokuba nguye.” Abantu base Japan bayakuthanda ukwenza izinto njengamaqela. Banomoya obalaseleyo wokusebenza njengeqela.
Ngokuqinisekileyo la ngamagqabaza axhokonxa ukucinga, yaye ukuba sikuxhalabele ukuphucula inkonzo yethu kuYehova, kukho iingongoma eziliqela nezibalaseleyo esifanele ukuba siziqwalasele ngenyameko.
13. Sinokungenelwa njani kumbandela wokuba ngabathobekileyo nabalungele ukusabela kukhuthazo?
13 Okokuqala, kukho umbandela wokuba ngothobekileyo nokukulungela ukusabela kukhuthazo. Xa ulwalathiso nokhuthazo luvela kumthombo ofanelekileyo, ilungile into yokuba sifanele sisabele ngokuvumayo. Ngaloo ndlela, kunokuzijonga ezi mpawu njengeempawu nje zohlanga, sikhumbula amazwi kaYesu athi: “Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela.” (Yohane 10:27) Kwakhona siyakhumbula ukuba enye imbalasane ‘yobulumko baphezulu’ kukuba ‘bulungele ukuthobela.’ (Yakobi 3:17, NW) Ezi ziimpawu onke amaKristu akhuthazwa ukuba abe nazo. Ngenxa yemvelaphi nendlela abakhule ngayo, bambi basenokuzicingela ngokwahlukileyo gqitha yaye benenkani kunabanye. Mhlawumbi le yinkalo ekufuneka siziqeqeshe kuyo size ‘senze kumila kumbi ingqondo yethu’ khon’ ukuze sikuqonde ngokucacileyo into okuyiyo “ukuthanda kukaThixo.”—Roma 12:2.
14. Sisiphi isimemo aye onke amaKristu azahluleleyo asamkela, yaye kubandakanyeke ntoni?
14 NjengamaKristu azahluleleyo, siye sasamkela isimemo sikaYesu esithi: “Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.” (Mateyu 16:24) ‘Ukuzincama’ ngokoqobo kuthetha ‘ukuzibandeza into ngokupheleleyo’ yaye kamva ngokuvumayo sikwamkela ukuba sibe ngabakaYehova uThixo noYesu Kristu, sibavumela balawule ubomi bethu baze basixelele oko sifanele sikwenze noko singafanele kukwenza. Yiyiphi indlela elunge ngakumbi yokubonakalisa ukuba sizincamile kunokulandela amanyathelo kaYesu kubulungiseleli bexesha elizeleyo?
15. (a) Ukuba ngowanelisekayo zizinto eziphathekayo ezingengako kudibene ngantoni nokulandela uYesu? (b) Abafundi bokuqala basabela njani kwisimemo sikaYesu sokumlandela?
15 Kwandula ke kubekho umbandela wokwaneliseka zizinto eziphathekayo ezingengako. Ngokucacileyo oku kwahlukile kutyekelo oluqhelekileyo lwehlabathi, olukhuthaza “inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokubonakalisa kukabani ngokuqhayisa izinto zobomi.” (1 Yohane 2:16, NW) Kodwa ngokugxininisayo uYesu wathi: “Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.” (Luka 14:33) Kutheni le nto kunjalo nje oku? Kungenxa yokuba ukuba ngumfundi kaYesu kuthetha okungakumbi kunokuba likholwa nje. Xa uYesu wabiza uAndreya, uPetros, uYakobi, uYohane, nabanye ukuba babe ngabafundi bakhe kunyaka wesibini wobulungiseleli bakhe, akazange ayeke ukubacela ukuba bakholelwe kuye njengoMesiya. Kamva wabamemela ukuba bamlandele baze benze umsebenzi awayewenza, oko kukuthi, umsebenzi wokushumayela ixesha elizeleyo. Basabela njani? “Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.” UYakobi noYohane bade “bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.” (Marko 1:16-20) Bashiya ngasemva ishishini nezinxulumani zabo zangaphambili baza baqalisa ukushumayela ixesha elizeleyo.
