Ukukhafula UThixo Ukujonga Njani?
“INTO eyenza ubuhlobo buqine kukuthanda izinto azithandayo omnye nokuthiya izinto azithiyileyo,” watsho njalo umbhali-mbali ongumRoma uSallust. Eneneni, umntu ongumhlobo ngulowo uneempawu ezininzi enifana ngazo, umntu onokukholosa ngaye. Kwangokunjalo, uThixo usijonga njengabahlobo ibe uyasivumela ukuba sisondele kuye ukuba siyazithanda izinto azithandayo size sizithiye azithiyileyo. Oku kuthetha ukuba siba nomdla kwezo mpawu zikaThixo zinjengothando, uxolo, ububele nokulunga, yaye kukwathetha ukwenza kwethu imigudu yokunyaniseka ekuxeliseni ezi mpawu ebomini bethu.—Galati 5:22, 23.
Ngoko, ukuze sibone ukuba uThixo uyakholiswa na kukukhafula, kuqala simele sihlolisise isiqhamo sako. (Mateyu 7:17, 18) Ngaba kuyasinceda ukuba neempawu ezinomtsalane zikaThixo? Ukuze sicacelwe, makhe siqwalasele imizekelo emibini yoko kwenzeka ngokwenene.
Ukuvumisa, Ukubandezela Nokufa
UAsamaja Amelia, olibhinqa eliliqina laseSuriname, wayeneminyaka eli-17 ubudala xa wathi okokuqala wavumisa, nto leyo eluhlobo oluthile lokukhafula. Ekubeni izinto awayezixela ngaphambili zazisenzeka yaye abantu abafuna ukwazi babengenelwa kwicebiso lakhe, wayexatyiswe gqitha kummandla wakowabo. (Thelekisa IZenzo 16:16.) Kodwa inye into eyayimkhathaza.
Uthi, “Imimoya eyayisebenzisa mna njengesithethi sayo yayinobubele kwabo bafuna uncedo lwayo, kodwa kwangaxeshanye yandibangela ukuba ndibe yinto eludwayi. Qho emva kokuhlala kwam phantsi, ndandiba ngathi ndibethiwe yaye kube nzima nokushukuma oku. Xa kusihlwa, ndandiba nethemba lokuphumla, kodwa le mimoya yayingandiniki thuba. Yayiqhubeka indiphazamisa, ithetha nam yaye indiphuthelisa. Andisathethi ke ngezinto eyayizithetha!” Uyakhwina aze aqondele phantsi, ahlunguzele intloko ngelicekisayo. “Yayikuthanda ukuncokola ngesini yaye izingisa ngelokuba ifuna ukuba neentlobano kunye nam. Oku kwakumangalisa. Ndanditshatile. Ndandingafuni ukuba ngongathembekanga ibe ndandiyixelela oko. Oku kwakungancedi nto. Umoya othile ongabonakaliyo wakhe wandiqoba amandla, wandibamba waza wawukhama umzimba wam, wade wandibetha nokundibetha. Ndandiphila kalusizi.”
Usenokudanduluka uthi, ‘Uthi imimoya yayikhuthaza ukuziphatha okubi ngokwesini? Yintsomi emini leyo!’ Ngaba loo mimoya ngenene yonakele ngolo hlobo?
UIzaak, okhankanywe ngaphambilana, uthi “Yonakele nangaphezu koko! Ngobunye ubusuku sabizwa ukuba siye kunceda elinye ibhinqa elaligula likhathazwa ngumoya. Inkokeli yeli qela—eyayisetyenziswa ngomnye umoya owawunamandla ngakumbi—yazama ukuwugxotha lo moya. Imini yonke sasicela uncedo lomoya wayo. Sasingqungqa yaye sibetha amagubu, yaye ngokuthe ngcembe eli bhinqa lachacha. Le nkokeli yawuyalela lo moya ukuba uphume, ibe oko kwenzeka. Incumile le nkokeli yathi, ‘Siphumelele.’ Sandula ke sahlala phantsi saza saphumla.”
Izandla abeziphekuza njengoko ethetha uIzaak ziyehla okwethutyana ngoxa enqumama ecinga. Wandula ke ahlabele mgama esithi: “Okwethutyana zonke izinto zabonakala ngathi zimi kakuhle, kodwa kwathi kwavakala isikhalo esaphazamisa loo nzolo. Sabalekela kuloo ndlu sasisitsho kuyo saza sabona inkosikazi yenkokeli. Ityhwatyhwa luloyiko yayikhala esimantshiyane. Endlwini, safumana intwazana yayo—intloko yayo ijonge ngasemva! Umoya othile wawukhame intamo yayo waza wayaphula, uyibulala oku kwentshontsho lenkuku—ekucaca ukuba lo moya wakhutshwayo waya kuziphindezela kuyo. Ibangel’ ubublungu loo nto! Loo mimoya izizigwinta ezikhohlakeleyo.”
