Ukungazithobeli Izilumkiso Nokucikida UThixo
“Abazange bafune ukusaba kwanaxa amanzi ayemi emaqatheni abo.”—IEl País, yaseColombia.
LOO mxholo uphambili owathi wavela kwiphephandaba lemihla ngemihla laseColombia wabalaselisa esinye sezizathu ezabangela ukuba abantu baphulukane nobomi babo ngokoyikekayo kwintlekele eyayiseArmero ngoNovemba 1985. UDora Elisa Rada Esguerra, ongumtshintshi weengcingo zemfonomfono eArmero, elunyukiswe luthuthu olwalusiwa nangumlambo owawuphuphuma, wagqiba kwelokuba asabe. Wathi ke walumkisa asebenza nabo kwiziko leemfonomfono ngentlekele eyayisiza. Kamva wathi: “Bawabona amanzi, . . . awayequkuqela ngamandla, kodwa sekunjalo abazange basabe.” UDora wasaba kweso sixeko satshabalalayo.
Abanye abatshintshi beengcingo zemfonomfono bafa namaxhoba amalunga nama-21 000 bebulawa sisikhukula sodaka lwentabamlilo, ngumkhenkce nangamatye amakhulu awayeqengqeleka esuka kwintabamlilo iNevado del Ruiz. Phakathi kwabo batshabalalayo kwakukho nosibonda wedolophu namapolisa amaninzi asekuhlaleni, nto leyo ebonisa ukuba akukho namnye owasithabatha nzulu eso silumkiso—de wabe ushiywe lixesha.
Kutheni Bengazange Basabe Nje?
Kwakukho imiqondiso nezilumkiso zentlekele eyayisondela. Kutheni abantu abaninzi baseArmero bengazange bazithobele nje? Okokuqala, izilumkiso ezazivela eburhulumenteni zafika ixesha selimkile, xa intlekele yayisele ihlasela eso sixeko. Ngaphambi koku, abantu babexelelwe ukuba bazole, babexelelwe ukuba kwakunokubakho impuphuma kodwa yayingayi kuba mbi kangako. Endaweni yoko, eso sixeko satshayelwa asabikho sisikhukula samanzi esaqukuqelela kumlambo iLagunilla.
Kunokwenzeka ukuba, bambi babengafuni kushiya amakhaya abo nezinto zabo, kuba babesazi ukuba abaphangi babengangena ngokukhawuleza baze bazibe. Oku kwaba sisisongelo sokwenene. Abaphangi abambalwa badutyulwa ngumkhosi. Bambi ababesinde kwintlekele babuyela kumakhaya abo awayonakaliswe ngamanzi baza bafumanisa ukuba izitshixo zazingekho kwiingcango yaye nezinto ezixabisekileyo zazibiwe. Kodwa abantu abaninzi bedolophu abazange babuyele kumakhaya abo. Ibe kwiimeko ezininzi, kwakungekho makhaya babenokubuyela kuwo.
Mhlawumbi abanye baba noluvo lokuba uThixo okanye uMariya Onyulu wayeya kungenelela ngenxa yabo. Kanti, ngaba kusengqiqweni ukulindela ukuba uThixo angenelele namhlanje ngenxa yabantu abathile xa kusihla iintlekele zokwemvelo? Kutheni abathile befanele basindiswe kukungenelela kukaThixo baze abanye, abakwiimeko ezifanayo, bayekwe batshabalale?
Ngaba sikho isiseko esiqinileyo sokuba umntu akholelwe ukuba unokuphila ubomi obukhuselekileyo ekhuselwe ngokukhethekileyo nguThixo? Ngokomzekelo, ngaba umqhubi wenqwelo-mafutha unokuthembela “kwisithunywa sakhe esimkhuselayo” okanye “kwingcwele” ayithandayo? AmaKatolika amaninzi anyanisekileyo awayenamakhonkco ‘eNgcwele’ enguChristopher aye afa kwiingozi zeenqwelo-mafutha phezu kwayo nje into yokuba ayekholelwa koko. Okanye ngaba umKristu ufanele akholelwe kukuba ukhuselwe ngokukhethekileyo nguThixo xa ehamba ngenqwelo-moya? Kuthekani ngokukhuselwa ngokukhethekileyo xa unabanye kwindawo ethile eyingozi? Ngaba kusengqiqweni ukucikida uThixo ngeemeko ezinjalo?
Isandla SikaYehova Asisifutshane
IZibhalo zisinceda sibone ukuba zikho iimeko uYehova uThixo anokungenelela kuzo ngenxa yabantu bakhe xa umsebenzi woku-shumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani uchaphazeleka okanye xa ibandla lakhe lisongelwa. Umprofeti ulsaya usiqinisekisa ngoku: “Yabonani, isandla sikaYehova asisifutshane, ukuba singasindisi; nendlebe yakhe ayinzima, ukuba ingevi.”—Isaya 59:1.
