Yiba Nomdla Wobuqu Kwabanye
“Izinto abanomdla kuzo abanye zixabiseni nazo, ningakhathaleli izinto eninomdla kuzo kuphela.”—FILIPI 2:4, “TE.”
1, 2. Ziziphi ezinye izizathu zokuba nomdla wobuqu kwabanye?
SINEZIZATHU ezivakalayo zokuba nomdla wobuqu kwabanye. Ngokomzekelo, sifanele sibe nomdla kubantu abangoowethu kuba sahlukile omnye komnye. Into ebangela imfuza ezenziwa ngayo iiseli zemizimba yethu iqulethe indlela esiyilwe ngayo ngokweempawu esazizuz’ ilifa kubazali bethu. Le ndlela sakhiwe ngayo yahluke ngokucace kangangokuba amaziko abacuphi okuthintela ulwaphulo-mthetho aye ongezelela “inkqubo yokufota iintupha zeminwe” ezineempawu zemfuza kwindlela yawo yokusebenzisa ubugcisa ekufaniseni izaphuli-mthetho.
2 Kukho ezinye izizathu ezibangela ukuba sahluke size sibangele umdla njengabantu ngabanye. Ukususela ekukhawulweni, sifumana impembelelo yemekobume esijikelezileyo. Kukho ubungqina obuninzi bokuba iintsana ezingekazalwa ziyakuva oko kwenzeka ngaphandle esibelekweni. Ngoko, emva kokungena ehlabathini njengemiphefumlo engaxhomekekanga koonina, siyachatshazelwa sisimo sengqondo nayinkqubo yabazali bethu. Njengoko sikhula, sinokuba ngabakuphela kwabantwana emakhaya okanye sinokuba nabantakwethu noodade wethu size sibe nesabelo esithile ekubanyamekeleni. Unxulumano olunjalo okanye ukungabikho kwalo kunento yokwenza nendlela esikhula ngayo. Kwakhona oko sikufundayo, oko sikufundiswa esikolweni, noko sikubukela kumabonwakude kuyayichaphazela indlela esicinga ngayo nezenzo zethu.
3. Ngokuvisisana neyabaseFilipi 2:4, nguwuphi umdla esifanele sibe nawo ngokukhethekileyo kwabanye?
3 Ngoko, indlela esahlukene ngayo ikhulisa umdla othile komnye nomnye. Kodwa umpostile uPawulos wayecinga ngesizathu esibaluleke ngakumbi sokuba nomdla kwabanye. Ngaloo ndlela, wabongoza amaKristu angoowabo ukuba ‘azixabise izinto abanomdla kuzo abanye, angakhathaleli kuphela izinto anomdla kuzo wona.’ (Filipu 2:4, TE) Endaweni yokufuna ingenelo yobuqu, sifanele ngokukhethekileyo sibe nomdla wokomoya kwabanye. Ngoko, ziziphi ezinye iindlela esithi ngazo sibe nomdla onjalo kwabanye?
Umdla Wokomoya Nokwahlukana Ngokweempawu Zobuntu
4. Ngokutsho kweyabase-Efese 4:22-24, ziziphi iinguqulelo ezikhulisa umdla wethu wokomoya kwabanye?
4 Umdla wethu wokomoya kwabanye uyakhula xa thina ngokobuqu sisebenzisa ulwazi lwenyaniso engokweZibhalo size sifunde ukuxelisa umzekelo kaYesu Kristu. (1 Petros 2:21) NjengamaKristu okwenyaniso, ‘simlahlile umntu omdala [“ubuntu obudala,” NW], owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla’ saza sasebenzela ukumthabathel’ indawo ‘ngomntu omtsha [“ngobuntu obutsha,” NW] othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.’ (Efese 4:22-24) Ngaloo ndlela, isimo sengqondo sokuzingca sithi ngokuthe ngcembe sithatyathelwe indawo yinkxalabo yobubele neyolwazelelelo ngabanye.—Isaya 65:25.
