‘UThixo Uya Kunilungisa Nigqibelele’
IMBALEKI elungiselela ukhuphiswano olubalulekileyo ifanele iziqeqeshe ngamandla. Ifuna ukuqeqesha umzimba wayo ukuze ngaloo mhla mkhulu, ibaleke kangangoko inako. NamaKristu afanele aziqeqeshe ngamandla kodwa enosukelo olwahlukileyo. Umpostile uPawulos wathi: “Ziqhelise ukuhlonela uThixo.”—1 Timoti 4:7.
Ngaloo ndlela, umKristu ufanele azigcine eqeqeshekile ngokwasemoyeni. Njengoko imbaleki isakha umzimba wayo, umKristu wakha amandla nokunyamezela kwakhe kokomoya. Oku ukwenza ngokufundisisa iLizwi likaThixo iBhayibhile, ngomthandazo, ngokunxulumana ngokuthe rhoqo namaKristu angoowabo nangokulubonakalisa ekuhleni ukholo lwakhe.
Imbaleki idla ngokuba nomqeqeshi, yaye namaKristu anaye umqeqeshi. Ungubani? Akukho wumbi ngaphandle koYehova uThixo! Umpostile uPetros wabonisa ukuluxhalabela kukaYehova ucwangciso lwamaKristu lokuziqeqesha, ngokubhala athi: “UThixo walo lonke ubabalo . . . wanga angathi ngokwakhe, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.” (1 Petros 5:10) UYehova usiqeqesha njani? Usiqeqesha ngeendlela ezininzi, yaye zonke zibalulekile kuthi ukuba sifuna ukuhlala sakhekile njengamaKristu.
Uqeqesho Olungqalileyo
UPetros waqeqeshwa nguYehova. Sinokufunda lukhulu kumava akhe. Maxa wambi uqeqesho lukaPetros lwalusiba buhlungu. Khawuthelekelele indlela amele ukuba wavakalelwa ngayo uPetros xa wazama ukunqanda uYesu ukuba angayiphumezi injongo kaThixo, waza uYesu wamphendula esithi: “Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.” (Mateyu 16:23) Kwakhona, khawuyithelekelele indlela awavakalelwa ngayo kwiminyaka emininzi kamva xa ukoyika umntu kwamkhokelela ekubeni enze ngobudenge. Umpostile uPawulos wasebenzisa uqeqesho lukaYehova ngeso sihlandlo: “Xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo.”—Galati 2:11-14.
Sekunjalo, kuzo zozibini ezi zihlandlo uYehova wayemqeqesha uPetros. Wafunda ukuba “lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo.” (Hebhere 12:11) Ukwamkela ezo zohlwayo ziqatha njengoqeqesho oluvela kuYehova kwamnceda uPetros ukuba abe nembono efanelekileyo ngemicimbi yaye kwamqeqeshela kwiimpawu ezibalulekileyo zobuKristu ezikukululama nokuthobeka.—IMizekeliso 3:34; 15:33.
Ukusingatha Iimeko
UYehova unokusiqeqesha ngokuvumela ukuba kuvele iimeko ekunzima ukujongana nazo—maxa wambi ezi meko zibakho kanye kwibandla lamaKristu. Njengoko sithandazela ukhokelo, sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile esiyifundileyo size sibone indlela ekusoloko kulunge kunene ngayo ukusebenzisa loo migaqo, sithi sikhule njengamaKristu.
UPetros wayebandakanyekile kwiimbambano ezaziphakathi kwabapostile bakaYesu. Xa sifunda iingxelo zoku, kubangel’ umdla ukubona indlela uYesu awazisebenzisa ngayo ezi mbambano—ngokwenene ezazibangelwa kukungafezeki nokungabi namava—njengamathuba okuqeqesha abalandeli bakhe kwiimpawu ezisisiseko zobuKristu uthando, ukuthobeka nokuxolela.—Mateyu 18:15-17, 21, 22; Luka 22:24-27.
