IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 10/1 iphe. 15-20
  • Qhubekani Nifuna UBukumkani Nobulungisa BukaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Qhubekani Nifuna UBukumkani Nobulungisa BukaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imithandazo Emkholisayo UThixo
  • Ziqwebeleni Ubutyebi Basezulwini
  • Ukholo Oluwaphelisayo Amaxhala
  • Ukufumana UBukumkani BukaThixo Nobulungisa Bakhe
  • Ubulungisa Obungasekelwanga Kwizithethe Zabantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Yibani Ngabenzi Belizwi, Ningabi Ngabaphulaphuli Kuphela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Umthetho Odluliselwa Ngomlomo​—Kwakutheni Ukuze Ubhalwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • INtshumayelo YaseNtabeni Eyaziwayo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 10/1 iphe. 15-20

Qhubekani Nifuna UBukumkani Nobulungisa BukaThixo

“Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.”—MATEYU 6:33.

1, 2. Ababhali nabaFarisi baziguqulela ekubeni zibe yintoni izenzo ezazilungile zona ngokwazo, yaye sisiphi isilumkiso uYesu awasinikela kubalandeli bakhe?

ABABHALI nabaFarisi babefuna ukugqalwa bengamalungisa ngendlela yabo, eyayingeyondlela kaThixo. Kwakungaphelelanga apho, kodwa xa babesenza izinto ezazilungile zona ngokwazo, babeziguqulela ekubeni zizenzo zohanahaniso ukuze zibonwe ngabantu. Babengakhonzi uThixo, koko babekhonza iminqweno yabo elilize. UYesu wabalumkisa abafundi bakhe ngokuchasene nokunganyaniseki okunjalo esithi: “Lumkani, ubulungisa benu ningabenzeli ebusweni babantu, ngokunga ningabonwa ngabo; okanye, aninamvuzo kuYihlo osemazulwini.”—Mateyu 6:1.

2 UYehova ubaxabisile abo baliza amahlwempu—kodwa ingengabo abo bawaliza ngendlela abaFarisi ababesenza ngayo. UYesu walumkisa abafundi bakhe ngokuchasene nokubaxelisa esithi: “Ngoko, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.”—Mateyu 6:2.

3. (a) Kungayiphi indlela ababhali nabaFarisi ababehlawule ngokupheleleyo ngayo ngokunikela kwabo? (b) Imbono kaYesu ngokunikela yayahluke njani?

3 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘bawufincile’ (a·peʹkho) yayilibinzana elalidla ngokubonakala kwiziqinisekiso zoshishino. Ukusetyenziswa kwalo kwiNtshumayelo yaseNtabeni kubonisa ukuba “bawufumene umvuzo wabo,” okuthetha ukuthi, “basityobele isiqinisekiso somvuzo wabo: ilungelo labo lokufumana umvuzo wabo lizalisekisiwe, ngokuchanileyo ngokungathi sele benikele isiqinisekiso sawo.” (An Expository Dictionary of New Testament Words, nguW. E. Vine) Ukuliza amahlwempu kwakuyinto eyayibhengezwa ezitratweni. Kwizindlu zesikhungu amagama abo banikeleyo ayebhengezwa. Abo babenikele kakhulu babezukiswa ngokukhethekileyo ngokuthi babekelwe izihlalo kufuphi nabefundisi ebudeni bonqulo. Babenikela ukuze babonwe ngabantu; babebonwa baze bazukiswe ngabantu; kungoko, babenokusiphawula isiqinisekiso somvuzo ababewufumana ngokunikela kwabo bathi “Bahlawule Ngokuzeleyo.” Hayi indlela eyayahluke ngayo imbono kaYesu! Nikela “emfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni yena.”—Mateyu 6:3, 4; IMizekeliso 19:17.

Imithandazo Emkholisayo UThixo

4. Kwakutheni ukuze imithandazo yabaFarisi imbangele uYesu ababize abo bantu ngokuthi ngabahanahanisi?

4 UYehova uyayixabisa imithandazo ebhekiswa kuye—kodwa ingabhekiswa ngendlela abaFarisi ababesenza ngayo. UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.” (Mateyu 6:5) AbaFarisi babenemithandazo ababefanele bayicengceleze suku ngalunye, ngamaxesha athile, enoba bakweyiphi na indawo. Ngokokuthetha kwabo, babesithi kufuneka bathandaze ngasese. Noko ke, indlela ababeyilungiselela ngayo, babekwazi ukuba babe “sezimbombeni zezitrato,” bebonakala kubantu abadlula macala onke, xa ixesha lokuthandaza lifikile.

