IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 7/15 iphe. 6
  • Ngenxa Yokuba Wathandaza

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngenxa Yokuba Wathandaza
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Sifanele Sithandaze Ngokungapheziyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • 5 Sithandaze Phi Yaye Nini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Phakamisa Izandla Ezinyanisekileyo Uthandaze
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • UYesu Usifundisa Indlela Yokuthandaza
    Funda Kumfundisi Omkhulu
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 7/15 iphe. 6

Ngenxa Yokuba Wathandaza

KWEYOKU-1 kwabaseTesalonika 5:17, 18, umpostile uPawulos wathi: “Thandazani ningayeki. Ezintweni zonke bulelani; kuba oku kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.” Noko ke, ngaba maxa wambi uziva umathidala ukubulela xa unandipha isidlo kwindawo yasekuhlaleni, njengakwivenkile yokutyela? Ngenxa yesilumkiso sikaYesu nxamnye nomthandazo wokuzigwagwisa, kuyaqondakala ukuba umntu usenganqwenela ukukuphepha ukutsalela ingqalelo engafanelekanga kuye. (Mateyu 6:5, 6) Sekunjalo, ukuthandaza ngokuqonda kusenokubangela ukuba uphawulwe kakuhle.

La yaba ngamava omnye umlungiseleli oselula okhonza kwiBheteli yaseBrooklyn, ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova. Wayesitya isidlo sakusasa kwivenkile yokutyela, ecebe ukuya kwibandla akulo lasekuhlaleni aze adibane neqela elaliza kuya kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Xa isidlo sakhe sakusasa sathi safika, wathandaza ngendlela yakhe eqhelekileyo. Xa evula amehlo, wabona inenekazi eliququzelela abantu limi phambi kwakhe limjongile.

Lambuza oku, “Uyathandaza, akunjalo na?” Xa waphendulayo evuma, lathi: “Umele ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova. Nabazali bam bangawo. Andizange ndizibandakanye ngokwenene kunqulo lwawo, kodwa ndiyazi ukuba ndifanele ndenjenjalo. Mhlawumbi ndifanele ndirhumele IMboniselo noVukani! Ngaba ndingarhumela kuwe?”

Lo mzalwana oselula ukhumbula oku, “Ndaphantse ndatsarhwa kukutya.” Sekunjalo, wakwazi ukufumana imirhumo emibini kulo waza walishiyela namaphephancwadi amabini awayesexesheni yaye walungiselela ukubuyela—konke oku ngenxa yokuba wathandaza.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share