Unokufumana Ubutyebi Obuxabiseke Ngaphezu Kwegolide!
IINYANISO eziseBhayibhileni zisenokufaniswa negolide, isilivere okanye obunye ubutyebi obufihliweyo. Nangona usenokuba akuzange ube ngumntu okwiphulo lokufuna izimbiwa ezinjengegolide okanye isilivere yokoqobo, kusenokwenzeka ukuba uyaqonda ukuba ukwenjenjalo kungumsebenzi onzima yaye kufuna uzingiso. Ibe ngokufuthi lowo ukwiphulo lokufuna igolide ujamelana nokudana.
Noko ke, akuze udane ngolo hlobo xa ufuna ubutyebi obufihliweyo eBhayibhileni. Phawula esi siqinisekiso sikhuthazayo: “Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, wabumba njengobutyebi obuselelweyo: Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.” (IMizekeliso 2:4, 5) Kodwa umele uphande.
“Phengulula Ubone”
“Phengulula ubone, ukuba akuveli mprofeti kwelaseGalili.” Eli yayilicebiso abaFarisi abathile abangamaYuda benkulungwane yokuqala abamcebisa lona uNikodemo, naye ekwangumFarisi. “Phengulula ubone.” Elo licebiso elihle ngokwenene. Kwakuyinto enokwenzeka ukuphengulula uze ufumane inyaniso—okuthile okuxabiseke lee kunegolide.
Noko ke, kuloo meko ikhethekileyo, abo babenikela elo cebiso lithi “phengulula ubone” basilela ukwenza ngokuvisisana noko. Basilela njani?
Ababingeleli abakhulu nabaFarisi babethumele amadindala ukuba aye kubamba uYesu Kristu. Echukumiseke kanobom yindlela awayefundisa ngayo, amadindala abuya nembande yesikhova. Ngenxa yoko, abaFarisi bababuza besithi: “Ningaba nilahlekisiwe nani na?” UNikodemo waphendula wathi: “Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo?” La mazwi aphembelela eli cebiso lithi “phengulula ubone.”—Yohane 7:32, 45-52.
Ababingeleli nabaFarisi basilela njani? Babengazi okanye babengayamkeli into yokuba nangona uYesu wayekhulele eGalili, wayezalelwe eBhetelehem. Umprofeti uMika wayekuxele ngenx’ engaphambili oku esithi: “Kuya kuphuma kuwe [Bhetelehem], eze ngenxa yam, oya kuba ngumlawuli kwaSirayeli.” (Mika 5:2) Ngoko loo madoda aziinkokeli asilela ukuphengulula aze abone isiqinisekiso sokuba uYesu wayengumprofeti, lowo wayeza kuba ngumlawuli kwaSirayeli. Oku kwakhokelela kwimiphumo eyintlekele, yaye kubonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuphengulula size sifumane inyaniso epheleleyo ngemicimbi. Kodwa inyaniso ngokufuthi ijongwa njani?
Inyaniso Iye Yangxengelelwa
Umbhali wenkulungwane ye-19 wathi, “Inyaniso emsulwa, ngokufana negolide ecikiziweyo, iye yafunyaniswa ingakufanelekelanga ukusasazwa, ngenxa yokuba abantu baye bafumanisa ukuba kubalungele ngakumbi ukuba bayingxengelele inyaniso kunokuba bazisulungekise bona ngokwabo.” Hayi indlela asafaneleke ngayo loo mazwi ngokuphathelele ummandla ongokonqulo wehlabathi! Unobangela wako konke oku kungxengelelwa kwenyaniso ‘nguyise wamaxoki,’ uSathana uMtyholi. (Yohane 8:44; ISityhilelo 12:9) Usebenzisa unqulo lobuxoki ukungxengelela iimfundiso eziyinyaniso kwimibuzo ebalulekileyo enjengale: Ngubani uThixo? Luyintoni ulwalamano lukaYesu kuye? Siya kuba yintoni isiphelo somhlaba noluntu?
Ababingeleli nabaFarisi babenokuyiphengulula inyaniso baze bayifumane. Babenokufumana ubutyebi obuxabiseke ngaphezu kwegolide. Ewe, babenokuyifumana yonke inyaniso engoYesu ngokuthi ‘beve kuye kuqala, baqonde into ayenzayo,’ njengoko uNikodemo wacebisayo. Ukuba babenyanisekile ekwenzeni oku, ngokungathandabuzekiyo uYesu ngewayebacacisele izinto, njengoko wabacaciselayo abafundi bakhe. (Marko 4:34) Kodwa sinokuyifumana phi inyaniso emsulwa namhlanje? Ngokwenene, ngaba kukho nasiphi na isiqinisekiso sokuba sinokuyiphanda ngokunempumelelo size siyifumane yonke inyaniso?
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Iinkokeli zonqulo zazinokuyifumana yonke inyaniso engoYesu ngokuthi ‘zive kuye’