IBhayibhile inikela imizekelo ecacileyo ngesandla sikaYehova esikhuselayo ngokuhlobene nabapostile. Efuna ukukholisa amaYuda, uKumkani uHerode wamvalela entolongweni uPetros elindwe ngamasoldati yaye ekhonkxiwe. Ibandla laseYerusalem lathandaza ngamandla ngenxa yakhe. Kwenzeka ntoni? Isithunywa sikaYehova safika saza samkhulula uPetros entolongweni. NoPetros ngokwakhe wamangaliswa koko kwakusenzeka. Ekugqibeleni wakuqonda oko kwakusenzeka waza wathi: “Kaloku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlutha esandleni sikaHerode.”—IZenzo 12:1-11.
Le ngxelo ikwanye isixelela ukuba uHerode wayesele embulele umpostile uYakobi, umzalwana kaYohane. UYehova wavumela ukuba oko kufela ukholo kwenzeke. Ngoko ke, kuyabonakala ukuba ngoxa uYehova enokukhusela aze ahlangule, unokuvumela ukuba iziganeko zenzeke ngendlela ezenzeka ngayo, ibe ngoko unika abakhonzi bakhe abathile abazinikeleyo ithuba lokubonisa ingqibelelo yabo de kuse ekufeni. Amazwi kaYakobi, umntakwabo Yesu ngonina, angafanelekileyo: “Kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka. Endaweni yokuba nithi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le nto, nalaa nto.”—Yakobi 4:14, 15; thelekisa uYobhi 2:3-5.
Ekuphela kwento eqinisekileyo yeyokuba, ngamaxesha eentlekele naweengozi zokwemvelo, lo mgaqo weBhayibhile usebenza ngokulinganayo kubantu bonke: “Ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.” (INtshumayeli 9:11) Ibe ngoxa kuyinto efanelekileyo ukuthandazela uncedo nenkuselo ngamaxesha entshutshiso, simele siqonde ukuba “bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.”—2 Timoti 3:12.
Umoya Wokuba Nengcinga Ephilileyo
Ngoxa liyinyaniso elokuba kumaxesha adluleyo uYehova wabakhusela abantu bakhe, njengaxa wahlangula amaSirayeli eYiputa nakwimikhosi kaFaro, bekungaba kukuzingca ukucinga ukuba uThixo umele akhusele umKristu ngamnye kwimiphumo ‘yexesha nesihlo’ okanye kwimiphumo yezinto azenza ngokungakhathali. Incwadi kaPawulos eyayisiya kumaKristu aseRoma, wambi awo awathi kamva afela entendelezweni njengabafelinkolo, inokuthanani noku: “Ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo.” (Roma 12:3) Inguqulelo kaJ. B. Phillips ithi: “Zamani ukuba niwazi umlinganiselo wezinto eninokuzenza.”
Isiluleko esinikelwa apha sisebenza ngokulinganayo namhlanje, nangona sisebenza kwiimeko ezahlukeneyo. Ukuba umKristu ucinga ukuba unokuqhuba ngokungakhathali okanye ephantsi kweempembelelo zotywala aze asinde engozini ngenxa yokuba esithi ukhuselwe nguThixo, ngaba oko kubonakalisa “ingcinga ephilileyo”? Ngaba loo mKristu ‘uyawazi umlinganiselo wezinto anokuzenza’? Kwakhona, ukuba uchanaba umntu onguwabo engozini, ngaba ngenene ‘ummeIwane wakhe umthanda njengoko azithanda ngako’?—Mateyu 22:39.
Ngoku lo moya wokuba nengcinga ephilieyo masiwusebenzise kwimeko apho umntu akhe umzi kwindawo ethanda ukuhlaselwa yinyikima okanye apho iinyikima ezinamandla zifihlakeleyo okwelo thuba kodwa ezisisisongelo sokwenene. Umzekelo omhle woku ngowommandla osele ukhankanyiwe ongakwintabamlilo iNevado del Ruiz eColombia. Ngokutsho kwe-El País yemihla ngemihla yaseColombia, ngowe-1982 umyili wezakhiwo uCésar Zárate wenza uhlolisiso olwabonisa ukuba uMlambo iLagunilla waye waphuphumela eArmero kwixesha elidluleyo nokuba eso sixeko sasingakhuselekanga ngendlela efanelekileyo. Kwakhona yayisaziwa into yokuba intabamlilo iNevado del Ruiz yaye yadubula izihlandlo ezithandathu ukususela ngowe-1570. Ngokutsho kwemithombo yembali, intabamlilo yenzeka rhoqo kwithuba eliphakathi kweminyaka eli-140 neenyanga ezisi-9 neminyaka eli-110 neenyanga ezi-2.