UPawulos naye wabandakanyeka kwimbambano zobuqu. (IZenzo 15:36-40; Filipi 4:2) Wacacisa indlela iingxaki ezinjalo eziwavulela ngayo amaKristu ithuba lokuzuza uqeqesho esithi: “Ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.”—Kolose 3:13, 14.
Kwinkulungwane yokuqala, kwavela ingozi embi kakhulu phakathi kwamaKristu. UPetros walumkisa ngayo esithi: “Naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya. Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso.” (2 Petros 2:1, 2) La mava ayeya kuphumela ekutshabalaleni ‘kwabafundisi bobuxoki’ abangaguqukiyo. (2 Petros 2:3) Kodwa kuthekani ngabo bahlala bethembekile?
Amava ayeya kubaqeqesha ukuze ‘bavuselele ingqondo yabo engcwengekileyo.’ (2 Petros 3:1) Ukukuphaphela kwabo ukuzilinda nxamnye nokungena kwemfundiso yobuxoki kwakuya kufuna ukuba bacamngce ngezizathu zokholo lwabo. Njengoko bayibonayo imiphumo emibi yezenzo ‘zabafundisi bobuxoki,’ ukuthembela kwabo kwinyaniso engokobuKristu kwakuya kuba namandla ade angakumbi.—2 Petros 3:3-7.
Ngokomzekelo, kwelinye ibandla umpostile uYohane owalupheleyo wachaswa ngumntu othile ogama linguDiyotrefe, indoda eyayinamabhongo neyayingenantlonelo ngegunya likaYohane neyayingazange nje yale ukwamkela izigidimi ezathunyelwa nguYohane kodwa ekusenokwenzeka ukuba yade yalinga ukubasusa kubudlelane abo bazamkelayo. Oku kumele ukuba kwakubuhlungu kuwo onke amaKristu anyanisekileyo awayekwibandla awayekulo uDiyotrefe. Kodwa kwawanika ithuba lokubonisa ukuba ‘ayengalandeli okubi’ aze ngaloo ndlela azuze uqeqesho olungakumbi lokunyaniseka kuYehova nakwigunya lompostile.—3 Yohane 9-12.
Ekuqhubaneni NabangengomaKristu
UYesu wathi abalandeli bakhe babengengabo abehlabathi. (Yohane 17:16) UmKristu kuqala umele anyaniseke kuYehova nakuBukumkani bakhe. Uzama ukulondoloza imilinganiselo kaThixo yokuziphatha okuhle, ngoko ezona zinto anomdla kuzo nazixhalabeleyo zahlukile kwezo zehlabathi. Phofu ke, umKristu ufanele aphile ehlabathini, yaye oku ngokungenakuthintelwa kubangela ukungonwabi.
UPetros, ebudeni bobulungiseleli bakhe bexesha elide, umele ukuba kangangezihlandlo ezininzi wabona amaKristu ekwafuneka enze izigqibo ezinzima, elungelelanisa iimfuno zehlabathi kunye noko ayekuyaleIwa zizazela zawo. Kwincwadi yakhe yokuqala, uPetros wanikela isiluleko esihle nesisebenzisekayo ngendlela yokwenza oku ukuze amaKristu ‘ahlale enesazela esilungileyo.’—1 Petros 2:13-20; 3:1-6, 16.
Kambe ke, njengamaKristu sikhangele phambili kwixesha laxa singasayi kuphinda siziqwalasele iimfuno zale nkqubo yezinto. Kodwa okwangoku sisaqeqeshelwa ukunyamezela yaye sisavunyelwe ukuba sibonakalise ukunyaniseka kwethu xa sijamelene nesilingo neempembelelo zokungahloneli Thixo. Njengoko sizuza amava ekusebenziseni imigaqo yeBhayibhile kwiimeko ezahlukileyo size ngenkalipho senze ngendlela esaziyo ukuba uYehova ufuna senze ngayo, sikwaqeqeshelwa ubulumko obusebenzisekayo nokukhalipha. Khawucinge ngendlela esiya kuthi sonke siqeqesheke ngakumbi ngayo ngenxa yokuba siye saphila kule nkqubo saza ngempumelelo sasingatha iingxaki ezinzima ezininzi gqitha!
