Ngaba Ndifanele Ndilutshintshe Unqulo Lwam?
UMQHUBI wenqwelo-moya wayesandul’ ukunduluka kwiSikhululo Seenqwelo-moya iNaha eOkinawa enabantu abali-101 ababekhwele apho. Ngequbuliso wabona iinqwelo-moya ezintathu zokuhlola imozulu zisiza ngakweyakhe yaye ziza kungqubana nayo. Ngokukhawuleza umqhubi wale nqwelo-moya wayiphethulela ngasekhohlo, ngaloo ndlela ephepha ingozi eyayiza kwenzeka emoyeni, esindisa ubomi bakhe nobabo wayebakhwelisile. Loo ngxelo yokusinda cebetshu njengoko yayibhalwe kwiphephandaba lasemntla Japan, ibonisa kakuhle ukuba maxa wambi ukuze kusindiswe ubomi kufuneka ukuba izinto zitshintshwe ngokukhawuleza.
Noko ke, abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ukutshintsha kukabani unqulo lwakhe kungumcimbi owahlukileyo. Bafikelwa luloyiko olukhulu. Kukho uloyiko lokuqalisa indlela entsha ongayiqhelanga. UNksk. Tachi owafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova waphalaza imbilini yakhe wathi: “Uninzi lwabantu endibaziyo bayaluthandabuza unqulo nenkqubo yalo nokugxininisa kwalo emalini. Ekuphela kwento esiyaziyo nesiyibonileyo ekukhuleni kwethu yimibhiyozo yonqulo namasiko. Asicingi kakhulu ngentsingiselo yokomoya yehoji [isikhumbuzo samaBhuda esibakho ngamaxesha athile sisenzelwa umntu ofileyo]. Sicinga ngehoji njengexesha lokuzonwabisa nelokuba kunye nezalamane nabamelwane. Ukucinga ngokuyincama yonke loo nto, okanye eyona nto imbi, ukuhlanjwa yintsapho kwandoyikisa.” Mhlawumbi abantu abakwindawo ohlala kuyo bavakalelwa ngolu hlobo ngonqulo.
Kwakhona, kukho ezinye izinto ezoyikwayo. Kwiindawo ezininzi, abantu boyika ukuqunjelwa yiminyanya ukuba bayalutshintsha unqulo lwabo. Enye inkosikazi eyaqalisa ukufundisisa iBhayibhile eJapan yaxelelwa zizalamane zayo ukuba igula nje yaye ineengxaki zentsapho kungenxa yokuba “iyifulathele iminyanya yayo” yaye izibizele ingqumbo yayo ngokufundisisa “unqulo lwasemzini.”
Olunye uloyiko oluthintela abantu ukuba balutshintshe unqulo lwabo kukoyika ukungakholisi iqabane okanye abazali. Kumazwe amaninzi aseMpuma, apho ukunyaniseka kubazali nakwintsapho kugqalwa njengento ebaluleke ngokukhethekileyo, umtshakazi ngokuqhelekileyo ulindeleke ukuba axhase indlela yonqulo yasemzini wakhe. Kwanokuba isibini asingobantu bade kangako kunqulo, ukugcina ulwalamano oluhle nentsapho nokuvisisana kwimicimbi yonqulo kujongwa njengento ebaluleke gqitha. Esinye isibini esiselula sasinqumamisa isifundo saso seBhayibhile emva kwengcinezelo esayifumana ‘kwintlanganiso yentsapho.’ Umyeni, owathi kamva wasivuselela kwakhona isifundo ucacisa esithi: “Ngokusisiseko sasisoyika abantu. Savakalelwa kukuba simele sihambisane neminqweno yabazali bethu, yaye sasingafuni nokuba bazive bebuhlungu ngokutshintsha unqulo lwethu.”
Oku kuzisa engqalelweni esinye isizathu sokuba abaninzi bakoyike ukutshintsha unqulo lwabo: into engathandwa nangubani yokugqalwa njengophume ecaleni. Kwintsapho ekhankanywe ngasentla, esinye sezizathu esanikelwa ngabazali sokuba esi sibini siselula sisinqumamise isifundo saso seBhayibhile sasikukuba babengafuni ukuba abantwana babo bajongwe njengabantu abahlukileyo okanye benziwe amakheswa kwimicimbi yasekuhlaleni.
Ngoko ke, uloyiko olunzulu lubandakanyekile kumbuzo othi, Ngaba ndifanele ndilutshintshe unqulo lwam? Ngenxa yoku, abaninzi bacikoza ngokuthi: Ngaba inomsebenzi into yokuba ubani uhamba kweyiphi na inkonzo? Ngaba iinkonzo zonke azizondlela nje ezahlukeneyo eziya kwincopho yentaba enye? Njengeenkawu ezintathu zomzekeliso, ababoni nto imbi, bengeva nto imbi, bengathethi nto imbi xa kufikelelwa kunqulo.
Kodwa bambi baye balutshintsha unqulo lwabo. Ngasiphi isizathu? Kaloku, kwabaninzi kwaba ibingumcimbi nje wokungena kolunye unqulo olwathembisa ngokubaphilisa ngokukhawulezileyo okanye ngokubafumanisa imali, ngoxa kwangaxeshanye besazigcinile iimbono noqheliselo lwabo lwezithethe zonqulo. Kodwa kwabanye, kuye kwakho inguqulelo yokwenene nepheleleyo. Noko ke, usenokuba uyabuza, ‘Ngaba ngenene zikho izizathu ezaneleyo zokuba ndilutshintshe unqulo lwam? Kutheni abanye beye bakuvuma ukulutshintsha? Ngaba ukulutshintsha kuya kubuchaphazela ngenene ubomi bam?’ Siyakumema ukuba uhlolisise inqaku elilandelayo ukuze ufumane iimpendulo.
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Yintoni eshukumisela abantu ukuba babambelele ngokuqinileyo kumasiko angesithethe sabo sonqulo?