Ngaba Wenza Konke Okusemandleni Akho?
“NDIYA kuzama kangangoko ndinako.” Zizihlandlo ezingaphi la mazwi elandelwa lelithi “kodwa” nezingxengxezo ezininzi ngenxa yokuba ubani engazibhokoxanga kokuthile! Kuthekani ngozahlulelo lwethu kuYehova? Ngaba siyasizalisekisa isithembiso sethu sokumnika oko kusemandleni ethu?
Ukuzahlulela kuthetha ‘ukuzinikela kukabani ngokupheleleyo kwinkonzo okanye kunqulo lukaThixo okanye ukuze asetyenziselwe izinto ezingcwele.’ UYesu wenza okuninzi ukubonisa oko kuqukwa kukuzahlulela kuYehova xa esithi: “Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale [“umthi wentuthumbo,” NW] wakhe, andilandele.” (Mateyu 16:24) Umntu ozincamileyo waza wazahlulela kuThixo wenza ukuthanda kukaThixo olona sukelo lubalulekileyo ebomini bakhe.
Njengabantu abazahluleleyo, sifanele sizicikide enoba siphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kusini na. UPetros wabonisa isizathu sokuba simele sizihlolisise xa wakhuthaza amaKristu athanjisiweyo esithi: “Yenzani konke okusemandleni enu ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba nakuzenza ezo zinto anisayi kukha nisilele.” (2 Petros 1:10, NW) Ewe, ukuba senza konke okusemandleni ethu, asiyi kuthi ekugqibeleni sisilele ngokomoya.
Ukwenza Ngako Konke Okusemandleni Ethu Kunokongezwa
Ngokwembono ephangaleleyo, bonke abakhonzi abazahluleleyo bakaThixo balindeleke ukuba benze konke okusemandleni abo, okanye bazame kangangoko banako, ukukholisa uYehova. Noko ke, ukwenza konke okusemandleni ethu ekwenzeni ukuthanda kukaThixo kusenokukhula. Inkwenkwana eneminyaka emithathu ubudala, isenokuba yenze ngako konke enako ukuncedisa unina xa isenza umsetyenzana, kodwa njengoko ikhula, iya kukwazi ukwenza okungakumbi. Kunjalo nangokukhula kwethu ngokomoya—oko ekuqaleni sasikwenza ngamandla ethu onke kusenokuba akusenjalo ngoku. Sishukunyiselwa ukumenzela okungakumbi uYehova.
Uxabiso lwethu olwandisiweyo ngoYehova lusenza sibe nomnqweno wokwenza okungakumbi. Uxabiso ngoko asenzele kona lomelezwa lufundisiso lobuqu lweLizwi lakhe, iBhayibhile. Ngokomzekelo, xa sihlolisisa ngenyameko size sicamngce ngendlela uYehova awamthumela ngayo uNyana wakhe ukuba anikele ngomphefumlo wakhe ukuze akhulule uluntu esonweni, sishukunyiselwa ukuba simkhonze uMyili welungiselelo lentlawulelo. (Yohane 3:16, 17; 1 Yohane 4:9-11) Okukhona ‘sisiva size sibone ukuba ulungile uYehova,’ kokukhona iintliziyo zethu zishukunyiselwa ukumkhonza.—INdumiso 34:8.
Umlungiseleli wexesha elizeleyo ogama linguJetter wakuqonda oku. Ukuze embe ngokunzulu ngakumbi koko wayekufundisisa, wabekela ecaleni igumbi elincinane endlwini yakhe ukuze afeze loo njongo. Walilungisa ukuze akwazi ukumilisel’ ingqondo ngoxa esenza uphando. UneWatch Tower Publications Indexes, nemiqulu yeThe Watchtower neAwake!, kwithala lakhe leencwadi. Uthi: “Xa ndisenza uphando ngenkcazelo ebangel’ umdla, ndisoloko ndingxamele ukwabelana ngayo nabanye.”
Noko ke, kanye njengokuba ukudla ukutya okusemgangathweni okuxabisa imali eninzi kube kanye emva kwexesha elide kungamkhululi umntu ekuzaliseni intswelo yemihla ngemihla yokutya ngokuthe rhoqo, uphando olunzulu lweBhayibhile olwenziwe kanye aluyitshitshisi intswelo yemihla ngemihla yokuzondla ngokutya kokomoya. URuth uyayiqonda le ntswelo, kuba xa ekhumbula kudala, intsapho yakowabo yayifunda kunye iBhayibhile ntsasa nganye nangengokuhlwa nganye emva kwesidlo. Ngoku, eneminyaka engama-81 ubudala, echithe ngaphezu kweminyaka engama-60 kubulungiseleli bexesha elizeleyo, usayifunda rhoqo iBhayibhile emva kokuba evukile ngeye-6:00 ekuseni. Kamsinya emva kokufumana iphephancwadi IMboniselo noVukani! uRuth uzinika ixesha lokuwafunda. Inqaku ulifunda ubuncinane izihlandlo ezithathu okanye ezine ngaphambi kokuba alifundisise ebandleni. Uthi: “Ukuzondla ngeLizwi likaThixo kuyimfuneko ukuze uhlale uqinile elukholweni.” Kwakhona kuye kwamnceda ukuba aqhubeke nenkonzo yobuvangeli basemazweni kangangeminyaka emininzi.