Phantsi Kwentshutshiso
Xa uPetros wayethetha ngokuqeqeshwa kwethu nguThixo, wayebhekisela ngokukodwa kwintshutshiso. Wabonisa ukuba amaKristu afanele ayilindele intshutshiso: “Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo.”—1 Petros 5:8; bona neyesi-2 kuTimoti 3:12.
UPetros wayekufanelekele ukuthetha ngako oku kuba yena buqu wanyamezela intshutshiso. Kwiintsuku zokuqala zebandla lamaKristu, yena nabanye abapostile batywatyushwa baza bayalelwa ukuba bayeke ukushumayela. Basabela njani? “Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.”—IZenzo 5:41.
Ngenxa yoko, uPetros wathetha ngokwamava, yaye ephantsi kwempefumlelo, xa wathi: “Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba. Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu.”—1 Petros 4:13, 14.
Ewe, nentshutshiso yokoqobo isenokuba yindlela yoqeqesho. Phantsi kwayo, umKristu ufunda ukuthembela ngokude kwangakumbi ngomoya kaThixo. Ukholo lwakhe luvelisa “ukucikideka.” (1 Petros 1:7) Uqeqeshwa ngenkalipho esekelwe emandleni kaYehova. (2 Timoti 1:7) Uba ngonyamezela ngomonde, yaye njengoYesu, ‘ufunda ukululama ngobunzima abuvayo.’—Hebhere 5:8; 1 Petros 2:23, 24.
UYehova Uyasilungisa Sigqibelele
Kambe ke, iingxaki eziqatha umKristu azinyamezelayo, kuquka intshutshiso, aziveli kuThixo. UYakobi ululeka athi: “Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena.” (Yakobi 1:13) Basenokuba baninzi oonobangela beengxaki, abaquka ukwenza kwabantu iimpazamo okanye ukuyisebenzisa kwabo ngokuphosakeleyo inkululeko yabo yokuzikhethela. Phofu ke, ekubeni izinto ezinjengezo zisenzeka, uYehova uzisebenzisela ukuqeqesha abakhonzi bakhe kwiimpawu ezixabisekileyo zobuKristu.
UYobhi, uYeremiya, uPetros, uPawulos nabo bonke abanye abakhonzi bakaThixo bexesha lokubhalwa kweBhayibhile baqeqeshwa ngale ndlela. Kwanathi, njengoko sijamelene neemeko ezinzima nezahlukahlukeneyo, sifanele sizijonge njengomthombo woqeqesho oluvunyelwe nguYehova. Ngokujamelana kwethu nezi meko sithembele kumandla kaYehova, siya kuqeqeshwa kwintobeko, kubulumko, kukuthobeka, kwinkalipho, kuthando, kunyamezelo nakwezinye iimpawu ezininzi.—Thelekisa uYakobi 1:2-4.
Kwakhona siyakhuthazeka xa sisazi ukuba oku kuqeqeshwa kwethu kuya kuthi ngamhla uthile kudlule. Kungenxa yoko le nto uPetros wathuthuzela amaKristu angoowabo, esithi: “Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.” (1 Petros 5:10) La mazwi asebenza ngokufanayo ‘kwisihlwele esikhulu’ esikhangele phambili kubomi obungunaphakade kumhlaba oyiParadisi.
Loo mbono iyodwa nje ifanele isincede ukuba sizithobe ngomonde kula mava aqeqeshayo, sizimisele ukuba singalalanisi. Ngaloo ndlela, siya kububona ubunyaniso bamazwi kaPawulos athi: “Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.”—Galati 6:9.