Imibuzo Evela Kubafundi
■ Bambi abaphengululi baphikisa ngelithi igama elithi “intambo” lifanele lithabathele indawo igama elithi “inkamela” kuMateyu 19:24, ofundeka ngolu hlobo: “Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti.” Liliphi ke igama elichanileyo?
Abaphengululi beBhayibhile abathile ngokuphosakeleyo bagqiba kwelokuba amazwi kaYesu alapha ekuqaleni ayebhalwe ngesiAram. Igama lesiAram elisetyenziswe kwezo nguqulelo (ugam·la’ʹ) linokubhekisela ‘kwinkamela.’ Noko ke, ngokuxhomekeke koko kuthethwa ngako, linokuguqulelwa ngokuthi “intambo enkulu nomqadi.” Kodwa ngokutsho kukaPapias waseHierapolis, ekusenokwenzeka ukuba wayengugxa wompostile uYohane, uMateyu waqala wayibhala ngolwimi lwesiHebhere ingxelo yevangeli yakhe, kungekhona ngesiAram, waza emva koko wayiguqulela kwisiGrike. Igama lenkamela ngesiHebhere elithi (ga·malʹ) lahluke ngokupheleleyo kumagama aguqulelwa ngokuthi intambo (cheʹvel) okanye intsontelo (‛avothʹ), ibe kuyinto eqinisekileyo ukuba uMateyu wayeya kukhetha igama lesiGrike elichanileyo.
Eyona mibhalo-ngqangi midala nethenjwe kakhulu yesiGrike (Sinaiticus and Vatican No. 1209) inegama elithi kaʹme·los, elithetha inkamela. Kwaeli gama linye, lisetyenziswe kuMateyu 23:24, apho kungekho mathandabuzo ukuba kubhekiselwa kuyo “inkamela”.
Ukutyhubela iinkulungwane bambi baye bazama ukulwenza lula olu gqithiso lukaYesu luhlabayo. Bambi bade benza unothanda kwizibhalo ezingcwele. Ukususela kumaxesha amalunga nenkulungwane yesihlanu, igama elifanayo ukaʹmi·los liyafumaneka kwesi sibhalo kwimibhalo-ngqangi ethile yesiGrike. Eli gama linqabileyo lithetha “intambo, intambo yenqanawa.” NgokweA Greek-English Lexicon of the New Testament ebhalwe nguArndt noGingrich, eli gama “alingeni ndawo kwiNT [New Testament (ITestamente Entsha)].” Abaphengululi besiGrike uWestcott noHort bayakugxeka ukuguqulwa kweli gama okwenziwa ngenkulungwane yesihlanu nguCyril waseAlexandria owayezibiza ngokuba ungumKristu, nowamisela ukuba igama elasetyenziswa nguMateyu (ukaʹme·los) lalisenokuba lithetha intambo, watsho esithi: “Kulisiko labo banolwazi kakuhle ngokuqhuba iinqanawa ukubiza iintambo ezinkulu ngokuthi ‘ziinkamela.’” Kanti, uWestcott noHort bathi ngale ngcamango: “Ngokuqinisekileyo iphosakele.”
Ngokuphuma kwenye incwadi eneembekiselo, ingcamango yenkamela enkulu ezama ukungena kwintunja yenaliti “ihambisana nokubaxa kwaseMpuma.” Enyanisweni, xa ithetha ngabanye abantu abadume ngobuqili kangangokuba bakwazi ukwenza izinto ezingenakwenzeka, iThe Babylonian Talmud ithi: “Batsala indlovu bayiphumelise kwintunja yenaliti.” Ngoko uYesu wayesebenzisa uhlobo lomzekelo waseMpuma ukuze abethelele ukungabi nakwenzeka kwento ethile ngomahluko ocacileyo. Eneneni, bekuya kuba yinto engenakwenzeka ukufaka nantoni na enkulu kwintunja yenaliti—enoba yintambo, inkamela, okanye indlovu.
UYesu wayengathi kwakungenakwenzeka ukuba isityebi sizuze ubomi, kuba abathile ababezizityebi baba ngabalandeli bakhe. (Mateyu 27:57; Luka 19:2, 9; Yohane 19:38, 39) Kodwa ngaphambi nje kokuba uYesu anikele esi ‘saci sinamandla,’ umfana osisityebi wathi wawachasa amathuba abalulekileyo okomoya ngenxa yokuthanda kakhulu ‘imfuyo eninzi awayenayo.’ (Mateyu 19:16-22) Bekungenakwenzeka ngaso nasiphi na isityebi esinesi simo sengqondo ukuba sibudle ilifa ubomi obungunaphakade. Kuphela kungoncedo olukhulu lukaThixo anokuthi umntu onjalo aguquke aze afumane usindiso olumele luze ngamandla kaThixo.—Mateyu 19:25, 26.