IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 5/15 iphe. 10-15
  • Uxolo Ekugqibeleni!—Xa UThixo Ethetha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uxolo Ekugqibeleni!—Xa UThixo Ethetha
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Iindwendwe Ezivela Emajukujukwini’
  • “Iindaba Ezilungileyo Ezingunaphakade”
  • Isenzo Semikhosi Yasezulwini
  • Izithunywa Zezulu Ngaba Ziyabuchaphazela Ubo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Oko Kuya Kwenziwa BuBukumkani BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ithini IBhayibhile Ngeengelosi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Zingakunceda Njani Iingelosi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 5/15 iphe. 10-15

Uxolo Ekugqibeleni!—Xa UThixo Ethetha

“Ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela.”—ISAYA 9:7.

1. Ngoxa iinkokeli zehlabathi ngokuzingisileyo zithetha ngoxolo, yintoni eye yenzeka kuyo yonke imbali yabantu?

IINKOKELI zehlabathi zisoloko zithetha ngoxolo, nabantu ngokubanzi bathi bayalunqwenela. Kanti, imeko namblanje isikhumbuza ngoko kwathethwa ngumprofeti uYeremiya: “Besithembe uxolo, akwabakho nto ilungileyo: besithembe ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.” (Yeremiya 8:15) Enyanisweni, ukususela oko uKayin wathi wabulala uAbheli, ihlabathi alikhange libe naluxolo lokwenene kodwa liye lathwaxwa lugonyamelo. Yaye inkulungwane yethu yama-20 ibe sesona sizukulwana sinogonyamelo kuzo zonke, njengoko iimfazwe zibangele ukufa kwabantu abamalunga nekhulu lezigidi. Kwixesba lethu, ama-97 ekhulwini abemi behlabathi aye abandakanyeka ubuncinane kwimfazwe enye. Ngoko ngoxa iinkokeli zehlabathi zithetha ngoxolo, ziye zakhokelela abantu bazo kumashwangusha ngamashwangusha.

2. Nguwuphi umonakalo wogonyamelo olongezelelekileyo ophawulwayo kuzo zonke iintlanga?

2 Kulo lonke olu gonyamelo kumele kongezelelwe nomonakalo wamihla le obangelwa lulwaphulo-mthetho olunogonyamelo. Ngokomzekelo, eUnited States, nyaka ngamnye abantu abamalunga nama-20 000 bayabulawa. Abafazi abangaphezu kwama-80 000 bayadlwengulwa, nabanye abaninzi ngakumbi abadlwengulwayo abangakubikiyo oko. Phantse abafazi abazizigidi ezibini babethwa kabuhlungu ngamadoda abahlala nawo. Yaye malunga nesinye kwisine sawo onke amakhaya senziwa ixhoba lolwaphulo-mthetho. Ingxelo iqukumbela ngelithi: “Siye saba ngabantu abanogonyamelo ngokoyikekayo.” Le meko injalo kwinkoliso yamanye amazwe.

3. Luluphi ugonyamelo olude lwalukhulu ngakumbi olunokwenziwa kwintsapho yoluntu ngoku?

3 Noko ke, konke oko kufana nokungekhoyo xa kuthelekiswa nogonyamelo obelunokwenziwa ngezixhobo zenyukliya zanamhla. Kukho ezaneleyo ukuba zingabulala wonke ummi osemhlabeni ngokuphindwe kali-12! Omnye ugqirha wathi: “Abantu banamhlanje abanolwazi ngezamayeza abayi kuba nanto abanokuyinika amaxhoba emfazwe yenyukliya.” Ngoba kutheni? Omnye waphendula wathi: “Inkoliso yoogqirha, abongikazi namagcisa enzululwazi ebeya kube ebulewe . . . Izibhedlele beziya kube zitshatyalalisiwe. Ngoko bebeya kuba mbalwa abaseleyo abanolwazi nezixhobo ezaneleyo zokusindisa nabani na.”

4, 5. (a) Enye impapasho yanikela waphi amagqabaza mayela nokungabikho koxolo kwixesha lethu? (b) Owayesakuba ligosa likarhulumente wagqabaza wathini ngendlel’ efanayo?