5. Kutheni le nto kukho ukwahlukana ngokweempawu zobuntu ebandleni lamaKristu, nto leyo eqhubela kuwuphi umbuzo?
5 Nangona abantu bakaYehova beye benza iinguqulelo eziphawulekayo kubuntu babo, utyekelo lwesono lusekho. KwanoPawulos wavuma oku: “Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndifuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum.” (Roma 7:21) Kakade ke, sinazo nezinye iimpawu esizizuz’ ilifa nesizifumanele nje, ibe ziyasahlula njengabantu ngabanye. Bambi batyekele ekubeni ngamagcisa, abanye banobugocigoci ngezinto. Ngoxa abanye bengabantu abangquthu nabantloni, abanye bayangeneka ibe banobuhlobo. Ngoko, lunokulondolozwa njani umanyano lwebandla lamaKristu phakathi kokwahlukana okunjalo ngokweempawu zobuntu?
6. Sifanele sikujonge njani ukwahlukana kwethu ngokweempawu zobuntu, ibe ubunokukuzekelisa njani oku?
6 Ukuze sibonakalise umdla wokomoya kwabanye size silondoloze umanyano lobuKristu, simele sibe ngabanyanisekileyo nabaqondayo. Ekubeni uThixo engasilindelanga ukuba senze izinto ngokwemfezeko, asimele sikufune ngegunya oko kwizinxulumani zethu ezingamaKristu. Ngaphezu koko, uYehova akalindelanga ukuba bonke abakhonzi bakhe bafane ncam. Kwibandla lamaKristu, sonke ngabanye sinendawo ibe sinokusebenzisa ubuchule bethu esibuzuz’ ilifa nesibuphiwe nguThixo ekuhambiseleni phambili umsebenzi wakhe. (1 Korinte 12:12-26) Ukuba sizigcina sixakekile ekusebenzeni nzima phantsi kolwalathiso lweNtloko yebandla, uYesu Kristu, asiyi kuba nalo ixesha lokukhangela abanye ngeliso eligxekayo. (1 Korinte 4:1-4) Njengoko igcisa lomsebenzi lisazi, isixhobo ngasinye siyilelwe ukwenza umsebenzi othile. Ngaba isando sinokubhola umngxuma omhle njengoko ibhola isenza? Ngaba isichwelo esisetyenziswa ngokuphumelelayo ekuchweleni iplanga sinokukwazi ukujijela isikrufu kulo? Akunjalo, kuba isixhobo ngasinye sokusebenza sinomsebenzi waso ofanelekileyo.
7. Njengoko sinesabelo kunye kwinkonzo yoBukumkani, yiyiphi eyona nto ibalulekileyo esifanele siyigcine engqondweni?
7 Hayi indlela ayinyaniso ngayo amazwi engoma yoBukumkani ethi “Inkonzo Evuyisayo”! Ibongoza isithi: “Masimkhonz’ uThixo wethu ngovuyo, sizisebenzis’ iz’ phiwo es’ nazo.” Kuyinyaniso ukuba, sisenokungabinabo ubuchule obuthile obubalaseleyo. Kanti, sikhumbula owona msebenzi ubalulekileyo esiwabelweyo njengamaNgqina kaYehova size sizinikele kuwo ngeentliziyo ezipheleleyo. Kunjengokuba le ngoma isongezelela isithi: “Nokuba kuncinane es’ kwenzayo kongqin’ uz’ nikelo lwethu nothando.”—Mvumeleni Iindumiso UYehova, ingoma 130.
