Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Ngaba uYesu wayebhekisela kuYuda xa waxelela uPilato oku: “Ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi”?—Yohane 19:11.
Akubonakali ukuba apha uYesu wayebhekisela kuYuda okanye kuyo nayiphi na indoda ethile. Kwakubandakanyeke iqela labantu abanetyala kwiziganeko ezakhokelela ekubeni uYesu abe phambi kukaPilato aze ajamelane nokufa.
Mhlawumbi, usenokucinga ngoYuda kuqala ngenxa yokuba loo mpostile wonakeleyo wajika waba ngumngcatshi. (Yohane 6:64, 71; 12:4-6) UYuda wadibana nababingeleli abakhulu, ababefuna “ukuba bangathini na ukumbulala” uYesu. Bamhlawula uYuda amaqhosha angama-30 esilivere ukuba amngcatshe. (Luka 22:2-6) Ngoko, ngokungathandabuzekiyo, uYuda waba nesono esikhulu ngokuphathelele ukufa kukaYesu.
Kodwa uYuda akazange akubangele eyedwa ukufa kukaYesu. Umbingeleli omkhulu uKayafa wayephembelele abanye ukuba babulaie uYesu. (Yohane 11:49, 50) UMateyu ubalisa ukuba ngaxa lithile “ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele” bamgweba uYesu, oku bakwenza njengeqela. “Babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale. Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.” (Mateyu 26:59-65; 27:1, 2) Ngaphezu koko, emva kokuba uPilato waye wafumanisa uYesu engenatyala, izihlwele zacela ukuba uBharabhas akhululwe. Ngokwahlukileyo koku, ngokuphathelele uYesu bakhwaza besithi: “Makabethelelwe [emthini, NW]”!—Mateyu 27:20-23; Yohane 18:40.
Ngoko kusenokwenzeka ukuba uYesu wayengathethi ngomntu othile xa wathi kuPilato: “Ondinikeleva kuwe unesono esikhulu ngakumbi.” (Yohane 19:11) Nangona uYuda, “lowo wentshabalalo,” wayengoyena wayenetyala elikhulu ngokukhethekileyo, abanye abaninzi baba netyala lesono ngokubulala uYesu. (Yohane 17:12) Kungenxa yoko ekwathi ngomhla wePentekoste umpostile uPetros wabongoza amaYuda ukuba aguquke kwisono sawo esinzulu nxamnye noNyana kaThixo. (IZenzo 2:36-38) Loo maYuda ayeyinxalenye yohlanga olwaluzinikele kuThixo kaYesu, uYehova. Ayenziwe azazi iziprofeto ezazichaza uYesu njengoMesiya. Yaye amaninzi awo ayibona imimangaliso kaYesu. Ngoko ngokuqinisekileyo aba netyala elingakumbi lesono kunokuba lalinjalo igosa elingengomYuda elavakalisa ukuba uYesu wayengenatyala.—Yohane 18:38.
◼ UYehova wayefuna ukubethelela ntoni xa waxelela uHezekiie ukuba ubuso bakhe kwakufuneka bube lukhuni, njengobuso bamaYuda?
UHezekile wayengumprofeti kaThixo, owayekhonza phakathi kwamaYuda awayesekuthinjweni eBhabhiloni. Ngokucacileyo aba bathinjwa babecinga ukuba uYehova wayeza kuthi ngandlel’ ithile abahlangule ngokukhawuleza ngenxa yokuba babengabantu bakhe abanyuliweyo. Abazange basiqonde isibakala sokuba oka kwakubehlele kwakungenxa yokungamkholisi kwabo.
Ngoko xa uYehova wanikela uHezekile ulwalathiso lokuba ‘athethe ngamazwi akhe kubo,’ eso yayingesosabelo silula. Xa wayelungiselela lo mprofeti ukuba athethe, uThixo walumkisa ngelithi “ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokuba abavumi ukundiphulaphula nam; kuba yonke indlu kaSirayeli ilukhuni ibunzi, igogotyile ngentliziyo.”—Hezekile 3:4, 7.
Kweli nqanaba uThixo wamxelela oku uHezekile: “Yabona, ndibenza lukhuni ubuso bakho, kwanjengobuse babo; ibunzi lakho libe lukhuni, Kwanjengebunzi labo; ndilenza libe njengedayiman, elukhuni ngaphezu kweqhwitha, ibunzi lakho. Uze ungaboyiki.”—Hezekile 3:8, 9.
Aba bantu babeneenkani yaye benemvukelo. (Hezekile 2:6) Ngaba babenokukwazi ukumoyisa okanye ukumoyikisa lo mthunywa kaThixo? Babengenakukwazi. Ekubeni wayexhaswa nguThixo, uHezekile wayengayi kuba yimvoco kunokuba babenjalo. Iqhwitha lilitye elilukhuni kakhulu, elilukhuni ngaphezu kwentsimbi. Ukuba amaYuda awayeneenkani nawayengeva ayenokufaniswa neqhwitha, ngoko uHezekiie wayenokuba njalo. Kwanangaphezu koko, wayeza kuba njengedayiman, esona simbiwa silukhuni kunezinye; esilukhuni kangangokuba sinokukhuhla neqhwitha.—Yeremiya 17:1, 2.
Ngokuqinisekileyo oku akuthethi ukuba abantu bakaThixo namhlanje bafanele bakugqale kuyinto enqwenelekayo ukuba namandla, bengazikhathaleli iimvakalelo zabanye, okanye de babe krwada ekwenzeni oka bavakalelwa kukuba kulungile. Phawula oka umpostile uPetros wakubongozayo mayela neenkqubano zobuqu nabanye: “Cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele. Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani.”—1 Petros 3:8, 9.
Kwakhona ukuba nemfesane kuyenye yeentshukumisa ezisisiseko ekwabelaneni kwethu nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani. (Mateyu 9:36-38) Kodwa xa sidibana nenkcaso, ukungafunwa, okanye inkcaso engqalileyo, asiyi kuyeka ukuvakalisa isigidimi sikaThixo esithetha ngexesha lethu. Oko kuquka ukuvakalisa ukuba kungekudala uza kuzisa ‘impindezelo kwabangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu.’ (2 Tesalonika 1:6-9) Asimele soyike okanye sirhoxobise. Ngale ndlela sinokuba lukhuni njengedayiman njengoko kwakumele kube njalo ngoHezekile.