4 Mayela nokungabikho koxolo kwixesha lethu, inqaku eliphambili lencwadi yonyaka yakutshanje ye-Encyclopœdia Britannica lalinomxholo othi: “Ihlabathi Lethu Eliziintlaba-zahlukane—Isisongelo Sesiphithiphithi Sehlabathi.” Lathi: “Emva kowe-1945 kwakucingwa ukuba ‘inkqubela’ ngandlel’ ithile yayiyinto engenakuphepheka nekamva lehlabathi lanamhla laliza kuba lelomanyano nemvisiswano.” Kodwa lathi, ezo ngcinga “ziye zangqineka zizeziphosakele ngokupheleleyo,” lisongezelela ngelithi: “Kunoko, into eye yenzeka . . . kukuba ihlabathi liba ziintlaba-zahlukane ngokuthe ngcembe nangokuqhubekayo. Amazwe amaninzi awayekuthabatha lula ukumanyana kwawo njengohlanga nangokweenjongo ebeqhekeka . . . [abe] zizizwe, ngamaqela eentsapho, [amahlelo] onqulo, . . . izihange zasedolophini, amaqela abulalayo, amaqela abagrogrisi, amaqela abanqolobi, namaqela azingcayo acingela nje iziqu zawo.”

5 Ngokufanayo, owayesakuba ligosa eliphambili lorhulumente eUnited States wathi: “Izinto ezibangela ukungazinzi kwezizwe ngezizwe zixhaphake ngakumbi kunezo zibangela intsebenziswano entle ngakumbi. Umphumo ongenakuphepheka wako nakuphi na ukuhlolwa kwemikhwa yehlabathi njengokuba linjalo ngowokuba isiphithiphithi esingokwentlalo, udushe lobupolitika, amanqam ezoqoqosho, nokuxabana kwezizwe ngezizwe kusenokuba zizinto eziya kusasazeka ngakumbi ebudeni benxalenye eseleyo yale nkulungwane.” Waqukumbela ngelithi: “Ngokufutshane, isisongelo esijongene noluntu . . . sisiphithiphithi sazwenibanzi.”

‘Iindwendwe Ezivela Emajukujukwini’

6. Umhleli wephephandaba wakuchaza njani oko kunokuthethwa ziindwendwe ezivela emajukujukwini ngeli hlabathi namhlanje?

6 Ngenxa yako konke oku, umhleli wabhala kwiphephandaba laseCleveland wathi: “Ukuba kwiveki ezayo bekunokufika iindwendwe ezivela kwikroza elikude, ngaba besinokuzixelela ukuba kufuneka sizibulele ukuze senze inkqubo yobukomanisi okanye yobukhapitali ibe yeyongamileyo? Ngaba besinokuzicacisela ukuba besiluhlobo apha oluzahlule laba ziintlanga, kwanokuba ezo ntlanga bezizimisele ukubulalana kwimilo ebakho ngamathuba athile yokunxanela igazi? Besinokuyicacisa njani into yokuba siyeka abanye bohlobo lwethu balambe, ibe abanye bazinikele ngokugqithisileyo ekonakaleni nasekungazini, kuba ukufa kwabantu abaninzi ngexesha bekuyeyona nto iphambili kuthi? Ezi ndwendwe zivela kwikroza elikude zakufika kowazo ngokuqinisekileyo bezingasichaza njengabahedeni. . . . Mhlawumbi besingaqhayisa ngelokuba nathi senze izinto ezinkulu saza senza okusesikweni. Kodwa beziya kuncuma zibuhlungu zize zihambe ngaphambi kokuba konakale.”

7, 8. (a) Ziziphi iindwendwe ezinamandla ezihlola uluntu ngoku? (b) Kutheni zilapha nje?

7 Bambi basenokuthi, ‘Akukho “zindwendwe zivela emajukujukwini” ezihlolisisa ngaloo ndlela.’ Hayi, azikho ezivela kumajukujuku anokubonwa ngabantu. Kodwa kangangeminyaka eliqela ngoku, iindwendwe ezinengqondo ekrelekrele nezinamandla agqithiseleyo bezikuhlola ngokucokisekileyo oko bekusenziwa luluntu kulo ngokwalo nasemhlabeni. Ukongezelela, ziqinisekisa ukuba isigidimi esicacileyo siyadluliselwa “ngaphambi kokuba kuqhume irhuluwa.”

