Ukubonisa Umdla Wobuqu Kwabanye
1 Indlela uYehova anomdla ngayo kwabanye icace ngokupheleleyo. Ngaba akazange azilungiselele ngokwaneleyo iintswelo zokuphathekeyo zendalo yakhe? (Gen. 1:29, 30; 2:16, 17; Mat. 5:45; thelekisa uLuka 6:35.) Okubaluleke ngakumbi kukuba, ngaba akazange abonakalise umdla wobuqu kuthi ngokwenza ilungiselelo lokusihlangula esonweni nasekufeni?—Yoh. 3:16.
2 Xa uYesu wayesemhlabeni, waxelisa umzekelo ogqibeleleyo kaYise wokubonisa umdla wobuqu kwabanye. (Mat. 11:28-30; 1 Pet. 2:21) Xa indoda eyayineqhenqa yathi kuYesu, “Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlangula,” uYesu waphendula wathi, “Ndiyathanda,” waza wayiphilisa loo ndoda. (Mat. 8:2, 3) Xa wayekufuphi nesixeko saseNayin, uYesu wadibana nomngcelele womngcwabo womfana oselula, owayekuphela konyana womhlolokazi othile, yaye esikwe yimfesane, uYesu wamvusa. (Luka 7:11-15) Enoba wayengacelwanga, uYesu wayebonisa umdla wobuqu kwabanye. Wayede akugqale kufanelekile ukuchitha ixesha nokunikela ingqalelo kubantwana abancinane, yaye wayesoloko ekulungele ukuthuthuzela nokukhuthaza abanye.—Mat. 20:31-34; Marko 10:13-16.
INTSAPHO NABAHLOBO
3 Sifanele sizabalazele ukuba njengoYehova noYesu Kristu ekufuneni iindlela zokubonisa umdla wobuqu kwabanye. Ngoko ke, makhe sihlolisise iindlela ezithile esinokukwenza ngazo oko.
4 Enye yezona zinto zifuneka gqitha kukuba abazalwana babonise umdla wokwenene wobuqu kumalungu eentsapho zabo baze bangabutyesheli ubumoya bentsapho. Oku kuquka ukufundisisa nentsapho rhoqo. Kufundisiso lwakho lwentsapho, ngaba uwuxubusha umbandela ngendlela ebangel’ umdla nesebenzisekayo? Ngaba kwakhona uhlola inkqubela yayo ngokuthi usebenze rhoqo nelungu ngalinye lentsapho yakho kwinkonzo yasentsimini? Xa usenjenjalo, ngaba eli iba lithuba elivuyisayo? Ngaba wakha kubantwana bakho umnqweno wokunceda abanye abantu, ngaloo ndlela bebonisa uthando lommelwane lobuKristu? Ukuba utshatile yaye akukho bantwana ekhaya, ngaba sekunjalo ninaso isifundo sentsapho?
5 Sifuna ukunikela uncedo lokomoya kubantu bonke esinokubafikelela. Kodwa ngaba ngenxa yokuxakeka siyalibala ukubonisa umdla wobuqu kumalungu ebandla aneentswelo ezikhethekileyo? (IMize. 3:27; Gal. 6:10) Kwibandla lamaKristu, kukho abantwana abangenayise, abalupheleyo, abahlolokazi, abanempilo enkenenkene, abadandathekileyo, abaneziphene, nabanye abaneentswelo ezikhethekileyo. Ekuxeliseni uYehova noNyana wakhe, uYesu Kristu, asifanele sikutyeshele ukubonisa umdla wobuqu kubo bonke abazalwana noodade wethu.—1 Kor. 10:24; Fil. 2:4; Heb. 13:16.
ABANJENGEZIMVU ENTSIMINI
6 Sinokuwubonisa njani umdla wobuqu kubantu abaqhutyelwa izifundo zeBhayibhile zamakhaya? Abaninzi babo bakubone kuyimfuneko ukuphelisa ubuhlobo babo nezinxulumani zehlabathi. Nakubeni sixakekile, ngaba sibonisa umdla wobuqu kubafundi abanjalo size abo baye benza iinguqulelo sibenze bazive bamkelekile njengabahlobo bethu abatsha? Ngaba silukhuthazo kubo kwanokuba abazozifundo zethu?—Thelekisa uMarko 10:28-30.
7 Ngaba unokuba nenxaxheba enkulu ekuboniseni umdla onyanisekileyo wobuqu kubantu abakulungeleyo ukuphulaphula iindaba ezilungileyo? Ngaba ungenza iinzame zokubanceda ukuze baphumeze iintswelo zabo zokomoya? Yintoni wena ngokobuqu onokuyenza ukuze ube nenxaxheba enkulu kubulungiseleli basentsimini? Musa ukurhoxobisa ukuba ngoku iimeko ziyakuvumela ukuba ube nenxaxheba ngokungakumbi.—Luka 9:60-62.
8 Simele sixelise uYehova noYesu ekuboniseni umdla wobuqu kwabanye. Simele sibe nemfesane size sizabalazele ukunceda, njengoko uYesu wenzayo kwimeko yaloo ndoda yayineqhenqa. Ewe, simele sihlale siziphaphele iindlela esinokubonisa ngazo umdla wobuqu kwabanye.