IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 2/15 iphe. 3-4
  • Okusesikweni Kubo Bonke—Ngaba Koze Kubekho?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okusesikweni Kubo Bonke—Ngaba Koze Kubekho?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Amanqaku Afanayo
  • “Zonke Iindlela Zakhe Zisesikweni”
    Sondela KuYehova
  • UYehova Uthanda Okusesikweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Bungaze Bubekhona Ubulungisa Emhlabeni?
    Imixholo Engakumbi
  • Ngaba UThixo Uya Kuze Enze Nantoni Na Ngokungekho Sikweni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 2/15 iphe. 3-4

Okusesikweni Kubo Bonke—Ngaba Koze Kubekho?

ABAKHENKETHI abatyelela eLondon kwiOld Bailey ebalulekileyo embalini, isakhiwo seNkundla Yolwaphulo-mthetho Yelizwe, phezu kwaso babona umfanekiso oqingqiweyo womfazi ofuzisela okusesikweni. Kwesinye isandla, uphethe isikali sokulinganisa, ebonisa ukuba ubungqina buya kulinganiswa ngenyameko. Kwesinye uthe qhiwu ikrele, ukuze akhusele omsulwa aze ohlwaye onetyala. Kweminye imimandla, unokubona eminye imifanekiso eqingqiweyo efana nalo walo mfazi, maxa wambi kubhalwe kuye kwathiwa “Okusesikweni” ibe evalwe amehlo oku kwempumputhela ukumela ukungabi namkhethe kwakhe.a

Noko ke, usenokubuza uthi: ‘Ngaba oko akufuziselayo, okusesikweni kubo bonke, kukho ngokwenene nakweliphi na ilizwe?’ Kakade ke, kuwo onke amazwe kukho imithetho, nabo banyanzelisa ukugcinwa kwayo. Kuthi ke kubekho abagwebi neenkundla zamatyala. Ngokuqinisekileyo, abantu abaninzi abagcina imigaqo baye bazama ukuphakamisa amalungelo omntu nokuqinisekisa ukuba kwenziwa okusesikweni ngokulinganayo kubo bonke. Sekunjalo, kuyacaca ukuba eyona migudu yabo mininzi iye yasilela. Phantse yonke imihla, sibona, sive, okanye sifunde ngokonakala, umkhethe nokungekho sikweni.

Khawuqwalasele umzekelo welinye ibhinqa eleziswa kwinkundla yamatyala. Ngaphambi kokuba kuxoxwe ityala lalo, ijaji yalazisa ukuba yayiya “kusinyamekela” isityholo salo ukuba nje lalinokuthi lidibane nayo ehotele, ngokucacileyo ukuze babe neentlobano zokuziphatha okubi. Ewe, ngokufuthi abo bebemele ukuqinisekisa ukubakho kokusesikweni baye bangqineka bengabonakeleyo okanye abangafanelekanga. Iphephancwadi iTime lathetha ngelinye ilizwana kwawaseUnited States apho isithathu kwisihlanu sabagwebi benkundla ephakamileyo sabekwa ityala lehambo engafanelekanga ekuncedeni umgwebi onguwabo.

Ngaphezu koko, xa abantu befunda ngezaphuli-mthetho eziqhubeka zikuphepha ukohlwaywa, abaninzi baba nomoya wokugxeka baze bakufumanise kulula ukwaphula umthetho nabo. (INtshumayeli 8:11) Naku esikufunda kuphuma eNetherlands: “AmaDatshi amaninzi abek’ ityala abalawuli bezobupolitika ngokukhuthaza uvula-zibhuqe odala ulwaphulo-mthetho. Wambi atyhola iinkundla, ingakumbi abagwebi . . . abaqhubeka bewisa izigwebo ezincinane, maxa wambi ezizezovelwano ngokungekho ngqiqweni.” Kodwa ukukufuna kwethu ngolangazelelo olukhulu okusesikweni kuquka okungaphezulu kunokulungisa nje iinkqubo zokunyanzelisa umthetho okanye zokugweba.