8 Zingoobani ezo ndwendwe zinamandla eziye zahlola uluntu? ILizwi likaThixo lisixelela ukuba zingabameli bakaThixo abakummandla womoya, izithunywa zezulu ezithembekileyo, ezo aye wazithuma emhlabeni ukuba ziwuhlole. Ithetha ngezi zidalwa zokomoya, INdumiso 103:20 ithi: “Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, ephulaphula isandi selizwi lakhe.” Ezi zithunywa zezulu zinamandla zikhankanywa ngokufuthi eBhayibhileni. Ngokomzekelo, kuMateyu isahluko 25 isiprofeto esingexesha lethu sithi kwindinyana 31 neyama-32: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xesha uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni.”

9. Yiyiphi indima ayiphumezayo uKristu Yesu ebudeni bokuhlolwa koluntu?

9 Lo “Nyana woMntu” ungummeli ophambili kaThixo, onguYesu Kristu. Emva kokuvuselwa kwakhe ezulwini, uye walindela ukuba uYehova amnike esi sabelo sikhethekileyo. Njengokuba INdumiso 110:1 ikuchaza oku, uYehova wathi kuye: “Hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isitulo seenyawo zakho.” Inzaliseko yesiprofeto seBhayibhile ibonisa ukuba ixesha lokuba uThixo athumele esi sidalwa sokomoya sinamandla ukuba siqalise ukusebenza lafika ngonyaka we-1914.

10. Zingaphi izithunywa zezulu ezisenokuba zikunye noKristu njengoko zincedisa kumsebenzi wokwahlula?

10 Kodwa wayengazukuza yedwa, kuba uMateyu 25:31 wathi “zonke izithunywa” zaziya kuba kunye naye. Bezingaba zininzi kangakanani? ISityhilelo 5:11 (NW) sithi: “Ndabona, ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenze isangqa etroneni [kaThixo], . . . laye inani lazo lingamawaka alishumi angamawaka alishumi.” Ishumi lamawaka eliphindaphindwe ngeshumi lamawaka lenza i-100 lezigidi zezithunywa zezulu! Kanti, ISityhilelo sikubeka kwisininzi oku sisithi “amawaka alishumi angamawaka alishumi” ezithunywa zezulu ezikhonza uThixo. Oko kuthetha ukuba kwakukho amakhulu ezigidi zezithunywa zezulu, mhlawumbi ingamawaka ezigidi okanye nangaphezulu. Phantsi kolwalathiso lukaKristu, ezi zidalwa zokomoya zincedisa abameli bakaThixo abasemhlabeni ekwahluleni uluntu ekubeni ngamaqela amabini, elinye lisiya “elubethweni olungunaphakade,” elinye “ebomini obungunaphakade.”—Mateyu 25:46; bona kwanoMateyu 13:41, 42.

“Iindaba Ezilungileyo Ezingunaphakade”

11. Ziziphi “iindaba ezilungileyo ezingunaphakade” ezixhaswa zizithunywa zezulu ngeli xesha?

11 Sisiphi isigidimi esibalulekileyo esixhaswa zezi ndwendwe zizizithunywa zezulu apha emhlabeni ngeli xesha? ISityhilelo 14:6 siyasazisa: “Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu.” Ziziphi ezi ‘ndaba zilungileyo zingunaphakade’? Zinento yokwenza noko uYesu wathi kwakuya kuba bobunye bobungqina obuninzi bokuba siphila kwimihla yokugqibela. KuMateyu 24:14 wathi: “Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”

12, 13. (a) Luyintoni ulawulo loBukumkani? (b) Kutheni le nto isigidimi soBukumkani sizezona ndaba zilungileyo kwezinye iindaba?

12 UBukumkani bukaThixo bungurhulumente wasezulwini oya kulawula phezu komhlaba emva kokuba ulawulo lomntu lwangoku luphelisiwe. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10) UKumkani wabo nguKristu Yesu, ibe unabalawuli abaza kuba kunye naye. (ISityhilelo 14:1-4; 20:4) Obo Bukumkani bobo kuthethwe ngabo kuDaniyeli 7:14 ngala mazwi: “Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.”

