“Banoyolo Abo Baseluxolweni”
NGOWE-1901 iMbasa kaNobel yoXolo, eyayinikezelwa okwesihlandlo sokuqala, yafunyanwa nguJean-Henri Dunant, umseki wombutho Womnqamlezo Obomvu, nesazi ngezoqoqosho uFrédéric Passy babelana ngayo. Ukususela ngoko iye yanikezelwa izihlandlo ezingama-69, kangangezihlandlo ezingama-55 kubantu abahlukahlukeneyo abangama-71, bebodwa okanye behlanganisene, yaye izihlandlo ezili-14 kumaqela okanye kwiintlangano ezili-16. Wambi amaqela aye ayizuza izihlandlo ezingaphezu kwesinye, njengeKomiti yeZizwe ngeZizwe Yomnqamlezo Obomvu (ngowe-1917, 1944, nowe-1963) neOfisi yeZizwe Ezimanyeneyo yoMphathiswa Oyintloko weSebe Lokubonelelwa kweeMbacu (ngowe-1954 nowe-1981). Kubonakala ukuba ngenxa yokungabikho komntu ofanelekileyo onokuyamkela, ikomiti yonikezelo lwembasa kaNobel yala ukunikezela ngayo kangangezihlandlo ezili-19.
Njengoko ubani ebeya kuthelekelela, inkoliso yabo bafumene imbasa ibingamagosa aseburhulumenteni, abameli bamazwe, okanye abantu abanxulumene ngandlela ithile nezobupolitika. Kodwa iintatheli, iimantyi, abalweli benguqulelo, izazi ngezoqoqosho, nabo baye babangela iinguqulelo kwezentlalo baye nabo bayifumana. Kwanezazinzulu, phakathi kwazo kukho uLinus Pauling ngowe-1962 noAndrey Sakharov ngowe-1975, baye bazukiswa ngayo, njengoko kuye kwanjalo kwanangeenkokeli zemibutho yabasebenzi, ngokuphawulekayo uLech Wałesa ngowe-1983. Kwaye ngowe-1970 le mbasa yanikezelwa kwingcaphephe yezolimo uNorman E. Borlaug.
Umntu wokuqala ongowonqulo owafumana le mbasa yayingubhishopu omkhulu wamaLuthere uNathan Söderblom waseSweden, owakhethwa ngowe-1930. Ngowe-1946 umshumayeli waseWesile nokwangumvangeli uJohn R. Mott wayifumana le mbasa, elandelwa ngumfundisi wezakwalizwi nesithandi sobulumko uAlbert Schweitzer ngowe-1952 yaza yangumfundisi waseBelgium uDominique Georges Pire ngowe-1958. Ngowe-1964 kwakhethwa inkokeli yamalungelo abantu nomfundisi waseBhaptizi uMartin Luther King, Omnci.
Kodwa kwiminyaka yakutshanje, unqulo luye lwanendima ebalaseleyo kwiphulo lehlabathi lokufuna uxolo. Ukuhambisana nolu sukelo, abantu abathathu kwabasithoba bokugqibela ukufumana iMbasa kaNobel yoXolo baye bangabantu bonqulo: Unongendi wamaKatolika uMama Teresa waseCalcutta ngowe-1979, ubhishopu waseTshetshi uDesmond Tutu waseMzantsi Afrika ngowe-1984, yaye kunyaka ophelileyo yangumBhuda waseTibet oyimbacu “uthixo ongukumkani,” iDalai Lama.
Kuyinyaniso ukuba uYesu Kristu wathi: “Banoyolo abaxolisi.” (Mateyu 5:9) Kodwa ngaba imigudu engokonqulo—enoba yeyamaKatolika, eyamaProtestanti, eyamaBhuda, okanye eyolunye unqulo—yokuzisa uxolo kweli hlabathi iya kuphumelela?
IBhayibhile isixelela ukuba ihlabathi langoku elingendawo nelikreqileyo kuThixo alisayi kuzuza uxolo oluhlala luhleli, sibakala eso esingasokuze siguqulwe kukubandakanyeka kwezonqulo kwimicimbi yokubonelela abantu behlabathi, ngokwentlalo, nangokwezobupolitika. Ngokubathabathel’ indawo oorhulumente abakhoyo ngoBukumkani bakhe phantsi kukaKristu Yesu, “uMthetheli woXolo,” uMdali ngokwakhe kungekudala uza kusikelela uluntu olukholwayo ngoxolo.—Isaya 9:6, 7; 57:21; INdumiso 46:9; Daniyeli 2:44.
Abantu abanoxolo abayamkelayo le nyaniso nabavisisanisa ubomi babo ngokufanelekileyo eneneni baya kuzuza uyolo. Kunjengokuba iNew World Translation iwaguqulela amazwi kaYesu ngolu hlobo: “Banoyolo abo baseluxolweni.”