Ukusuka Endleleni Esa Ekufeni Ukuya Endleleni Esa Ebomini
KANGANGEMINYAKA emininzi ubomi bam babonakaliswe kukukhotyokiswa ziziyobisi. Ndaqalisa ngokusebenzisa iziyobisi ezingenamandla kangako ndaza ndagqibela ngezo zinamandla, ezifana neLSD. Iziyobisi zabonakala zibangela inkululeko kuzo zonke iindidi zeengxaki zobuqu nezentlalo. Okubuhlungu kukuba, ndakhuthaza nabanye abantu abaselula ukuba bandipheleke kule ndlela esa ekufeni.
Ekubeni ndandisaziwa njengomthengisi weziyobisi, ndandicutshiwe ngabakwantsasana. Ndimele ndivume ukuba ndandisoyika, ngenxa yokuba ndandisazi ukuba ukubanjwa kwakuya kuthetha iminyaka emininzi yokunkolonkoloza ngaphaya kwezitshixo. Nakubeni ndandinxunguphele ndiselusizini, oku kwakunganele ukwenza ukuba ndiguqule ikhondo lam.
Abazali bam bazama ukundinceda ngokundisa kwikhaya elinyanga izigulo zengqondo ukuze ndinyangwe. Babenethemba lokuba amayeza kwanonyango olwalufunyanwa apho lwaluya kuyicombulula ingxaki yam, kodwa ndathi nje ukuba ndiphume apho, abazali bam baqonda ukuba ndandingenakuguqulwa kwanalunyango lwezamayeza. Bazama ukundinceda ngokubhekele phaya ngokwenza ilungiselelo lokuba ndithethe nomfundisi. Oku nako akuzange kusebenze. Ndanditshaya umya ndize ndisele phambi kwakhe, ngokungathi wayengekho. Ndandingafuni nje kwaphela ukuguquka!
Intombi endandiza kutshata nayo, uOriana, yayiyichase ngokugqithiseleyo indlela endandiphila ngayo, ibe ndandingafuni ukuba indishiye. Ngokucacileyo, oku kwabonakala kuyintshukumisa elungileyo yokundenza ndiguquke. Kodwa, kunoko, ndaqhubeka nomkhwa wam wokusebenzisa iziyobisi ngasese. UOriana ndandimenza ukuba akholelwe ukuba ndiyagula. Kungekudala ndaba ngungantweni wokwenene. Ndandisoloko ndizithembisa ukuba ndandiza kuyeka ukuba ndandiza kukwazi ukwenjenjalo, kodwa oko yayikukuchith’ ixesha. Kuphela nje ndandisiya ndiqhubeka nendlela yam esa ekufeni.
Njengoko ndandifuna ukutshata no-Oriana ngokukhawuleza kangangoko kwakunokwenzeka, saxelela umlungisi wezindlu ukuba enze umsetyenzana kwigumbi lethu. Umkakhe wayengomnye wamaNgqina kaYehova, ibe wathetha nathi ngokholo lwakhe. Ekuqaleni le ngxubusho yamchukumisa ngokunzulu uOriana kunam, kodwa njengoko sasiqhubela phambili nayo, ndaqonda ukuba amaNgqina kaYehova ayenokholo olomeleleyo lokuba uThixo kungekudala uya kuwenza lo mhlaba ube yiParadisi nokuba abantu baya kuhlala apha eluxolweni ngonaphakade.
Ndafuna ukuzifumanisela ukuba kuyinyaniso na ukuba “kwanangoku amaNgqina kaYehova abonisa uthando nentlonelo omnye komnye,” njengoko eli nenekazi latshoyo. Ngoko mna no-Oriana saya kwiHolo yoBukumkani. Ndaziva ndineentloni ngenxa yesihlwitha seenwele zam nempahla yam egugileyo, kodwa indlela amaNgqina kaYehova awasamkela ngayo yandenza ukuba ndizive ndisekhaya ngoko nangoko. Ndaziva ndinokuwathemba. Yayicacile into yokuba uthando nentlonelo yokwenyaniso yomnye komnye zazisele ziyinto yokwenene kuwo.