Bagqale Abanye Njengabongamileyo
8. Lomelezeka njani umanyano ngokusebenzisa oko uPawulos wakuthethayo kwabaseFilipi 2:1-3?
8 Kwakhona umanyano lomelezwa kukubagqala abanye njengabongamileyo kunawe. UPawulos wabhala: “Ukuba ke ngoko kukho usizo kuKristu, ukuba kukho ukhuzo lothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya, ukuba kukho imfesane neemfefe, luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge nto-nye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye.” Phawula oko umpostile akongezelelayo: “Ningenzi nanye into ngokweyelenqe [“ngokuxabanisa,” NW], nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye.”—Filipi 2:1-3.
9. Kuthetha ntoni ukuba ngumxabanisi nokufuna uzuko olulambathayo, ibe sinokuziphepha njani ezi mpawu?
9 Engabagqali abanye njengabongamileyo kunaye, ongumxabanisi “usoloko ebonakalisa utyekelo olugqwethekileyo nokruquka msinyane xa kuvela iingxabano neempikiswano.” (Webster’s New Collegiate Dictionary) Olu phawu lwemfuza lunokucaca “ekuphikisaneni ngamazwi.” (1 Timoti 6:4, NW) Ngokuqinisekileyo, intshukumisa yamazwi kunye nengcamango ayidluliselayo ifanele ixhalatyelwe ngokuyintloko. Ngoko kuphephe ukuphikela ukusebenzisa amabinzana athile ngokuwathetha okanye ngokuwabhala. Ibe kuthekani ukuba uxelelwa ngembono eyahlukileyo emayela nenkolelo ethile? Ngokunyanisekileyo namathela kwinkcazelo engokweZibhalo enikelwa nguThixo ‘ngomkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 24:45-47) Ngapha koko, leyo yindlela kakade esayifunda ngayo inyaniso. Ukuqonda oku kuyasinceda ukuba siphephe ukuba ngabazigwagwisayo, oko kukuthi, ukuba nemvakalelo ebaxiweyo yokuba ngobalulekileyo.
Hlakulela Umdla Wobuqu Kwabanye
10. Sifanele siyisebenzise njani eyabaseFilipi 2:4 ebandleni?
10 Khumbula ukuba uPawulos wasibongoza ukuba ‘sizixabise izinto abanomdla kuzo abanye, singakhathaleli izinto esinomdla kuzo kuphela.’ (Filipi 2:4, TE) Kuthetha ukuthini oku? Kanye njengoko ukuba ngabaziphaphelayo izinto ezisingqongileyo kusenokusinceda kubulungiseleli basentsimini, ngoko ukuba nomdla kwimpilontle yabanye ebandleni kuya kusenza sifumane amathuba okuqinisa intambo yothando esimanyanisayo. Abadala ngokukhethekileyo banembopheleleko yokubonakalisa inkxalabo ngamakholwa angoowabo, kuba umzekeliso uthi: “Khuthalela ukubazi ubume bempahla yakho emfutshane [“bomhlambi wakho,” NW].” (IMizekeliso 27:23) Kakade ke, sonke sinako ibe sifanele sitsalele ingqalelo kwiimfuno zamakholwa angoowethu.—1 Petros 2:17.
11. Kutheni le nto kufuneka sibe ngabaphulaphulayo xa sithetha nabazalwana noodade bethu bokomoya?
11 Enye indlela yokomeleza umanyano nokuhlakulela umdla kwabanye kukuzinika ithuba lokuncokola kakuhle nabazalwana noodade wenu bokomoya. Fumanisa oko bakucingayo. Oko unokukwenza xa utyelela amakhaya abo, ngaphambi kokuqalisa kweentlanganiso nasemva kwazo kwiHolo yoBukumkani, nangamathuba onqumamo kwiindibano zethu. Ibe baphulaphule ngenyameko xa bethetha. Oku kunokuthetha ukuba siya kuva ngeengxaki abajamelana nazo, kodwa kungoko esinokuthi sikwazi ukubanceda bayithwale imithwalo yabo baze ngaloo ndlela bazalisekise umthetho kaKristu. (Galati 6:2) Kanti, kukho nto ithile engaphezu kokuthetha nabazalwana bethu eya kululondoloza umanyano lwebandla. Yintoni leyo?