Ukukhafula ‘Nemisebenzi Yenyama’
Ukungcola, ukuziphatha okubi ngokwesini nokubulala—njengoko kuye kwabonwa kula mava aba bantu babini babekhafula—ziimpawu ezahluke ngokupheleleyo kubuntu bukaThixo. Ibe oko kuyasinceda siqonde ukuba ngokwenene loo mimoya yekabani na. Isenokuzimilisa okwezigidimi zikaThixo, kodwa imisebenzi yayo yokuziphatha okubi neyokubulala iyibhenca njengaleyo ixelisa utshaba lukaThixo nombulali wokuqala embalini, uSathana uMtyholi. (Yohane 8:44) Uyinkokeli yayo. Incedisa yena—izizithunywa ezingendawo, okanye iidemon.—Luka 11:15-20.
Kodwa usenokubuza uthi: ‘Ngaba ezi mpawu zikaSathana zibonakala kuphela ngamathuba athile ekukhafuleni? Ngaba ukukhafula ngokufuthi kunokundinxibelelanisa nemimoya elungileyo ebingandinceda ukuba ndisondele kuThixo?’ Hayi, iBhayibhile ikudwelisa “ukukhafula” neminye “imisebenzi yenyama” echasene ngqo neempawu zobuKristu.—Galati 5:19-21.
KwiSityhilelo 21:8 ‘abakhafuli’ (“abo bancokola needemon,” The Living Bible) babotshwa ngabande linye “nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo . . . nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki.” UYehova ubajonga njani abantu abaxoka ngabom, abantu abahenyuzayo, ababulali nabakhafuli? Uzithiyile izenzo zabo!—IMizekeliso 6:16-19.
Ngoko ke, ukukhafula kuyafana nokuthanda oko uYehova uThixo akuthiyileyo. Kunjengokucekisa uYehova, ukuba kwikampu kaSathana, nokuzimisa ngakwicala lotshaba olukhulu lukaThixo nabancedisi balo. Ngoko khawucinge ngale nto: Ngaba ubungathanda ukunxibelelana nomntu ozimisa kwicala leentshaba zakho? Ngokuqinisekileyo ubungenakwenjenjalo. Kunoko, ubuya kuhlala umlumkele loo mntu. Kuyacaca ke ngoko ukuba, sinokulindela ukuba uYehova uThixo asabele kwangaloo ndlela. IMizekeliso 15:29 ithi, “UYehova ukude nabangendawo.”—Bona kwaneNdumiso 5:4.
Ukukhafula Kukhokelela Ekufeni
Kwakhona ukudlala ngokukhafula kukusongela ubomi. UThixo wayekujonga njengento eyayifanele izise isohlwayo esikhulu kubantu bakhe kuSirayeli wamandulo. (Levitikus 20:27; Duteronomi 18:9-12) Ngoko ayifanele isimangalise into yokuba abakhafuli ‘bengayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.’ (Galati 5:20, 21) Kunoko, ‘isabelo sabo siya kuba sedikeni elivutha umlilo,’ nto leyo ethetha ‘ukufa kwesibini,’ okanye ukutshatyalaliswa okungunaphakade. (ISityhilelo 21:8) Liyinyaniso elokuba, namhlanje zimbi zeecawa zeNgqobhoko zisenokukunyamezela ukukhafula, kodwa imbono yeBhayibhile ayiguqukanga.
Kuthekani ukuba ubusele uthabathe amanyathelo okuqala okuzibandakanya ekukhafuleni? Ngoko woba wenza kakuhle ukuba ukuyeka ngokukhawuleza uze uguquke. Landela icebiso elaphefumlelwa nguThixo umprofeti kaThixo uIsaya awalinika amaSirayeli akudala. Imeko yawo ifana nqwa naleyo yabantu namhlanje ababandakanyeke kulo mkhwa ungacocekanga kodwa becinga ukuba kwangaxeshanye banqula uThixo. Ngenxa yoko, kukho izifundo ezibalulekileyo ezinokufundwa kumava awo. Ziziphi ezi zifundo?