Le nkcazelo yathunyelwa kuhlelo lwephephandaba langeCawa laseColombia iEl Tiempo kwiiveki nje ezithile ngaphambi kwentlekele yaseArmero. Ngokungathandabuzekiyo eli phephandaba lathi: “Impuphuma elandelayo . . . iya kwenzeka phakathi kuNovemba walo nyaka. Imiqondiso ephawula oko sele iboniwe: umsi ophuma kumgxuma wentabamlilo ‘iArenas’. Ukusasazeka kothuthu neegesi emoyeni. Ukungcola kwamanzi nezityalo. Ivumba elingathandekiyo. . . . Isandi esigqumayo esavela kwintabamlilo ngoSeptemba 11. Ukunyibilika kwekhephu ngokuqhubekayo . . . Ekugqibeleni, eli lixesha lokuba kwenziwe into.”
Phofu ke, elo nqaku alizange lipapashwe. Mhlawumbi lajongwa njengelilumkisa ngentlekele engenamsebenzi. Kamva abahleli be-El Tiempo balibhala “bengenayo kwangaphambili imbono yokwakuya kwenzeka, beswele ingqiqo, okanye bekholelwa ngokungekho ngqiqweni ukuba kwakungekho nto yayiya kwenzeka.”
Noko ke, kanye ngelo xesha iNevado del Ruiz yadubula ngobusuku bangoNovemba 13, 1985. Abantu abangaphezu kwama20 000 eArmero bafa, yaye eChinchiná nakwezinye iidolophu ezikufuphi kwabakho amawakawaka abantu ababengamaxhoba ale ntlekele. Phakathi kwabo bafayo eArmero kwakukho amaNgqina kaYehova angama-41 kunye nezinxulumani zawo. Wambi ngokungebobulumko asabela kwiHolo yoBukumkani, eyayikumgangatho ongaphantsi. Afa aza agqunyelelwa nayo. Okuvuyisayo kukuba, wambi amaNgqina akwazi ukusabela kumgangatho ophakamileyo yaye asinda.
Licacile elokuba, kulula ukuba ube ngonobulumko emva kokuba kwenzeke into ethile. Kodwa ubuncinane kunokufundwa izifundo kwezo ziganeko zoyikekayo.
Izilumkiso Zamaxesha Amandulo Ezingazange Zithotyelwe
IBhayibhile inikela imizekelo yabathile abangazange bazithobele izilumkiso ezisexesheni okanye abacinga ukuba intlekele ‘yayingenakwenzeka ngexesha labo’ okanye yayingenakwenzeka kummandla womhlaba abahlala kuwo. Enye imeko ecacileyo kuxa uLote walunyukiswa ukuba asabe eSodom naseGomora. Walumkisa abakhwenyana bakhe, esithi: “Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi.” Basabela njani? “Usuke [uLote] waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.” Kodwa ukumjonga kwabo “njengohlekisayo” kwaba yinto yokwexeshana. UYehova wanisa isulfure nomlilo kuloo mizi yayigwetyiwe neyayingendawo. Abakhwenyana bafa nabemi baloo mmandla ababeziphethe kakubi. Kuyabonakala ukuba umfazi kaLote wasaba eSodom ethandabuza yaye engafuni ukuncama izinto zakhe. “Esemva kwakhe [uLote], wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.”—Genesis 19:12-26.
Kwiminyaka eli-1 900 eyadlulayo, uYesu waprofeta ngokuba iYerusalem yamandulo yayiya kutshatyalaliswa ngokoyikekayo. Wanikela iinkcukacha ezingqalileyo ngeziganeko ezaziya kwenzeka ngaphambi kokuba eso sixeko siphanziswe, esithi: “Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo.” Wongezelela nesi silumkiso: “Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo.”—Luka 21:20-24.
Xa imikhosi yamaRoma yarhawula iYerusalem ngonyaka wama-66 C.E., amaKristu awayekweso sixeko awuqonda umqondiso owawunikelwe nguYesu. Ngoko, uloyiso lusezandleni zakhe ngokupheleleyo, uNjengele Cestius Gallus ngesizathu esingaziwayo wayirhoxisa imikhosi yakhe. Elo yayilithuba amaKristu awayelilindele, yaye asabela kwelinye icala leYordan. Ngo-70 C.E. ephantsi koNjengele Titus amaRoma abuya aza ayitshabalalisa iYerusalem. Amakhulu amawaka amaYuda awayehleli kweso sixeko sasigwetyiwe afa ebudeni bokungqingwa kwaso naxa kwakusiliwa.