Bonakalisa Imvakalelo Yobuhlobo
12. Kutheni le nto sifanele sibonakalise imvakalelo yobuhlobo?
12 Kwakhona imvakalelo yobuhlobo iyalomeleza umanyano lwamaKristu. Sineengcinezelo ezisithwaxayo ebomini, kufuneka thina sonke silubonakalise olu phawu. Kwanga asingeze similisele ingqondo ngokugqithiseleyo koko sikucingayo ngokokude sisilele ukuqwalasela iimvakalelo zabanye. Ngokomzekelo: Uthile owayenenxaxheba kucwangciso lweNtlanganiso yeNkonzo, wathi efika nje wabe umdala sel’ emkhawulezela ngombandela awayefanele awuquke kwizaziso. Lowo wayeza kuba nenxaxheba wenza into eyammangalisayo neyamenza waziva eneentloni umdala, kuba wamjonga wancuma, waza wathi: “Khawume kuqala, Mzalwana, molo!” Umbandela awayeza kuwuquka kwizaziso baxubusha ngawo emva kokuba bebulisene ngobuhlobo ibe lo mzalwana wakhululeka. Esinjani sona isifundo awasifundayo loo mdala! Musa ukungxama kakhulu, ngaloo ndlela uzibetha ngoyaba izenzo ezibonakalisa isimilo ezenza ulwalamano lwakho nabanye lube lolunandiphekayo.
13. Imvakalelo yobuhlobo ishukumisela abadala ekwenzeni ntoni xa beqhubana nezinxulumani zabo ezingamaKristu?
13 Imvakalelo yobuhlobo ishukumisela abadala ekubonakaliseni uvelwano nezinye iimpawu ezintle. Maxa wambi, la madoda amele abe ngathantamisayo, “njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana.” (1 Tesalonika 2:7) Ukunceda abantu ngabanye kufuna umonde nenkxaso enothando. Abo baye ‘balushiya uthando ababenalo ekuqaleni’ kusenokufuneka bavuselelwe ukuze basebenze ngamandla ibe basenokufuna uncedo ukuze baqonde ukungxamiseka kwamaxesha ethu. (ISityhilelo 2:4; 2 Timoti 4:2; Hebhere 6:11, 12) NjengoPawulos, abadala ‘banothando olunyamekileyo,’ (NW) ngezinxulumani ezingamaKristu, beziluleka yaye bezikhuza ‘ukuba zihlale zihamba ngokumfaneleyo uThixo.’—1 Tesalonika 2:8, 11, 12.
14. Bubuphi ubungqina awabunikelayo uPawulos bokuba wayenemvakalelo yobuhlobo?
14 UPawulos wabashiyela abadala umzekelo omhle wendlela yokubonakalisa inkxalabo enothando ngempilontle yabazalwana noodade bokomoya. Wabhala oku: “Ndingasazibali zona izinto ezingaphandle kwezo, ndingungelwe imihla ngemihla kukuwaxhalela onke amabandla kaThixo.” Ngenxa yokuba uPawulos wayenenkxalabo enjalo, wayenokubuza athi: “Ngubani na okha aswele amandla, ndingasweli mandla nam? Ngubani na okha akhutyekiswe, ndingatshiseki mna?” Ukuba ungumdala, ngaba unemvakalelo enjalo yobuhlobo?—2 Korinte 11:28, 29.
Ukuzuza Umzalwana Wakho
15. Xa kuvela iinzima ezinzulu phakathi kwabazalwana, sisiphi isiluleko sikaYesu esikuMateyu 18:5 esifanele silandelwe, ibe ifanele ibe yintoni injongo yokwenza oko?
