Imibuzo Evela Kubafundi
■ Akuba ubani etyobele uBhengezo Olubophelela Ukuba Uthembeke, ngaba elo lungiselelo linokupheliswa?
Lo mbandela unokuthanani nelungiselelo elingasebenziyo kwinkoliso yamazwe. Ngoko okokuqala masibone oko likuko elo lungiselelo lokubambisa elimele ligcinwe.
IMboniselo kaSeptemba 15, 1977, yaxubusha ngengxaki ekho kumazwe athile. Nangona uThixo eluvumela uqhawulo-mtshato ngezizathu ezingokweZibhalo, bambi oorhulumente abanalo ilungiselelo loqhawulo-mtshato. (Mateyu 19:9) Okanye umthetho unokukwenza kube nzima ukuqhawula umtshato, mhlawumbi kuthabath’ iminyaka emininzi. Ngenxa yoko, loo nkupho yephephancwadi yacacisa ukuba amaNgqina kaYehova anemvume esebenza kuphela kumazwe anjalo; iquka uBhengezo Olubophelela Ukuba Uthembeke. Khawuqwalasele umzekelo weli lungiselelo:
Umfazi othile uthi ayazi inyaniso yobuKristu ngoxa ehlala (yaye mhlawumbi wafumana abantwana kuyo) nendoda esekulithuba elide yahlukana nomfazi wayo ongokwasemthethweni. Lo mfazi usandul’ ukuba nomdla uthembekile kuyo yaye ufuna ukuba batshate, kodwa oko akunakwenzeka ngenxa yokuba umthetho awuyivumeli indoda ukuba iqhawule umtshato nomfazi wayo ongokwasemthethweni. Ngenxa yoko, ukuba abadala bebandla beyisekile kukuba ulwalamano lwakhe nale ndoda beluya kuthi ngandlel’ ithile lwamkelwe nguThixo, baya kumvumela ukuba atyobele uBhengezo Olubophelela Ukuba Athembeke. Apho ubonisa ukuba wenze konke anokukwenza ukubhalisa olu lwalamano ngokwasemthethweni; ubonisa ukuba uyaluqonda phambi koThixo uhlobo olu Bhengezo olusibophelela ngalo; yaye uthembisa ukuba uza kutshata ngokusemthethweni ngokukhawuleza kangangoko nje ukuba oko kwenzeke, ngaloo ndlela ephelisa uBhengezo olwalumenze ukuba abe yinxalenye yebandla lamaKristu.
Phofu ke, kuphakama lo mbuzo: Xa yena (okanye nabani na okule meko) engena ebandleni phantsi koBhengezo olunjalo, ngaba ikho enye indlela esinokuphela ngayo okanye esinokupheliswa ngayo?
Olu Bhengezo luthi lowo utyobelayo ‘uyaluqonda ulwalamano lwakhe njengolubophelelayo phambi kukaYehova uThixo naphambi kwabantu bonke, njengolumele kubanjelelwe kulo nolumele luhlonelwe kuvisiswana ngokupheleleyo nemigaqo yeLizwi likaThixo.’ Ngaloo ndlela, ngokwembono yebandla olu lwalamano lumanyanisa ngokufanelekileyo njengomtshato ongokwasemthethweni. Phofu ke, ukufa kweqabane kuyawuphelisa umtshato okanye umanyano oluphantsi kolo Bhengezo. (Roma 7:2) Kwakhona iBhayibhile ithi ukuba iqabane likabani lomtshato linetyala lepor·neiʹa (ukuziphatha okubi ngokwesini ngaphandle kumanyano), iqabane elimsulwa linokuwuqhawula umtshato. (Mateyu 5:32; 19:9) Ngokuvisisana noko, phantsi koBhengezo Olubophelela Ukuba Uthembeke, ukuziphatha okubi kweqabane kunokuba sisizinzi sokupheliswa komanyano, ukuba iqabane elimsulwa likhetha ukwenjenjalo. UmKristu omsulwa bekuya kufuneka ukuba ekunye nabadala andlale ubungqina bokungathembeki. Oku bekuya kuluphelisa uBhengezo; emva koko ubani omsulwa ebeya kukhululeka ngokweZibhalo.
Ukuqonda ukuba uBhengezo Olubophelela Ukuba Uthembeke ibandla lilujonga njengolumanyanisa ngokokuziphatha njengokuba unjalo umtshato ongokwasemthethweni kuphakamisa imbambano enxulumene noku. Oku kwenzeka xa isithintelo sangaphambili somtshato sishenxisiwe. Ngokomzekelo, kumzekelo ongasentla, umfazi ongokwasemthethweni wendoda usenokufa okanye urhulumente usenokubangela ukuba kwenziwe uqhawulo-mtshato olungokwasemthethweni, yaye ilangazelela ukutshata umfazi ongumKristu ngokwasemthethweni. Kwimeko enjalo udade akanakuqhubeka ephantsi koBhengezo Olubophelela Ukuba Uthembeke, kwanangezizathu zokuba kubangela iintloni ukutshata ngokusemthethweni ngoku okanye ngenxa yokuba esenokuphulukana nelungelo elithile lokuphathekayo. Ngokuvisisana noBhengezo lwakhe, ngoku umele athabathe amanyathelo okwenza umanyano lwabo lube lolusemthethweni. Ngaphandle koko, ibandla beliya kulwenza lube lolungasebenziyo uBhengezo, yaye bekuya kufuneka ahlukane nale ndoda okanye asuswe kubudlelane.
Noko ke, kuthekani ukuba iqabane elingakholwayo alivumi ukumtshata? Xa wayetyobela uBhengezo, ibandla lalujonga olu manyano njengolumanyanisayo nolufanelekileyo. Isibakala sokuba engenako ukunyanzela iqabane lakhe elingakholwayo ukuba lilubhalise ngokusemthethweni umanyano lwabo asilwenzi umanyano lube lolungafanelekanga. Ngoko unokuqhubeka eliqabane elithembekileyo, elingafuniyo ukwahlukana nalo ungakholwayo, nangona efanele azingise kwimigudu yakhe yokwenza umanyano lwabo ukuba lube lolusemthethweni. (Oku kulungisa amagqabaza akwi-“Mibuzo Evela Kubafundi” kaNovemba 1, 1985.)—Thelekisa ABagwebi 11:35; Luka 18:1-5.
Kambe ke, le meko iba yeyahlukileyo ukuba omabini amaqabane atyobela uBhengezo aza aba ngamaKristu abhaptiziweyo. Kule meko, omabini athi azibophelela ukungenela umtshato ongokwasemthethweni xa isithintelo esingokwaseburhulumenteni sashenxiswayo, nto leyo eyayiya kubangela ukuba kweli nqanaba uBhengezo lupheliswe. Kunyanzeleke ukuba oku bakwenze ngexesha elifanelekileyo okanye bahlukane ukuze bahlale ebandleni. (Thelekisa “Imibuzo Evela Kubafundi” ekwiMboniselo yesiNgesi kaSeptemba 1, 1982.) Ukuba ayahlukana, uBhengezo olumanyanisayo ngokufanelekileyo lusasebenza, ngoko akukho likhululekileyo ukuba limanyane nothile ongomnye.—Thelekisa eyoku-1 yabaseKorinte 7:10, 11.
Nangona ilungiselelo loBhengezo Olubophelela Ukuba Uthembeke lingasebenzi kwiindawo ezininzi, ingxubusho engasentla isekelwe kumlinganiselo weBhayibhile osebenza kuyo yonke indawo othi: “Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.”—Hebhere 13:4.