Ukwenza Konke Okusemandleni Ethu Ekuncedeni Abanye
Ngokufundisisa nzulu nangokuthe rhoqo iLizwi likaThixo, inzondelelo yethu yokukhonza uThixo iyakhula, yaye okuthile okungaphakathi kuthi kusiqhubela ekwenzeni okungakumbi. (Thelekisa uYeremiya 20:9.) Inzondelelo enjalo yashukumisela uHirohisa ukuba abufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakhe. (2 Timoti 4:5) Wayehlala kwikhaya elinomzali omnye enabantakwabo noodadewabo abaselula abane. Ngoxa wayekwiminyaka yakhe yeshumi elivisayo, uHirohisa wayeyixhasa intsapho yakowabo ngokuvuka ngentsimbi yesithathu ekuseni ahambise amaphephandaba. Wayefuna ukwenza okungakumbi ekuxeleleni abanye ngoYehova, ngoko uHirohisa wafaka isicelo senkonzo yobuvulindlela, njengoko ubulungiseleli bexesha elizeleyo bamaNgqina kaYehova bubizwa njalo. Eselula kangako, wakuvuyela ukunceda abanye ukuba bamthelele ekwenzeni konke okusemandleni abo ekudumiseni uYehova.
Ukwenza kangangoko sinako ekuncedeni abanye kuquka ukuba ngabaphumelelayo kubulungiseleli bethu. Ngaxa lithile uYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ngolu hlobo: “Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.” (Yohane 13:17) UNaomi ungumzekelo omhle ekusebenziseni amacebiso anikelwa yintlangano kaYehova ukuze siphucule kubulungiseleli bethu. Wayenobunzima ekuthetheni nabantu angabaziyo kwindlu ngendlu yaye ngokufuthi amazwi ayephel’ emqaleni esesemnyango. Abadala ebandleni bamkhuthaza ukuba asebenzise amacebiso afumaneka kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, kwicandelo elithi “Iintshayelelo Ezinokusetyenziswa Kubulungiseleli Basentsimini.”a Wacengceleza iintshayelelo eziphantsi komxholo othi “Intsapho/Abantwana” waza waziqhelisela amaxesha amaninzi. Ngenxa yoko, wakwazi ukuqhubeka nengxubusho nomninimzi owayekwiminyaka yakhe yama-30. Kwanangaphambi kokuba uNaomi abuyele, eli bhinqa leza kwiHolo yoBukumkani. Kwalungiselelwa isifundo seBhayibhile. Eli bhinqa nomyeni walo ngoku bangamaKristu abhaptiziweyo, banandipha ubomi obonwabisayo bentsapho nabantwana babo.
Ukwenza Okusemandleni Ethu Ekubonakaliseni Umdla Wobuqu
Kwakhona sinokuxelisa umpostile uPawulos, owathi: “Oko ke ndakwenza ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndibe lidlelane nabo ngazo.”—1 Korinte 9:22, 23.
UHatsumi uyasibonakalisa esi simo sengqondo. Ngoxa uHatsumi wayekubulungiseleli basesidlangalaleni, elinye ibhinqa lathetha naye ngokundilisekileyo ngeintercom limxelela ukuba lalixakeke gqitha ukuba lingathetha naye. Imvakalo-zwi yomninimzi yayizolile, ngoko uHatsumi waqhubeka elityelela. Umninimzi wayephendula nje kuphela ngeintercom, akazange akhe aphume endlwini ukuze adibane noHatsumi. Oku kwaqhubeka kangangeminyaka emibini enesiqingatha.
Ngenye imini uHatsumi waliguqula ixesha atyelela ngalo, walityelela ngorhatya. Xa efika akuzange kubekho mntu uphendulayo. Noko ke, njengoko wayehamba, weva ilizwi aliqhelileyo limbuza, “Ungubani?” Eli bhinqa lalisandul’ ukufika ekhayeni lalo. Lakuba live igama likaHatsumi, lasabela ngokukhawuleza lisithi, “Tyhini, nguwe lo ubusoloko undityelela. Ndiyabulela ngokusoloko undikhathalele.” Ngenxa yokuba eli bhinqa lalisinqumamisile isifundo seBhayibhile elalisiqhutyelwa ngamaNgqina kaYehova akwenye indawo, lalineentloni gqitha ukumemela uHatsumi ukuba angene ngaphakathi. Isifundo seBhayibhile savuselelwa, yaye umninimzi wenza inkqubela entle kakhulu. Ngaba sibakhathalela kangangoko abo sidibana nabo kubulungiseleli bendlu ngendlu?
Yenza Konke Okusemandleni Akho
UYehova uyawuxabisa umgudu wethu wokukhonza ngako konke okusemandleni ethu. Unjengobawo ofumana izipho kunyana wakhe. Njengoko iminyaka ihamba, izipho zisenokwahluka kuxhomekeka kubudala bonyana noko anokufikelela kuko. Kanye njengokuba ubawo ekuvuyela ukufumana nasiphi na isipho asinikwa ngunyana wakhe ngokusuk’ entliziyweni, ngokunjalo noYehova ngentumekelelo uyayamkela inkonzo yethu yomphefumlo uphela esiyenza ngokuvumelana nokukhula kwethu ngokomoya.
Kambe ke, akuyomfuneko ukuthelekisa oko sinokukwenza ngokusemandleni ethu noko abanye banokukwenza. Kunjengokuba uPawulos esithi, siya kuba neqhayiya ngokwethu, ‘singazithelekisi nomnye umntu.’ (Galati 6:4, NW) Kwanga singaqhubeka sisinikel’ ingqalelo isiluleko sompostile uPetros esithi: “Khuthalelani [yenzani ngako konke okusemandleni enu, NW] ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.”—2 Petros 3:14.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ngaba wenza konke okusemandleni akho ekusebenziseni amacebiso kubulungiseleli basentsimini?