Kuyinyaniso ukuba, kwezi meko kwanikelwa isilumkiso sobuthixo. Kodwa inyaniso ikukuba bambalwa gqitha abasithobelayo isigidimi baza basinda. Abaninzi abazange basithobele. Abazange basithabathe nzulu isilumkiso sikaThixo.
Yiyiphi Indlela Elungileyo Esinokumcikida Ngayo UThixo?
Kwanakwiintlekele zokwemvelo, kudla ngokubakho izilumkiso—imbali yangaphambili yendawo, imiqondiso yakutshanje, okanye uhlolisiso olungokwenzululwazi—ezibonisa ngamandla ingozi esenokwenzeka ngethuba elithile lexesha. Mhlawumbi indawo leyo idla ngokuhlaselwa yimpuphuma. Ngoko umntu onengqiqo umele ahlole zonke izibakala ukuze enze isigqibo enoba ukufudukela kwesinye isithili kuyafuneka yaye kunokwenzeka kusini na. Kambe ke, kuyinto engenakwenzeka ukuchaza kwangaphambili ixesha nendawo eziya kwenzeka kuyo zonke iintlekele zokwemvelo. Sekunjalo, umthetho ongemilinganiselo yezinto unokusetyenziswa yaye kukwanokusetyenziswa nemiqathango engokhuseleko ukuba kwenzeka into embi gqitha. Kodwa kuyinto engekho ngqiqweni ukulindela ukuba ukhuselwe ngokukhethekileyo nguThixo. Ukwenjenjalo bekungaba kukucikida uThixo ngendlela engekho mthethweni okanye engalungelelananga.
Phofu ke, ngengqiqo eyahlukileyo, uYehova uyasimema ukuba simcikide. Emva phayaa kwixesha lomprofeti uMalaki, amaSirayeli ayemcikida ngokuphosakeleyo uThixo ngokuzisa iminikelo elizothe esibingelelweni. Ngeminikelo yawo yesonka esingundileyo nangamadini ezilwanyana eziziziqhwala, abonisa ukuba ayesidelela isithebe sikaYehova. Esebenzisa uMalaki, uYehova wawabongoza ukuba aguquke aze alungise ikhondo lwawo lesenzo. “Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.”—Malaki 3:10.
Ewe, ngokubhekisele kwiintsikelelo zokomoya, ‘sinokukucikida,’ okanye sikuhlole ukuthembeka kukaYehova. Ukuba sifuna tanci uBukumkani nobulungisa bakhe, ngoko, njengoko uYesu watshoyo, ‘zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuthi.’ UYesu wakwathi: “Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani novulelwa.” Ukuba abantu abangafezekanga bayakwazi ukubapha abantwana babo izipho ezilungileyo, “wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo [ngokuvisisana nokuthanda kwakhe]?”—Mateyu 6:33; 7:7-11; 1 Yohane 5:14.
Kanye ngeli xesha, kunikelwa isilumkiso ezintlangeni esingokuba kungekudala uYehova uza kuqalisa isenzo sakhe sokuphindezela ngokuchasene nazo zonke iintlobo zenkqubo yezinto kaSathana. (ISityhilelo 16:14, 16; 18:20) Izigidi zabantu abalumkileyo ziyasithobela esi gidimi sishunyayelwa ngamaNgqina kaYehova yaye bayazahlula ukuba babe ngakwicala lolawulo loBukumkani bukaThixo. Bayaphuma kumanyano olonakeleyo lobupolitika nonqulo ngaphambi kokuba bashiywe lixesha. (ISityhilelo 18:4) Ngokwenjenjalo, balungiselela ukuba bafumane ubomi obungunaphakade phantsi kolawulo lukaKristu kumhlaba wethu, oya kuguqulelwa ekubeni ube yiparadisi yokusesikweni nobulungisa. Ngaba uyasithobela esi silumkiso?—2 Petros 3:13; Tito 1:2.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Idiploma eyafunyanwa kumabhodlo aseArmero isisiknumbuzo esicacileyo sokuba amawaka abantu akazange azithobele izilumkiso
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Ngaba indlela oqhuba ngayo ibonisa ukuba unengcinga ephilileyo yomKristu?
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Isiza ngoku esaphanzayo apho iArmero yayimi khona. Abantu abangaphezu kwama-20 000 bafela apha
Le nqwelo-mafutha etyobokileyo ibonakalisa nkhamo wen tie kale eyathwaxa iArmero