Uyazi ukuba kumazwe amaninzi kukho iqaqobana labazizityebi abaya besiba zizityebi ngakumbi, ngoxa iinginginya ngeenginginya zabangamahlwempu zijamelana nokungekho sikweni okungokwezoqoqosho. Olu hlobo lokungekho sikweni luyesamela xa abantu besithi, ngenxa yebala labo lolusú, imvelaphi engokobuzwe, ulwimi, isini, okanye unqulo, babe namathuba amancinane okuphucula imeko yabo, kwanawokuzixhasa bona ngokwabo. Umphumo uba kukuba izigidi zithwaxwa bubuhlwempu, kukulamba nazizifo. Ngoxa abantu abaninzi kumazwe anobutyebi benandipha iingenelo zeenkqubo zonyango ezixabiso liphakamileyo, izigidi ezingenakubalwa ziva ubunzima zize zife ngenxa yokuba zingenakuwafumana amayeza asisiseko okanye amanzi nje acocekileyo. Khawucinge nje ngokuthetha kubo ngokusesikweni! Ubomi babo babuphila kwimeko yokungekho sikweni ukususela ekuzalweni de kuye engcwabeni.—INtshumayeli 8:9.

Kwakhona kuthekani ngoko kubonakala ngathi kokungekho sikweni okugqithela ngaphaya kwezinto ezinokubangelwa ngumntu? Cinga ngabantwana abazalwa benezifo zemfuza—beziimfama, bengenangqondo kakuhle, okanye beneziphene? Ngaba umfazi unokuba nemvakalelo yokusesikweni xa usana lwakhe luvela lusisilima okanye lufile, ngoxa abanye abafazi elumelwaneni begone iintsana ezisempilweni entle? Njengoko kuza kuboniswa yingxubusho elandelayo, izinto ezibonakala zingekho sikweni ngolo hlobo ziya kulungiswa.

Noko ke, kweli thuba lexesha, ngaba akuvumelani noko kuthethwa kwiNtshumayeli 1:15? Apho, ethetha ngokwembono yoluntu, ukumkani osisilumko nowayenamava wavuma: “Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa.”

Indoda eyayidume nangakumbi yayinguYesu Kristu. KuLuka 18:1-5 sifunda umzekeliso wakhe womgwebi ‘owayengamoyiki uThixo, engamhloneli nomntu.’ Kwathi ke, umhlolokazi othile wasoloko embongoza lo mgwebi ukuba amenzele okusesikweni okwakulilungelo lakhe ngokwasemthethweni. Kodwa uYesu wathi loo mgwebi ungendawo wamnceda nje kuphela kuba izibongozo zakhe zazisuke zayindinisa. Ngoko uYesu, njengoko unokubona apha, wayesazi ukuba okungekho sikweni kwakwandile. Enyanisweni, yena ngokwakhe wathuthunjiswa waza wabulawa ngesityholo esasiyilwe ngobubhedengu, senzo eso esasikukugwenxwa okugqithiseleyo kokusesikweni!

Abaninzi bakholelwa ekubeni kukho uThixo okhathazwayo kukungabikho kokusesikweni. Ebudeni bokwenziwa kweDini leMisa kwelinye ilizwe laseMbindi Merika, uPopu John Paul II wathi: “Xa umcinezela omnye umntu, xa umohlutha amalungelo akhe, xa usenza ngokungekho sikweni kuye ngokumphatha kakubi ngokugqithiseleyo, xa umthuthumbisa, uqhekeza indlu yakhe uze umthimbe okanye umbulale, waphula umthetho ibe wenza isono esikhulu kuThixo.” Lawo ngamazwi afanelekileyo. Kanti, okungekho sikweni kuyaqhubeka. Isifo sokungondleki kwelo lizwe sithwaxa abantwana abasibhozo kwabalishumi abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala. Abantu ababini ekhulwini kubemi belo lizwe bangabaninimhlaba ongama-80 ekhulwini ochumayo nekunokulinywa kuwo.

Ngoko ngaba ngokwenene ukho uThixo onenkathalo yokwenyaniso ngezenzo zokungekho sikweni ezihlasimlis’ umzimba ngolo hlobo, uThixo oya kuthi abe nenkxalabo ngoko kungekho sikweni okukuchaphazelayo? Ngaba uya kuze abangele okusesikweni kubekho?

[Umbhalo osemazantsi]

a Ifoto yethu ekwiphepha elingaphandle ithatyathwe kwiJustitia Fountain eFrankfurt eam Main, eJamani. Umfanekiso oqingqiweyo okweli phepha wona uthatyathwe kwisakhiwo sikamasipala eBrooklyn eseNew York, eUnited States.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share