Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
IGuinea Yamkela Abantu Abeze Kwindibano “Yoxolo Lobuthixo”
IINTSUKU ezine zokuqala zowe-1987 zaba ziintsuku zendibano yokuqala yamaNgqina kaYehova kwezakha zaqhutywa kwiRiphabliki yaseGuinea, eNtshona Afrika. Nangona iGuinea ililizwe elinamaSilamsi amaninzi apho umsebenzi wamaNgqina kaYehova ungekavunywa ngokusesikweni, amaNgqina adume njengabantu abalungileyo, abanobubele nabanoxolo. Kwakungenxa yolu dumo awathi urhulumente wamkela ngezandla ezishushu abantu ababeze kwindibano “Yoxolo Lobuthixo.”
Phakathi kwabantu ababeze kwindibano kwakukho abavangeli basemazweni abasithoba ababevela eFreetown, eSierra Leone, behamba ngeveni nezithuthuthu ezibini. Bakufika emdeni, kwakufuneka bawele umlambo ngamaphenyana amathathu awayedityanisiwe kwaza kwabekwa amaplanga anqamlezileyo phezu kwawo. Bakuba bewele ngokukhuselekileyo nezithuthi, abavangeli basemazweni babuza besithi: “Singahlawula malini?” Impendulo yathi, “Nina ningamaNgqina kaYehova, akukho ntlawulo.”
Kuthekani ngerhafu yasemdeni nemvume yokufuduka kwelinye ilizwe ukuya kwelinye? Kwathiwa kubo, “Ningazihluphi ngako oko. Yonke into ilungiselelwe. Fakani nje nina iibheji zenu.” Amakhulukhulu abanye abantu ababeze kwindibano bafumana into efanayo. Urhulumente waseGuinea wayengavumelanga nje kuphela ukuba kuwelwe ngokukhululekileyo kumlambo owahlula iGuinea kwiSierra Leone neLiberia; wayengafuni nerhafu nemvume yokufuduka kwelinye ilizwe ukuya kwelinye kuye nawuphi na umntu owayenebheji “Yoxolo Lobuthixo”! Omnye umveleli wesiphaluka, owayevela eLiberia, wathi: “Ibheji yayibhetele kakhulu kunencwadana yokundwendwela.”
Urhulumente waseGuinea wayeluncedo nangezinye iindlela. Wakhupha isithuthi sokukhwelisa amaNgqina ukusuka kwikomkhulu, iConakry, ukuya kwisixeko esasinendibano iGuéckédou, esikumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-640 ukusuka apho. Wagunyazisa ukuba zlthengiselwe ipetroli izithuthi ezazivela eFreetown. Wayalela ukuba ihotele eyayikufutshane nendawo ekwakuqhutyelwa kuyo indibano igcinele amaNgqina onke amagumbi ayo. Kwakhona wanikela imvume yokusetyenziswa ngesisa kweholo yesixeko ukuze kuqhutywe le ndlbano.
Umphathi wesithili, olelona gosa liphakamileyo kwelo candelo lelizwe, wamkela abantu abali-11 kwababeze kwindibano ukuba balale ekhayeni lakhe. Kwakhona wayephakathi kwe-1 132 lababephulaphule intetho yesidlangalala ngosuku lwangeCawa.
UYehova uThixo akayi kubulibala ububele obunjalo obubonakaliswa kubakhonzi bakhe.—Mateyu 10:42; 25:10.