16. NjengamaKristu azahluleleyo, simele silisebenzisele enini ixesha namandla ethu? (Imizekeliso 3:9)
16 Ngoko ke, kulula ukusibona isizathu sokuba ukwanela kokuncinane kunguthunywashe obaluleke ngolo hlobo ekwenzeni okusemandleni ethu kwinkonzo kaYehova. Ukuba sicinezelwa zizinto ezininzi eziphathekayo okanye ziimfanelo, sisenokusuka sifane nalaa mlawuli uselula osisityebi ongazange asamkele isimemo sikaYesu sokuba ngumlandeli wakhe, kungengakuba wayengenakumlandela, kodwa ngenxa yokuba wayengakuthandi ukushiya ngasemva ‘izinto zakhe ezininzi.’ (Mateyu 19:16-22; Luka 18:18-23) Ngoko kunokuchitha ixesha namandla ethu sisukela izinto eziya kuthi kungekudala ‘zidlule,’ sifuna ukuba obu buncwane bethu buxabisekileyo sibusebenzisele impilontle yethu ehlal’ ihleli.—1 Yohane 2:16, 17.
17. Kukuwuphi umlinganiselo onokuthi umoya wokusebenza njengeqela ube nempembelelo ekhuthazayo?
17 Okokugqibela, simele sibe nomoya wokusebenza njengeqela. UAndreya, uPetros, uYakobi noYohane ngokungathandabuzekiyo baphembelelana kwisigqibo sabo sokwamkela isimemo sikaYesu sokumlandela. (Yohane 1:40, 41) Ngokufanayo, isibakala sokuba abazalwana bethu abaninzi bekwazi ukuthi kubomi obuxakekileyo bazivulele ithuba lokungenela inkonzo yexesha elizeleyo sifanele sisishukumisele ukuba siyiqwalasele nzulu eyethu imeko. Kwelinye icala, abo phakathi kwethu sele benandipha eli lungelo banokwabelana nabanye ngamava abo awonwabisayo, ngaloo ndlela bebakhuthaza nabo ukuba babathelele. Ibe, kakade ke, abalungiseleli bexesha elizeleyo banokuncedana ukuze bangenelwe xa bebonke.—Roma 1:12.
18. Sinokufak’ isandla njani xa sisonke kumoya wobuvulindlela?
18 Nabo iimeko zabo zangoku zingabavumeliyo ukuba bangenele ubulungiseleli bexesha elizeleyo banokwenza okungakumbi ukongezelela kumoya wobuvulindlela. Njani? Ngokuxhasa nangokukhuthaza abo bangoovulindlela, ngokubonakalisa umdla wenkuthalo kwabo banethemba lokwenjenjalo, ngokuhlengahlengisela ukuba ubuncinane ilungu elinye lentsapho yabo libe nguvulindlela, ngokubandakanyeka kumsebenzi wobuvulindlela babancedani nanini na kunokwenzeka, nangokusebenzela ukungenela inkonzo yexesha elizeleyo kamsinya kangangoko kunokwenzeka. Ngokwenjenjalo, sonke sinokubonakalisa ukuba ‘sikukhuthalele’ ukukhonza uYehova enoba kanye ngoku sibhalisile kubulungiseleli bexesha elizeleyo okanye asikenjinjalo.
Ukuzingisa Ekwenzeni Okusemandleni Ethu
19. Yintoni esifanele sibe nesigqibo sokuyenza ngenxa yexesha?
19 Eneneni, njengokuba uYehova ewukhawulezisa umsebenzi, ngoku kulixesha lokuba thina ‘siwukhuthalele’ khon’ ukuze sibe ‘ngabasebenzi abangenazintloni.’ Njengamajoni alungileyo kaYesu Kristu, kwakhona sifuna ukubekela bucala yonke imithwalo engeyomfuneko ukuze sibe singakhonza ngokuphumelelayo size sizuze inkoliseko yakhe. (2 Timoti 2:3-5) Njengoko sisebenza nzima ukwandisa isabelo sethu kwinkonzo yoBukumkani, sinokuqiniseka ukuba imigudu yethu iya kuvuzwa ngokutyebileyo. (Hebhere 6:10; 2 Korinte 9:6) Ngaloo ndlela, kunokuba, ngokungathi kunjalo, sibe ngababukeli, masizingise ekwenzeni konke okusemandleni ethu ukuba sishumayele iindaba ezilungileyo, siphendula esi simemo somdumisi: “Mkhonzeni uYehova nivuya; yizani phambi kwakhe nimemelela.”—INdumiso 100:2.
Ibhokisi Yempinda
◻ Ukuthanda uThixo kubandakanya ntoni?
◻ Yayiyintoni ingxaki yokwenene ngomkhonzi wesithathu kumzekeliso kaYesu weetalente?
◻ Kuthetha ntoni ukuzincama kwethu?
◻ Kutheni le nto abalandeli bakaYesu bemele ‘bashiye izinto zabo eziphathekayo’?
◻ Sinokufak’ isandla njani sonke kumoya wobuvulindlela?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
‘Khuphelani phandle umkhonzi ongancedi lutho’