Liyintoni Ithemba Ngabafi?
INTSAPHO eselula yayiseluhambeni oluya ekhefini kunxweme olusempuma lwaseMzantsi Afrika. Abazali bomfazi babekwenye inqwelo-mafutha eyayingaphambili. Ngequbuliso, kwagqabhuka ivili. Ngoxa babelungiselela ukufaka elinye ecaleni kwendlela, umqhubi wenye inqwelo-mafutha owayenxilile wangena waphelela kwezi nqwelo-mafutha zimbini. Indoda esel’ ikhulile nomfazi wayo bafa. Indoda ephakathi yona yafa kwiintsuku ezimbalwa kamva. Umfazi wayo weva intlungu yokwaphukelwa ziimbambo nokunye ukwenzakala. Usana lwakhe lwenzakala kanobom engqondweni.
Enjani yona intlekele eyehlela le ntsapho iselishweni! Xa uCarolann, udade balo mfazi uselula, wazivayo ezi ndaba, wamelwa yingqondo. Iintlekele ezinjengale ziyenzeka kuwo onke amazwe. Izalamane nezihlobo ezisentlungwini ngokufuthi ziyazibuza, ‘Ngaba abafi bafe ngokwenene,’ okanye . . .
‘Ngaba Abafi Basaphila?’
Phantse zonke iinkonzo zifundisa ukuba umphefumlo awufi. Ngenxa yoko, amarhamente azo akholelwa ukuba abo bathi bafe abafanga ngokwenene kodwa basaphila ezulwini, kwindawo yentlambululo-miphefumlo, okanye esihogweni. Njengoko kufundiswa kwiicawa ezininzi, abo bakule ndawo yokugqibela bathuthunjiswa ngonaphakade. Kodwa ngaba ngokwenene uThixo onothando ebengazivisa intlungu enjalo izidalwa zakhe?—1 Yohane 4:8.
Bekuya kubonakala kungenakwenzeka oko, kodwa sinokuqiniseka njani? Qwalasela ngenyameko obu bungqina bulandelayo buseBhayibhileni. “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” (Genesis 2:7) Ngaba le ngxelo iphefumlelweyo ithi umntu wokuqala, uAdam, wanikwa umphefumlo? Hayi, waba ngumphefumlo, umntu ophilileyo. Oku kungqinwa ngumpostile uPawulos, owabhala oku: “Owokuqala umntu, uAdam, ngokutsho kwesibhalo, waba ngumphefumlo ophilayo.” UPawulos wayecaphula kwiGenesis.—1 Korinte 15:45, The Jerusalem Bible.
Ngaba umphefumlo womntu unokufa? Umprofeti uHezekile wabhala oku: “Yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4, 20; INtshumayeli 9:5, 10) Kucacile ukuba, ukuba umphefumlo ufile, uyandula ke umntu angazi nto, kungoko engenako ukuva intlungu. Kwintetho yakhe yokuqala yesidlangalala emva kwePentekoste yowama-33 C.E., umpostile uPetros wathi: “Yothi ke yonke imiphefumlo engathanga imve loo mprofeti [uYesu], ibhujiswe kuphele phakathi kwabantu.” Ngoko umphefumlo uyafa.—IZenzo 3:23.
Ngaba Abafi Baya Kuphila Kwakhona?
Bonke abo bakholelwayo ekubeni iBhayibhile iyinyaniso bayazi ukuba uYesu wafa ibe wavuswa ngomhla wesithathu. (IZenzo 10:39, 40) Kwakunokwenzeka njani oku? Ngamandla omoya oyingcwele kaThixo.
Ngaba uvuko lukaYesu lwalukokuphela kwalo? Akunjalo. Kunjengokuba uPawulos wabhalela ibandla laseKorinte esithi: “UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo . . . uKristu.” (1 Korinte 15:20-22) Ngenxa yoko, abaninzi baya kuvuswa kwelabafileyo. Kwakhona uYesu wathi: “Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi.” (Yohane 5:28, 29) Oku kuqinisekisa ukuvuswa kwezigidi zabantu.
Ukuba le nkcazelo ingasentla iye yawuvuselela umdla wakho eluvukweni, usengabuza, ‘Ngoobani abaya kuvuswa, yaye nini?’ Makhe siqwalasele loo mibuzo ibalulekileyo.