Ingxelo Echanileyo Yobungqina Bokuzibonela!
Isicatshulwa esisandul’ ukupapashwa ngolwimi lwesiUgari (KTU 1.161) siqinisekisa ubunyaniso bamazwi akweyesi-2 yooKumkani 10:19, 20. Ukuze atshabalalise abanquli bakaBhahali, uKumkani uYehu wayalela oku: “Mmemeleni ingqungquthela engcwele uBhahali.” (Uthixo wobuxoki, ekusenokwenzeka ukuba umelwa ngumfanekiso oqingqiweyo omcinane ongasekhohlo.) NgokweVetus Testamentum, iphephancwadi elapapashwa eNetherlands, eli binzana lithi “umKanan wokwenene” yaye lithetha “‘isangqa esivaliweyo’: nawuphi na umntu owayengaphandle kwalo wayenokohlwaywa ngesiqalekiso.” IVetus Testamentum igqabaza ngelithi: “Ngoku siyaqonda ukuba umbhali wesi sicatshulwa sikweye-2 yooKumkani kuyabonakala ukuba ubonakalisa ulwazi oluchanileyo ngesigama esasisetyenziswa kunqulo lwamaKanan.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]
ILouvre Museum, yaseParis