13 Kutheni le nto isigidimi esingolawulo loBukumkani siziindaba ezilunge kangaka nje, le nto sizezona ndaba zilungileyo nje? Kungenxa yokuba buya kuzisa ihlabathi elitsha, isiseko esitsha sebutho labantu. Phantsi koBukumkani bukaThixo uluntu luya kuzuza iintsikelelo ezimangalisayo kangangokuba INdumiso 37:11 xa ithetha ngabo baya kuba bephila ngoko ithi: “Abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” Ewe, “uYehova uya kubasikelela abantu bakhe ngoxolo.” (INdumiso 29:11) Namhlanje, ngaphambi kokuba uBukumkani buqalise ukuyilawula ngokupheleleyo imicimbi yomhlaba, iindaba ezilungileyo zolawulo lwabo olusisigxina noloxolo oluphathiswe “uMthetheli woxolo” zishunyayelwa kuzo zonke iintlanga. Oku kwenziwa ngabakhonzi bakaThixo abasemhlabeni phantsi kolwalathiso lukaKristu nolwezithunywa zezulu.—Isaya 9:6, 7.

14. (a) Yiyiphi enye indlela esinokuthi sibaqonde kakuhle ngayo abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni? (b) Intsikelelo ecacileyo kaThixo ibekho njani phezu kwabo?

14 Bangoobani aba bakhonzi bakaThixo basemhlabeni? Kaloku, ngoobani abakuphela kwabo batyelela abantu ngokuthe rhoqo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani? Kwanabachasi babaqonda bengamaNgqina kaYehova. Ngoku bangaphezu kwezigidi ezithathu yaye inani labavakalisi boBukumkani landa ngokukhawuleza. Kunyaka ophelileyo, abalungiseleli abasebatsha beendaba ezilungileyo abangama-225 868 baye bamiselwa. Yaye kuloo nyaka mnye, amabandla amatsha amaNgqina kaYehova angama-2 461 aye asekwa ehlabathini jikelele, nto leyo engumlinganiselo wamabandla ama-6 suku ngalunye, esenza isimbuku sama-52 77 amabandla kumazwe angama-208. Kuyinyaniso ukuba, isiprofeto sikaIsaya 60:22 siyazaliseka: UYehova uyawukhawulezisa umsebenzi wakhe wokushumayela nowokuhlanganisa “ngexesha lake.” Ibe elo xesha lingoku!

15. Siyintoni isizinzi sokugweba abantu namhlanje?

15 Indlela abasabela ngayo abantu kwiindaba ezingolawulo loBukumkani isisizinzi sokugqiba enoba baya kwahlulelwa ukuya “elubethweni olungunaphakade” okanye ukuya “ebomini obungunaphakade” kwihlabathi elitsha. Abaninzi basabela njengabo bachazwe kweyesi-2 yeziKronike 36:15, 16: “UYehova . . . wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane . . . Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova.” Kodwa abanye basabela ngendlela efanelekileyo baza bakhuseIwa nguYehova. “Ke yena ondivayo [mna bulumko bokwenyaniso] uhleli ekholosile, wonwabile ekunkwantyiseni kokubi.”—IMizekeliso 1:20, 33; Mateyu 25:34-46.

Isenzo Semikhosi Yasezulwini

16. UThixo uya kuthetha njani kamsinya noluntu olungathobeliyo?

16 Kungekudala, umsebenzi wokushumayela wabakhonzi bakaYehova uya kugqitywa ukuya kutsho kwinqanaba yena alimiseleyo. Umonde athe uThixo wawubonakalisa kuluntu olungathobeliyo uya kuphela. Isigidimi soxolo ebesixelela uluntu kwesi sizukulwana siya kuguquka. Kunoko, “iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.” (INdumiso 2:5) Kunjengokuba uYehova esithi: “Ndithethe ndinobukhwele, ndinomlilo wokuphuphuma komsindo wam.” (Hezekile 38:19) Uya kuthi ke anike uYesu Kristu umqondiso wokuba athumele imikhosi yasezulwini itshabalalise eli hlabathi linemvukelo nelichas’ umthetho.

17. Abonakaliswa njani amandla esithunywa nje esinye?

17 Oko kuya kuphunyezwa yiloo mikhosi kunokubonwa koko kwenzeka kwiAsiriya xa lathi lafika ixesha likaThixo lokuba ayitshabalalise. EyeSibini yooKumkani 19:35 ithi: “Kwathi ngobo busuku, kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wamaAsiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka. . . . nango, ezizidumbu ezifileyo onke.” Oko yinto eyenziwa sisithunywa nje esinye! Okuya kwenziwa kungekudala ngamashumi amawaka angamashumi amawaka azo kuya kunkwantyisa.

