IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 3/15 iphe. 8-9
  • Ufundisa Ngemizekeliso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ufundisa Ngemizekeliso
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufundisa Ngemizekeliso
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Imizekelo NgoBukumkani
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ukungenelwa Kwimizekeliso KaYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • ‘NguThixo Okhulisayo!’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 3/15 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

Ufundisa Ngemizekeliso

KUYABONAKALA ukuba uYesu ukhalimela abaFarisi eseKapernahum. Kamva ngolo suku uyayishiya loo ndlu esiya kuLwandle olukufutshane lwaseGalili, apho izihlwele zabantu zihlanganisana khona. Khona apho ukhwela kwiphenyane, aze emke, yaye uqalis’ ukufundisa abantu abaselunxwemeni ngoBukumkani bamazulu. Ubafundisa ngongcelele lwemizekeliso, ngamnye wayo ewenza ngezinto abaqheleneyo nazo abantu.

Kuqala, uYesu uthetha ngomhlwayeli ohlwayela imbewu. Inxalenye yembewu iwela ecaleni kwendlela ize idliwe ziintaka. Enye imbewu iwela kumhlaba oselulwalweni. Ekubeni iingcambu zingendelanga ngokunzulu, izityalo ezitsha ziyabuna ngenxa yokutshiswa lilanga. Kwakhona enye inxalenye yembewu iwela emithaneni enameva, ethi xa ikhulayo iziminxe izityalo ezo. Ekugqibeleni, enye imbewu iwela emhlabeni omhle ize ixakathe iziqhamo ezilikhulu, enye amashumi amathandathu, ize ke enye ixakathe amashumi amathathu.

Komnye umzekeliso, uYesu uthi uBukumkani bukaThixo bufana naxa umntu ehlwayela imbewu. Njengoko iintsuku zihamba, ngoxa lo mntu elele naxa evuka, yona imbewu iyakhula. Lo mntu akayazi indlela ekhula ngayo. Iyazikhulela nje ize ixakathe iziqhamo. Zakuvuthwa iziqhamo, lo mntu uyavuna.

Umzekeliso wesithathu athetha ngawo uYesu ungendoda ehlwayela uhlobo oluhle lwembewu, kodwa ngoxa ileleyo, kufika utshaba luze luhlwayele umdiza phakathi kwengqolowa. Abakhonzi balo mntu bayambuza enoba bamele bawuncothule na umdiza. Kodwa ubaphendula athi: ‘Hayi, niya kusuka nincothule nengqolowa ukuba nenjenjalo. Yekani kukhule ndawonye de kube lixesha lokuvuna. Ndiyakwandula ke ndibaxelele abavuni ukuba bawususe umdiza baze bawutshise bandule ke bahlanganisele ingqolowa kuvimba.’

Eqhubeka nentetho yakhe kwizihlwele eziselunxwemeni, uYesu unikela imizekelo emibini engakumbi. Ucacisa ngelithi “ubukumkani bamazulu” bufana nokhozo lwemostade oluhlwayelwa ngumntu othile. Nangona luyimbewu encinane kwezinye iimbewu, uthi, lukhula luyivelele yonke eminye imifuno. Luba ngumthi ezithi iintaka ziye kuwo, zize zifumane indawo yokuhlala kumasebe awo.

Bambi namhlanje bema ngelithi kukho iimbewu ezincinane kakhulu kuneenkozo zembewu yemostade. Kodwa uYesu akafundisi ngenzululwazi yezityalo. Kwiimbewu aqhelene nazo amaGalili omhla wakhe, ukhozo lwembewu yemostade ngokwenene lolona luncinane kakhulu. Ngoko ayakuqonda ukukhula okungummangaliso azekelisa ngako uYesu.

Ekuqukumbeleni kwakhe, uYesu ufanisa “ubukumkani bamazulu” negwele athi umfazi alithabathe aze aligalele kwizilinganiso ezikhulu ezithathu zomgubo wengqolowa. Uthi, ekuhambeni kwexesha, lithi lingene kuyo yonke intlama.

Emva kokuba ethethe ngale mizekeliso mihlanu, uYesu uyazindulula izihlwele aze yena abuyele kwindlu ahlala kuyo. Kungekudala abapostile bakhe abali-12 nabanye baya kuye apho. Mateyu 13:1-9, 24-36; Marko 4:1-9, 26-32; Luka 8:1-8.

◆ Kunini yaye kuphi apho uYesu athi athethe nezihlwele esebenzisa imizekeliso?

◆ Yiyiphi imizekeliso emihlanu uYesu awathetha ngayo kwizihlwele?

◆ Kutheni le nto uYesu wathi ukhozo Iwembewu yemostade lolona luncinane kuzo zonke iimbewu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share