Ngenxa Yokuba Wathandaza
KWEYOKU-1 kwabaseTesalonika 5:17, 18, umpostile uPawulos wathi: “Thandazani ningayeki. Ezintweni zonke bulelani; kuba oku kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.” Noko ke, ngaba maxa wambi uziva umathidala ukubulela xa unandipha isidlo kwindawo yasekuhlaleni, njengakwivenkile yokutyela? Ngenxa yesilumkiso sikaYesu nxamnye nomthandazo wokuzigwagwisa, kuyaqondakala ukuba umntu usenganqwenela ukukuphepha ukutsalela ingqalelo engafanelekanga kuye. (Mateyu 6:5, 6) Sekunjalo, ukuthandaza ngokuqonda kusenokubangela ukuba uphawulwe kakuhle.
La yaba ngamava omnye umlungiseleli oselula okhonza kwiBheteli yaseBrooklyn, ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova. Wayesitya isidlo sakusasa kwivenkile yokutyela, ecebe ukuya kwibandla akulo lasekuhlaleni aze adibane neqela elaliza kuya kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Xa isidlo sakhe sakusasa sathi safika, wathandaza ngendlela yakhe eqhelekileyo. Xa evula amehlo, wabona inenekazi eliququzelela abantu limi phambi kwakhe limjongile.
Lambuza oku, “Uyathandaza, akunjalo na?” Xa waphendulayo evuma, lathi: “Umele ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova. Nabazali bam bangawo. Andizange ndizibandakanye ngokwenene kunqulo lwawo, kodwa ndiyazi ukuba ndifanele ndenjenjalo. Mhlawumbi ndifanele ndirhumele IMboniselo noVukani! Ngaba ndingarhumela kuwe?”
Lo mzalwana oselula ukhumbula oku, “Ndaphantse ndatsarhwa kukutya.” Sekunjalo, wakwazi ukufumana imirhumo emibini kulo waza walishiyela namaphephancwadi amabini awayesexesheni yaye walungiselela ukubuyela—konke oku ngenxa yokuba wathandaza.