IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 9/1 iphe. 29
  • Amandla Acocayo ELizwi LikaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amandla Acocayo ELizwi LikaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Iziyobisi Ezingekho Mthethweni Ezibuchaphazela Ngayo Ubomi Bakho
    Vukani!—1999
  • Ngaba Umlo Nxamnye Neziyobisi Unokuphunyelelwa?
    Vukani!—1999
  • Indlela Onokubakhusela Ngayo Abantwana Bakho
    Vukani!—2003
  • Iziyobisi—Kutheni Abantu Bezisebenzisa Kakubi Nje?
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 9/1 iphe. 29

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Amandla Acocayo ELizwi LikaThixo

KUNIKELWE ingxelo yokuba inkoliso yamakhoboka eziyobisi abuyela kwimikhwa yeziyobisi yabo emva kokukhululwa kumaziko onyango okubuyisela abantu kwimeko yesiqhelo. Kodwa iLizwi likaThixo linokufeza oko amaziko onyango ngokuqhelekileyo asilelayo ukukwenza. (Hebhere 4:12) Abaninzi baye bancedwa liLizwi likaThixo nomoya wakhe ukoyisa ukuba ngamakhoboka eziyobisi nokuze basebenzise isiluleko esithi: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nomoya, sigqibelelisa ubungcwele sisoyika uThixo.”—2 Korinte 7:1.

Oku kuzekeliswe ngamava avela eMyanmar. Indoda ethile eyalwa nzima nokukhotyokiswa ziziyobisi iminyaka emininzi iyabalisa: “Ndaba likhoboka leziyobisi xa ndandikwiminyaka yam yeshumi elivisayo. Amaxesha amaninzi ndazama ukukhululeka kuko, kodwa andizange ndikwazi. Ukuze ndixhase umkhwa wam wokuba likhoboka leziyobisi, ndaguqukela ekubeni lisela. Ngenxa yoko, ngowe-1988, ndavalelwa entolongweni kangangonyaka.

“Emva kokukhululwa kwam entolongweni, ndabuyela kubahlobo bam bangaphambili. Kungekudala emva koko ndabuyela kumkhwa weziyobisi. Eli khondo lokuzibhubhisa emzimbeni lakhokelela ekubeni amalungu entsapho yam aluqhawule lonke unxibelelwano nam. Ukongezelela, isimo sam sokuba ngumvukeli sabangela abaninzi ekuhlaleni ukuba bandoyike, yaye nabo baqalisa ukuzinxwema kum.

“Ngaminazana ithile kwenzeka into engenakuphepheka—ndazisebenzisa iziyobisi ngokugqith’ emgceni. Ndabuyiselwa entolongweni, ngesi isihlandlo iminyaka emithathu. Nangona ubomi entolongweni babunzima, ngandlel’ ithile ndakwazi ukuphila.

“Emva kokubuyela ekhaya ndivela entolongweni, ndacela uxolo kwintsapho yakowethu ngeempazamo zam zangaphambili. Ngobubele bandamkela, kodwa kwakhona, abahlobo bandenza ndabuyela kwiindlela zam zangaphambili.

“Ekugqibeleni, umakhulu wancomela kumfundisi wasekuhlaleni ukuba ndiye kwisikolo esithile seBhayibhile. Umfundisi wavuma. Noko ke, ngaphambi kokuba ndiqalise ukuya, umakazi, ongomnye wamaNgqina kaYehova, wathi ukuba ngokwenene ndandifuna ukufunda iBhayibhile, ndandifanele ndifundisise namaNgqina.

“Ndaya kwiHolo YoBukumkani ibe ndaziswa kwindoda eyathi yavuma ukufundisisa nam iBhayibhile. Abaninzi kwababekho bandibulisa ngobubele yaye bandenza ndaziva ndamkelekile.

“Emva kokuba ndiqalisile ukufundisisa iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso zamaKristu, umnqweno wokufuna iziyobisi wathatyathelwa indawo kukukufuna ukusondela kuThixo. Kunyaka kamva ndandenze inkqubela ukusa kumkhamo wokwahlulela ubomi bam kuYehova uThixo, yaye ndafuzisela uzahlulelo lwam ngokubhaptizwa emanzini.

“Kutshanje, xa ndandisiya kwindlu ngendlu, ndadibana nomnye owayesakuba sisinxulumani sam seziyobisi. Wayengakwazi ukukholelwa indlela endandiguquke ngayo. Oku kwavula ithuba lokunikela ubungqina, ibe ndakwazi ukuthetha ngethemba loBukumkani.

“Ekugqibeleni ndandiyifumene injongo yokwenene nentsingiselo yobomi. Ngenxa yoncedo lukaThixo nesiluleko esiphuma kwiLizwi lakhe, ngoku ndiyakwazi ukunceda abanye bahlukane noqheliselo lomkhwa wokusebenzisa kakubi iziyobisi.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share