15 Ukubonakalisa imvakalelo yobuhlobo komeleza umanyano phakathi kwabakhonzi bakaYehova. Noko ke, ngezihlandlo ezithile, kusenokubakho iingxabano zobuqu. Ukuba kuzo kubandakanyeke imibandela enzulu, amaKristu afanele alandele isiluleko sikaYesu esibhalwe kuMateyu 18:15-17. Khawuphawule inyathelo lokuqala. Kukuthetha nomzalwana wakho ngasese ukuze “umohlwaye [“udandalazise impazamo yakhe,” NW].” Ifanele ibe yintoni injongo yakho? Ewe, ‘ikukuzuza umzalwana wakho’! UYesu wathi: “Ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho.” Okuvuyisayo kukuba, ngokuqhelekileyo kukuthetha kunye ngasese kuphela okufunekayo ukuze nibuyisele ulwalamano loxolo phakathi kwakho nomnquli kaYehova onguwenu.
16. Yintoni ofanele uyenze xa uphawula ukuba umzalwana wakho akakuginyi ncam?
16 Ukuba uphawula ukuba umzalwana wakho akakuginyi ncam, landela isiluleko sikaYesu sokuba “uxolelane nomzalwana wakho.” (Mateyu 5:24) Yithetheni ingxaki ngendlela yokuzola neyobubele, nizama ukuqonda imbono yakhe ngamnye wenu. Ngale ndlela, umcimbi udla ngokucombululeka ibe uxolo lwebandla luyalondolozwa.
Ukuzuza Abangakholwayo
17, 18. Sisiphi isiluleko awasinikelayo uPetros kubafazi abangamaKristu abakumakhaya awahluleleneyo ngonqulo?
17 Enye yezona meko zinzima kakhulu ekufanele kusetyenziswe imigaqo engokweZibhalo kuzo kukwikhaya elahluleleneyo ngonqulo. AmaKristu amaninzi aye asebenza nzima ngoxa ehlangabezana nokatyo kunye neenzima ezibangelwa kukungabikho komanyano lokomoya kwimitshato yawo. Anokuncedwa njani?
18 Ngenxa yokuba benomdla wobuqu kwabanye, abadala bayakuvuyela ukunikela uncedo lokomoya kwabo bakumakhaya awahluleleneyo ngonqulo. Ngokomzekelo, kule meko kusenokwalathiselwa ingqalelo kwisiluleko sikaPetros esingehambo yabafazi abangamaKristu. Ubaxelela ukuba bawathobele amadoda abo kwanokuba awakholwa ibe ‘awaliva ilizwi.’ Kutheni le nto befanele bawathobele? “Ukuze kuthi . . . ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke.” (1 Petros 3:1) Kodwa kuphumelela kangakanani ukusebenzisa esi siluleko?
19. Khawuzekelise ngengenelo efumanekayo ekusebenziseni eyoku-1 kaPetros 3:1.
19 Umfazi ogama linguVera uyavuma ukuba xa wayesaqala ukuba ngumKristu, wayesoloko ethetha nendoda yakhe ngenyaniso yeBhayibhile, ibe yona yakruquka yiyo. Uhlabela mgama esithi: “Ndisebenzisa icebiso elingokweZibhalo endalifumana komnye umdala, ndagqiba ekubeni kwakulunge ngakumbi ukuba ngonobuchule ndize ndilindele amathuba afanelekileyo azivulekelele wona ngokwawo.” Ngokusisiseko, uVera wasebenzisa eyoku-1 kaPetros 3:1, nangona wayethi maxa wambi amqhubele ngokwakhe umyeni wakhe, uBarry, ekuxubusheni imigaqo yeBhayibhile. Kamva umyeni wakhe wachaza oku: “Kangangeminyaka, bendiphawula ukuba uVukani! [ulindixesha oliqabane leMboniselo] ebebonakala kuyo yonke indawo endlwini. Ebeneengongoma ezisebenzisekayo ibe maxa wambi bezikhutshwa kuye ngaphambi kokuba zikhutshwe ezindabeni.” Ngenxa yoko, emva kweminyaka engama-20 yokungamanyani, uBarry noVera bayakuvuyela ukumanyana enkonzweni kaYehova.
