“Ngaba Oku Kukwanda Okukhawulezileyo Koxolo”?
“UKWANDA Okukhawulezileyo Koxolo.” “Kwowu, Elinjani Lona Ihlabathi Ukuba Seluxolweni.” “Uxolo Lukuyo Yonke Indawo.” La ngamazwi awayephakathi kwemixholo ephambili yelinye iphephandaba elothusa abafundi ebudeni banyakenye okanye beminyaka emibini edluleyo. Kulo lonke ihlabathi, ukuguquka okusezindabeni ukususela kwihlabathi lobumnyama nelenkxwaleko ukusa kwinkolo yokuba ekugqibeleni izinto ziza kulunga kwakuyinto emangalisayo. Kwakusenzeka ntoni?
Ngokuphawulekayo, kungekudala iingxwabangxwaba ezinkulu ziye zaphela okanye zathotha kwiinyanga nje ezimbalwa. EAfrika, ‘kwabakho’ uxolo eAngola. KuMbindi Asiya, iRashiya yayirhoxisa imikhosi yayo kwelaseAfghanistan. KuMbindi Merika, umlo owawuphakathi kukarhulumente waseNicaragua neqela labavukeli abazibiza ngokuba ziiContra wathotha. KuMzantsi-mpuma Asiya, umkhosi waseVietnam wavuma ukurhoxa eKampuchea. ‘Ukwanda okukhawulezileyo koxolo’ kwada kwafikelela nakuMbindi Mpuma, xa imfazwe yophalazo gazi eyayiphakathi kweIran neIraq yathi ekugqibeleni yaphela.
Kunokwenzeka ukuba into eyaphawuleka kwanangakumbi yayiyimeko-bume entsha phakathi kwamagunya amakhulu. Emva kweminyaka engama-40 kukho imfazwe yomlomo, kwakunzima ukuzikholelwa izenzo zoxolelaniso, iintetho ezimalunga nemvisiswano phakathi komnye nomnye, nezindululo ezingqalileyo zokusekwa koxolo phakathi kweRashiya neUnited States. Ngaphezu koko, ngokutsho kweThe Economist, iYurophu iye yanelona thuba lide liqhubekayo kungekho mfazwe kuyo yonke imbali yayo ebhaliweyo. Enyanisweni, uxolo lungundaba-mlonyeni.
Oku kuthetha ntoni? Ngaba abezobupolitika basemgubasini wokuzisa “uxolo kumhla wethu”? Kwiminyaka engamashumi amahlanu ananye eyadlulayo, la mazwi avakaliswa yinkulumbuso yaseBritani uNeville Chamberlain. Angqineka eyimpoxo yokwenene xa, kwithuba nje elifutshane emva koko, kwaqhambuka imfazwe yehlabathi yesibini. Ngaba ngoku ekugqibeleni aza kuba yinyaniso?