Thobela Isilumkiso Sikalsaya
Xa sikhangela kwisahluko sokuqala sikaIsaya sibona ukuba amaSirayeli ‘ayemshiyile uYehova’ aza ‘abuyela emva.’ (Isa 1 Indinyana 4) Nangona ayetyekile nje, aqhubeka enikela amadini, egcina izikhumbuzo zonqulo yaye ethandaza. Kodwa konke oku kwakulilize! Ekubeni ayengenawo umnqweno wangaphakathi wokukholisa uMdali wawo, uYehova wathi: “Ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva.” Loo maSirayeli ayemvukele ngokwenza izinto ezingcolileyo, ade esa kwinqanaba ‘lokuzalisa izandla zawo ngegazi.’—Isa 1 Indinyana 11-15.
Ziziphi iimeko ezazinokubangela ukuba uYehova awamkelele kuye kwakhona? Phawula izinto eziyimfuneko ezichazwe kuIsaya 1:16. Uthi: “Zihlambeni, ziqaqambiseni.” Ngoko ukuba sisithabatha nzulu eso siluleko, siya kuziyeka okanye siziphephe izinto ezingcolileyo, kuquka ukukhafula, okungomnye ‘wemisebenzi yenyama.’ Ekubeni sisazi ukuba ingcingane embi ebangela ukukhafula yileyo kaSathana uMtyholi, siya kukuthiya.
Ngoko sifanele sishenxise zonke izinto ezinxibelelene nokukhafula. Ulzaak wenjenjalo. Uthi: “Ngaminazana ithile ndazihlanganisela phambi kwendlu yam zonke izinto zokukhafula, ndathi hlasi izembe ndaza ndazibetha zaziingceba. Ummelwane wam wakhala ngelithi ndandiya kuzisola ngoko ndandikwenza. Ngoxa wayesagxwala apho, ndagalela ipetroli kwezo ngceba ndaza ndazitshisa zaluthuthu zonke. Zange kubekho nto isalayo.”
Oko kwenzeka kwiminyaka engama-28 eyadlulayo. Ngaba uIzaak wazisola ngeli nyathelo lakhe? Akazange azisole nakancinane. Namhlanje, ukhonza uYehova onwabile njengomlungiseleli ongumKristu kwelinye lamabandla amaNgqina kaYehova.
UIsaya 1:17 unikela esi siluleko singakumbi: “Fundani ukwenza okulungileyo.” Oko kufuna ukufundisisa iLizwi likaYehova, iBhayibhile, ukuze ubone ukuba kuyintoni na “ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.” (Roma 12:2) Yaye ukulusebenzisa olo lwazi usandul’ ukulufumana kuya kukhokelela kwiintsikelelo ezihlaziyayo. Oko koko uAsamaja wakufumanisayo.
Phezu kwayo nje inkcaso ekrakra evela kwizalamane nabamelwane, ngenkalipho uAsamaja wafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaye ngokukhawuleza emva koko wahlukana nokukhafula. Wandula ke wahlulela ubomi bakhe kuYehova uThixo waza wabhaptizwa ebudeni bendibano. Ngoku, kwiminyaka enokuba li-12 kamva, ngombulelo uthi: “Ukususela ekubhaptizweni kwam, andizange ndikhe ndikhathazwe yimimoya.” Yaye encumile ukhumbula oku: “Kubusuku obalandela ukubhaptizwa kwam, ndalala obentlombe yaye andizange ndiphazanyiswe kangangokuba ndafika emva kwexesha kucwangciso lwakusasa ldibano.”
Iingenelo Ezihlala Zihleli
Namhlanje, ngokuphuma entliziyweni uIzaak noAsamaja banokuthelela umdumisi uAsafu baze bathi: “Ukusondela kuThixo kulungile kum.” (INdumiso 73:28) Eneneni, ukusondela kwabo kuYehova kuye kwabazisela iingenelo zasemzimbeni nezingokweemvakalelo. Kodwa okubaluleke ngakumbi kukuba, kuye kwabanika uxolo lwengqondo nolwalamano olusenyongweni noYehova.
Iintsikelelo ezinjalo ziyayigqwesa intlungu nomgudu ofunekayo wokwahlukana nedyokhwe yokukhafula. Noko ke, ukwahlukana nako kunokuba sisilingo esinzima. ULintina van Geenen, olibhinqa laseSuriname, waba namava oko. Ngokulandelayo, siya kubona indlela awazabalaza ngayo kangangeminyaka emininzi wada ekugqibeleni waphumelela.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UAsamaja Amelia uvakalisa oku: “Imimoya . . . yandibangela ukuba ndibe yinto eludwayi. . . . Andisathethi ke ngezinto eyayizithetha!”