Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Uhambo Lokuya Kubonakalisa Inceba KwaYuda
EBUDENI boMthendeleko Wokuhlaziywa kwetempile owawuseYerusalem kwiiveki ezithile ngaphambilana, amaYuda azama ukubulala uYesu. Ngako oko wenyukela ngasentla, ngokucacileyo kummandla owawungekude ukusuka kuLwandle lwaseGalili.
Kutshanje, ebesinge emazantsi esiya eYerusalem, ehamba eshumayela kwiidolophana zasePereya, isithili esikwimpuma yomlambo iYordan. Usandul’ ukugqiba ukwenza umzekeliso ongendoda esisityebi noLazaro. Ngoku uyaqhubeka efundisa abafundi bakhe izinto abezifundise ngaphambilana ngoxa ebeseGalili.
Ngokomzekelo, uthi, bekuya kumlungela ngakumbi umntu ukuba “kanye ethe wagangxwa ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle” kunokuba akhubekise noko amnye “kwaba bancinane” bangabakaThixo. Kwakhona ugxininisa imfuneko yokuxolela, esithi: “Nokuba uthe [umzalwana] wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wothi umxolele.”
Xa abafundi bembongoza besithi, “Songezelele ukholo,” uYesu uphendula athi: “Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningathi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; uze unive.” Ngoko ke, kwanokholo nje oluncinane lunokwenza izinto ezinkulu.
Ngokulandelayo, uYesu ubalisa ngemeko yobomi bokwenene ebonisa isimo sengqondo esifanelekileyo somkhonzi kaThixo uSomandla. UYesu ugqabaza athi, “Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalúsa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi; ongayi kuthi kanye kuye. Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wothi emva koko udle usele nawe? Angánombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; ngokuba sanele ukwenza oko besimelwe kukuthi sikwenze.” Ngaloo ndlela, abakhonzi bakaThixo bafanele bangaze bavakalelwe kukuba banceda uThixo ngokuthi bamkhonze. Kunoko, bafanele ngamaxesha onke bakhumbule ilungelo abanalo lokumnqula njengamalungu athenjiweyo endlu yakhe.
Kubonakala ukuba umthunywa ufike nje emva kokuba enikele lo mzekeliso. Lo mthunywa uthunywe nguMariya noMarta, oodade boLazaro, abahlala eBhetani kwelakwaYuda. Umthunywa ubalisa enjenje: “Nkosi, uyabona, lowo umthandayo uyafa.”
UYesu uyaphendula athi: “Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.” Emva kokuhlala apho iintsuku ezimbini, uYesu uthi kubafundi bakhe: “Masibuye siye kwelakwaYuda.” Noko ke, bayamkhumbuza besithi: “Rabhi, amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ubuya uye khona na?”
Ekuphenduleni uYesu uyababuza esithi: “Akalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi. Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye.”
Into uYesu ekubonakala ukuba usingisele kuyo kukuba “amaxa emini,” okanye ixesha uThixo alabele ubulungiseleli bakhe basemhlabeni, alikapheli, kwaye de abe aphelile, akukho bani unokumenzakalisa. Kufuneka alisebenzise ngokuzeleyo ithutyana ‘lemini’ asenalo, ekubeni emva koko buya kuza ‘ubusuku’ xa intshaba zakhe ziya kube zimbulele.
UYesu wongezelela athi: “ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.”
Ngokucacileyo becinga ukuba uLazaro uphumle ubuthongo nokuba lo ngumqondiso ongqalileyo wokuba uya kuvuka, abafundi basabela ngale ndlela: “Nkosi, ukuba ulele, wosinda.”
Wandula ke uYesu abaxelele ngokungafihlisiyo athi: “ULazaro ufile. Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibe ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke, masiye kuye.”
Eqonda ukuba uYesu wayenokubulawa kwaYuda, ukanti enqwenela nokumxhasa, uTomas ukhuthaza abafundi abangoowabo esenjenje: “Masiye nathi, ukuze sife naye.” Bebeka ubomi babo esichengeni, abafundi bapheleka uYesu kuhambo lwakhe lwenceba kwaYuda. Luka 13:22; 17:1-10; Yohane 10:22, 31, 40-42; 11:1-16.
◆ UYesu ebeshumayela phi kutshanje?
◆ Ziziphi iimfundiso aziphindayo uYesu, kwaye yiyiphi imeko yobomi bokwenene ayichazayo ukuze aphuhlise yiphi ingongoma?
◆ UYesu ufumana eziphi iindaba, kwaye usingisele entwenini ‘ngemini’ ‘nobusuku’?
◆ Uthetha ukuthini uTomas xa esithi, ‘Masiye nathi, ukuze sife naye’?