18. Intshabalalo iya kuba yecokiseke kangakanani ekupheleni kwale nkqubo?

18 UYeremiya 25:31-33 uchaza oko kuya kwenzeka ngala mazwi: “UYehova ubambene neentlanga; uya kugweba phakathi kwenyama yonke; abangendawo ubanikela ekreleni; utsho uYehova. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ububi buya kuphuma eluhlangeni, buye eluhlangeni, umoya omkhulu ovuthuzayo uvuke esinqeni sehlabathi. Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangahlanganiswa, bangangcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba.”

19. ISityhilelo isahluko 19 songezelela ziphi iinkcukacha ezibhekele phaya?

19 ISityhilelo isahluko 19 sichaza indlela uYehova aya kukuphumeza ngayo konke oku. Kungokwenza ukuba uYesu Kristu aphume iphulo yaye, njengokuba indinyana 14 isitsho, “imikhosi esemazulwini” imlandela. Ibe indinyana 17 neye-18 ithi: “Ndabona sithunywa sithile sasezulwini, simi elangeni; sadanduluka ngezwi elikhulu, sisithi kuzo zonke iintaka eziphaphazelayo esazulwini sezulu, Yizani nizihlanganisele esidlweni sikaThixo omkhulu; ukuze nidle inyama yookumkani, nenyama yabathetheli-waka, nenyama yamagorha, nenyama yamahashe, neyabakhweli bawo, nenyama yabo bonke abakhululekileyo nabangamakhoboka, neyabancinane neyabakhulu.” Yaye indinyana 19 ukusa kweyama-21 zichaza intshabalalo yazo zonke izinto ezimiselwe ngabantu ngenxa yokuba bakwalayo ukuphulaphula xa uThixo wayethetha ngabathunywa bakhe basemhlabeni.

20. Kutheni le nto eli hlabathi belingenakutshatyalaliswa yintlekele yenyukliya?

20 Ngaloo ndlela, liza ngokukhawuleza ixesha lokuba uThixo ayiphelise le nkqubo yehlabathi inogonyamelo neziintlaba-zahlukane. Kodwa eso siphelo asiyi kuba kukuzibhubhisa okungenxa yemfazwe yenyukliya phakathi kweentlanga. Ukuba oko bekunokwenzeka, amalungisa ebeya kuphanziswa ndawonye nabangendawo. Noko ke, ‘ukonakalisa’ okuya kubangelwa nguThixo ngokuchasene neli hlabathi akuyi kuba njalo kodwa kuya kuba kokukhethayo. Kuya kubakho abaya kusindela kwihlabathi elitsha. Kunjengokuba IMizekeliso 2:21, 22 isithi: “Abathe tye baya kulima ilizwe, basale kulo abagqibelele yo, banqunyulwe ezweni abangendawo, abanginizayo bancothulwe kulo.”

21. Yiyiphi imibuzo ebhekele phaya eya kuxutyushwa kwinqaku lethu elilandelayo?

21 Kutheni le nto eli hlabathi liye lafikelela kule meko yenze ukuba intshabalalo yazwenibanzi ibe yesondele gqitha? Ngaba akunakwenzeka ukuba imigudu yoxolo eyenziwayo ngoku ziinkokeli zehlabathi iya kuba nesiqhamo, ukuze kusinde le nkqubo? Yaye ukuba sifuna ukuqukwa phakathi ‘kwabathe tye nabagqibeleleyo’ abaya kusindela kwihlabathi elitsha baze baqhubeke bephila simele siziphathe njani kweli xesha elilelona libalulekileyo kuyo yonke imbali yabantu? Inqaku lethu elilandelayo liya kuxubusha ngale mibuzo.

Uphendula Ngelithini?

◻ Ukungabikho koxolo kuye kwabonakala njani, ingakumbi kwixesha lethu?

◻ Izithunywa zezulu zibandakanyeke njani ekwahluleni uluntu namhlanje?

◻ Kutheni le nto isigidimi soBukumkani ‘siziindaba ezilungileyo ezingunaphakade’?

◻ Abantu baya kugwetywa ngokwasiphi isizinzi ukuze bafumane ubomi okanye ukufa?

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Umsebenzi wamaNgqina kaYehova uxhaswa zizithunywa zezulu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share