Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Xa UKristu Efika Esemandleni OBukumkani
UYESU usenabapostile bakhe kwiNtaba yeMinquma. Ephendula isicelo sabo somqondiso wobukho bakhe nokupheliswa kwale nkqubo yezinto, ngoku ubenzela owokugqibela kungcelele lwemizekeliso yakhe emithathu. UYesu uqalisa ngokuthi, “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe.”
Abantu abanakuzibona izithunywa zezulu zikuzuko lwazo lwasezulwini. Ngoko ukufika koNyana woMntu, uYesu Kristu, nezithunywa zezulu kumele kungabonakali emehlweni abantu. Wafika ngonyaka we-1914. Kodwa yiyiphi injongo yokuza kwakhe? UYesu uyacacisa: “Zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.”
Echaza okuya kwenzeka kwabo bahlulelwe ngakwicala lakhe elikholekileyo, uYesu uthi: “Uya kuthi ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.” Izimvu azisayi kulawula noKristu ezulwini kodwa ziya kubudla ilifa uBukumkani ngengqiqo yokuba zibe ngabalawulwa babo basemhlabeni. ‘Ukusekwa kwehlabathi’ kwenzeka xa uAdam noEva baqalayo ukuvelisa abantwana ababenokungenelwa kwilungiselelo likaThixo lokuhlawulelwa koluntu.
Kodwa kutheni izimvu zisahlulelwa kwisandla sokunene esikholekileyo soKumkani? Ukumkani uyaphendula esithi, “Kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini; ndandizé nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.”
Ekubeni izimvu zisemhlabeni, zifuna ukwazi ukuba zinokuba zazenza njani izenzo ezilunge ngolo hlobo kuKumkani wazo wasezulwini. Ziyabuza, “Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza? Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uzé, sakwambesa? Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?”
UKumkani uphendula esithi, “Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.” Abazalwana bakaKristu yintsalela esemhlabeni yabali-144 000 abaya kulawula naye ezulwini. UYesu uthi, ukwenza okulungileyo kubo kufana nokwenza okulungileyo kuye.
Wandula ke uKumkani athethe neebhokhwe. “Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselelwa uMtyholi nezithunywa zakhe. Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandizé, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela.”
Noko ke, iibhokhwe ziyakhalaza zisithi: “Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uzé, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela?” Iibhokhwe zifumana umgwebo wokuzohlwaya ngesizinzi esifanayo nezithi ngaso izimvu zigwetywe njengezikholekileyo. UYesu uyaphendula esithi, “Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba [bazalwana bam] bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum.”
Ngoko ubukho bukaKristu esemandleni oBukumkani, ngaphambi nje kokuphela kwale nkqubo ingendawo yezinto kwimbandezelo enkulu, buya kuba lixesha lomgwebo. Iibhokhwe ziya ‘kumka ziye elubethweni olungunaphakade, ke wona amalungisa [izimvu] aya kuya ebomini obungunaphakade.’ Mateyu 25:31-46; ISityhilelo 14:1-3.
◆ Kutheni le nto bumele bungabonakali ubukho bukaKristu, yaye nguwuphi umsebenzi awenzayo ngelo xesha?
◆ Izimvu zibudl’ ilifa ngayiphi ingqiqo uBukumkani?
◆ ‘Ukusekwa kwehlabathi kwenzeka’ nini yaye kwakutheni ukuze kube ngelo xesha?
◆ Abantu bagwetywa ngasiphi isizinzi njengezimvu okanye njengebhokhwe?