Ukususela loo mini ukusa phambili, ndaqalisa ukuya ngokuthe rhoqo ezintlanganisweni zamaKristu, ndaza ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ndazicheba iinwele zam ndaza ndayiguqula indlela yam yokunxiba, ibe ngomgudu omkhulu, ndakwazi ukuyeka ukutshaya nokusebenzisa iziyobisi. (2 Korinte 7:1) Noko ke, kwakukho enye ingxaki enzulu ebomini bam. Ndingaqondanga, ndandilikhoboka lotywala. Xa ndisele, ndandisiba senkathazweni. Ndandiphikisana nabantu ndize ndibe nobukhwele gqitha ngo-Oriana. Ndawela kwimeko yokungonwabi ngokunzulu. (IMizekeliso 23:29-35) Ndenza umgudu wokwahlukana nalo mkhwa, ibe ngoncedo lukaYehova, ngamandla omthandazo nangoncedo lwabazalwana abangamaKristu, ndakwazi ukuwuphelisa lo mkhwa mbi ebomini bam.
Mna nomkam sabhaptizwa ngoAgasti 23, 1974. Ngenxa yenyaniso, ngoku ubomi bethu bunenjongo. Ekubeni ndiphinde ndanokuzithemba, ndiyahlonelwa emsebenzini. Mna nomkam sasisebenzela imali eninzi, kodwa sathi ke saqonda ukuba sasinexesha elincinane elalisalela inkonzo yethu engcwele. Ukuba sasifuna ukunandipha ulwalamano olusondele ngakumbi noYehova, kwakuya kufuneka senze iinguqulelo ebomini bethu. Kungenjalo, sasisemngciphekweni wokuba uthando lwethu lokuqala ngenyaniso luphole. Ngoko ngowe-1979 saqalisa ubuvulindlela, sizinikela ngokuphelele ngakumbi kumsebenzi wokushumayela.
Kwakutheni ukuze ndenze esi sigqibo? Kaloku, ngendiphi namhlanje ngaphandle kokukhanya kwenyaniso? Abo babekunye nam endleleni esa ekufeni ngoku bangamakhoboka otywala okanye abasenayo intsapho okanye baphoswa ngaphaya kwezitshixo—okanye itshoba lalal’ umbethe kubo. Ukanti, sisigidimi seBhayibhile esandikhululayo. Unyango nomnqweno nje kuphela zazinganele. Kwakufuneka intshukumisa enamandla. Ukufuna ukuhlakulela ubuhlobo bokwenyaniso noYehova, uMdali, kuyayibangela intshukumisa enjalo. Ngoku, kungumnqweno wam onyanisekileyo ukunceda bonke abo bangamakhoboka eziyobisi, kunye nabo batsala nzima okanye abo bafuna indlela yokwahlukana neengxaki zabo. Ngokuba nesabelo ngokukhutheleyo kubulungiseleli bobuKristu, mna nomkam besisenza kanye oko. Siye saba nelungelo lokunceda abantu abaninzi ukuba beze kwindlela esa ebomini. Phakathi kwaba ngabantu abathathu mna ngokobuqu endandibafundise ukusebenzisa iziyobisi. Ngoku ndikhonza njengomveleli wesiphaluka kumntla weItali.
Kuyinyaniso ukuba: Ukusebenzisa kakubi iziyobisi kufana nendlela ethi kungekudala ikukhokelele ekufeni okanye ubuncinane kubomi obungento nobungenakamva. Andinazwi lamlomo lokubonakalisa umbulelo wam kuYehova uThixo! Wandibonisa indlela yokuphuma ebumnyameni endandikubo waza wandalathisa kwindlela esa ebomini, ezele kukukhanya, ekhokelela kwikamva likanaphakade.—Ngokubaliswa nguRuggero Polotti.