Isingxobo Semibuzo
◼ Ngubani ofanele afumane iqweqwe lebheji lendibano yesithili?
Amaqweqwe endibano yesithili anokuba luncedo gqitha ekwahluleni abazalwana bethu nasekubhengezeni indibano. Noko ke, akafanele anikwe nabani na. Achaza lowo ulinxibileyo njengonxulumana nebandla elithile lamaNgqina kaYehova.
Eli qweqwe linesikhewu sokubhala igama laloo mntu kunye negama lebandla. Ngoko ke, loo mntu ufanele abe unxulumana nelo bandla libhaliweyo ngomlinganiselo othile. Kuya kuba kuhle ukuba mvakalisi ngamnye obhaptiziweyo nongabhaptizwanga abe neqweqwe lakhe. Kwakhona, abantwana nabanye abeza rhoqo kwiintlanganiso zebandla yaye besenza inkqubela yokuba babe nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini banokulifumana. Akuyi kufaneleka ukunika umntu osusiweyo kubudlelane iqweqwe lebheji yendibano.
Xa ekho amaqweqwe, abadala bafanele baqinisekise ukuba olu lwalathiso luyalandelwa.