20. Luluphi uncedo olunokunikelwa ngabadala kumadoda angamaKristu akumakhaya awahluleleneyo ngonqulo?
20 Indoda ekholwayo ijamelana neenzima ezinkulu xa umfazi wayo ebuchasa ubuKristu bokwenyaniso yaye ephembelela abantwana babo ukuba bayichase. Benomdla wobuqu kwindoda enjalo, abadala banokutsalela ingqalelo kwimigaqo yeZibhalo eluncedo. Ngokomzekelo, kunokuphuhliswa ingongoma yokuba phezu kwayo nje inkcaso yomkayo yona iyintloko yentsapho yaye ifanele ifundise abantwana bayo ngokweZibhalo. (Efese 6:4) Isenokubongozwa ukuba ihlale nomfazi wayo, “ngokokwazi,” ibonakalisa umdla koko akwenzayo yaye imncedisa kwimisebenzi yendlu nasekunyamekeleni abantwana. (1 Petros 3:7) Ngaphezu kwako konke, indoda ekwangubawo okholwayo ifanele ikhuthazelwe ukuhlala incokolisana nentsapho yayo ukuze yazi oko kusentliziyweni yelungu ngalinye. Kwakhona abadala basenokuyikhuthaza ukuba ihlale izama ukunceda umkayo ngamazwi ‘avakaliswe ngetyuwa,’ ngobuchule imxelela ngenyaniso engokweZibhalo ngezihlandlo ezifanelekileyo.—Kolose 4:6.
21. Unokuncedwa njani umfazi ongakholwayo ekubeni abe nomdla enyanisweni?
21 Maxa wambi ukubonakalisa umdla kwizalamane zamaKristu akumakhaya awahluleleneyo ngonqulo kuwenza asixabise isigidimi soBukumkani. Ngokomzekelo: Enye indoda engumKristu yayidimazekile kuba umfazi wayo wayeyichasa ngokukrakra kangangeminyaka eliqela. Omnye umdala wazinika ithuba lokuba akhe ayityelele aze anikele uncedo ngengxubusho yeBhayibhile. Akufika kweli khaya, lo mdala wambulisa ngobubele lo mfazi waza wambuza wathi: “Ngaba ubuya kukhathazeka xa ubutha nathi?” Esi simemo sobuhlobo samchukumisa lo mfazi kangangokuba evuya wathelela engxubushweni. Ngokukhawuleza wayamkela inyaniso waza waqalisa ukushumayeza abanye.
22. Kutheni le nto sifanele sibe nomdla wobuqu kwabanye?
22 Ngoko, njengamaNgqina kaYehova, ‘masenze zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo.’ (1 Korinte 9:23) Eneneni, “njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.” (Galati 6:10) Kwanga singanomdla wobuqu kwabanye ukuze sikhulise uthando lobuzalwana bethu bazwenibanzi.
Unokuphendula Njani?
◻ Kutheni, ngokukhethekileyo, sifanele sibe nomdla kwabanye?
◻ Sinokuwuhlakulela njani umdla wobuqu ngamakholwa angoowethu?
◻ Abadala banokuyibonakalisa njani imvakalelo yobuhlobo?
◻ Yintoni esenokuba ngumphumo wokuba nomdla wobuqu kwabangakholwayo?
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Njengoko isixhobo ngasinye sokusebenza siyilelwe ukwenza umsebenzi othile, bonke ebandleni lamaKristu banokusebenzisa ubuchule ababunikwe nguThixo ekuhambiseleni phambili umsebenzi kaThixo
Ukuze womeleze umanyano lobuKristu, umele ube nomdla wobuqu kwabanye
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UPawulos wabashiyela umzekelo omhle abadala ngendlela yokubonakalisa inkxalabo enothando ngamaKristu angoowabo