Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
◻ “INTSHUTSHISO enkulu” eyehlela ibandla lamaKristu lokuqala yanceda ekusasazeni abafundi abaninzi bakaKristu. (IZenzo 8:1) Noko ke, le ntshutshiso yavelisa imiphumo engalindelwanga ngenxa yokuba abo babeziintsali “batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi.” (IZenzo 8:4) UFilipu waqhubeka eshumayela, “zaye izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa.” (IZenzo 8:6) Njengoko intshutshiso yavelisa imiphumo ebingalindelwanga ngenkulungwane yokuqala, iye yenjenjalo kwilali ekumntla welaseThailand.
Uvulindlela okhethekileyo wamaNgqina kaYehova waqalisa ukushumayela kule lali, kodwa ekuqaleni abemi balapho babengaphulaphuli. Noko ke, xa wathetha nomshumayeli wasekuhlaleni, abantu basondela ukuza kuphulaphula. Bambi bayiqonda into yokuba iNgqina laliyazi ngakumbi iBhayibhile kunomfundisi wabo, ngoko baqalisa ukufundisisa iBhayibhile nalo vulindlela nakubeni abanye babebatshutshisa. Amanye amadada abo abulawa, ubomi bukavulindlela babusongelwa yaye indlu yenye indoda eyayinomdla yatshiswa. Le ndoda yathi: “Banokuyitshisa indlu yam, kodwa abanakuyitshisa intliziyo yam.” Abo babefundisisa neli Ngqina babehamba imigama emide ngeebhayisikile ukuze babekho kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani. Abane kubo babhaptizwa, ibe abanye abathandathu basabapheleka ukuya kwiintlanganiso.
Umvuzo Wokunyaniseka
◻ Abazalwana eZambia baye bazakhela udumo oluhle lokunyaniseka, yaye oku kuye kwaphumela ekubeni bafumane iintsikelelo, kwaza kwanceda nabanye ukuba bayibone inyaniso. Umdala, onguvulindlela othe ngxi, wayekhwele kuduladula waza weva iNgqina elalikulo duladula lithetha nabanye ngovuko. Umhambi owayekhwele walibuza wathi: “Kutheni nina maNgqina nisithi unqulo lwenu lulo kuphela oluyinyaniso?” Umzalwana wangenelela encokweni waza wathi kulo mhambi uYehova uya kuwavuza amaNgqina akhe ngenxa yokuba afundisa inyaniso ephuma eBhayibhileni.
Emva kokwahlukana kobusuku kolu hambo lude, uduladula wafika kwindawo ekumiswe kuyo iimoto ngamapolisa. Kwakusina ngamandla. Ijoni langena kulo duladula laza labuza enoba kwakukho nabani na owayengomnye wamaNgqina kaYehova owayekhwele apho. Babekho bebathathu. Landula ke lathi: “Kulungile, amaNgqina makahlale phantsi, bonke abanye mabaphume neengxowa zabo.” Bonke abanye baphumela emvuleni, yaye emva kokuba behloliwe, babuya imithwalo yabo neempahla zimanzi tixi.
Bakuba bebuyele kuduladula, ijoni lathi: “Isizathu sokuba ndiwavumele amaNgqina ahlale sikukuba angabantu abanyanisekileyo. Siye sanamava amaninzi saza safumanisa ukuba bakuphela kwabantu abanyanisekileyo; xa siwabuza ukuba kukho ntoni na kwiingxowa zawo, asixelela inyaniso.” Njengoko uduladula wayenduluka, lo mzalwana wabuza esithi: “Luluphi unqulo oluyinyaniso?” Omnye waphendula wathi: “Lolo abantu balo banganethiswanga emvuleni.”
Ewe, ukunyaniseka kuyanceda ekufaniseni unqulo lokwenyaniso, yaye ngokuqinisekileyo kunemivuzo yako!