5. (a) Luluphi olunye uqheliselo olwabangela ukuba imithandazo yabaFarisi ingaphendulwa nguThixo? (b) Ziziphi izinto uYesu awazibeka kuqala kumthandazo wakhe ongumzekelo, yaye ngaba abantu bayavumelana noko namhlanje?

5 Bebonakalisa ubungcwele bobuxoki, babedla “ngokunyhwalaza bathandaze uzungu.” (Luka 20:47) Ngokwesinye isithethe sabantu kuthiwa: “Abantu abangcwele bakudala babedla ngokulinda ilixa lomthandazo ngaphambi kokuba bacengceleze iTefillah [umthandazo].” (IMishnah). Ngeloo xesha wonke umntu wayedla ngokuqinisekisa ukuba uyakubona ukuzinikela kwabo elunqulweni aze achukumiseke kuko! Imithandazo enjalo yayiphelela esithubeni. UYesu wathi makuthandazwe ngasese, kungaphindaphindwa mazwi ngokungeyomfuneko, yaye wabanika umzekelo olula. (Mateyu 6:6-8; Yohane 14:6, 14; 1 Petros 3:12) Umthandazo kaYesu ongumzekelo ubeka kuqala izinto eziza kuqala: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwalise igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho.” (Mateyu 6:9-13) Bambalwa abantu namhlanje abalaziyo igama likaThixo, bembalwa nangakumbi abafuna lingcwaliswe. Ngaloo ndlela bamenza uthixo ongenagama. Ngaba sithi mabufike uBukumkani bukaThixo? Abaninzi bacinga ukuba sebufikile, bungaphakathi kubo. Basenokuthandazela ukuba ukuthanda kwakhe kwenziwe, kodwa inkoliso yenza ukuthanda kwayo.—IMizekeliso 14:12.

6. Kwakutheni ukuze uYesu athi akunantsingiselo ukuzila ukudla kwamaYuda?

6 Ukuzila ukudla kwamkelekile kuYehova—kodwa kungenziwa ngendlela abaFarisi ababekwenza ngayo. Njengokuba kwakunjalo ngokuliza amahlwempu nokuthandaza kwababhali nabaFarisi, uYesu wakwaphelisa nokuzila kwabo ukudla njengokungenantsingiselo esithi: “Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.” (Mateyu 6:16) Izithethe zabantu ababezigcina zabonisa ukuba ebudeni bokuzila ukudla abaFarisi babengafanele bahlambe okanye bazithambise kodwa kwakufuneka bazigalele ngothuthu entloko. Xa ayengazilanga ukudla, amaYuda ayezihlamba rhoqo ayithambise ngeoli imizimba yawo.

7. (a) Kwakufuneka baziphathe njani abalandeli bakaYesu xa bezila ukudla? (b) Ngokuphathelelene nokuzila ukudla, yintoni eyayifunwa nguYehova ngomhla kaIsaya?

7 Ngokuphathelele ukuzila ukudla, uYesu wabaxelela oku abalandeli bakhe: “Yithambise intloko yakho, ubuhlambe ubuso bakho, ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni.” (Mateyu 6:17, 18) Ngomhla kaIsaya amaYuda awayephambukile ayekuvuyela ukuzila kwawo ukudla, eyicudisa imiphefumlo yawo, equbuda iintloko zawo, yaye ehlala kwezirhwexayo naseluthuthwini. Kodwa uYehova wayefuna ukuba akhulule abacinezekileyo, ondle abalambileyo, abangenise endlwini abangenamakhaya, abambese abahamba ze.—Isaya 58:3-7.

Ziqwebeleni Ubutyebi Basezulwini

8. Yintoni eyabangela ababhali nabaFarisi ukuba bangakwazi oko kufunekayo ukuze bazuze inkoloseko kaThixo, yaye, nguwuphi umgaqo abawutyeshelayo nowavakaliswa kamva nguPawulos?

8 Ekufuneni kwabo ubulungisa, ababhali nabaFarisi abazange bakwazi oko kufunekayo ukuze bazuze inkoloseko kaThixo baza bagxininisa ekuthandweni ngabantu. Babebandakanyeke ngokunzulu kwizithethe zabantu kangangokuba balityeshela iLizwi likaThixo elibhaliweyo. Iintliziyo zabo bazibeka kwizikhundla zasemhlabeni kunokuba bazibeke kubutyebi obusezulwini. Bayityeshela inyaniso ecacileyo eyabhalwa ngumFarisi owaguqukela kubuKristu kwiminyaka kamva esithi: “Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu; nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa.”—Kolose 3:23, 24.

9. Ziziphi iingozi ezinokuba sisisongelo kubutyebi basemhlabeni, kodwa yintoni eya kugcina ubutyebi bokwenyaniso bukhuselekile?

9 UYehova unomdla ekuzinikeleni kwakho kuye, kungekhona kwimali onayo ebhankini. Uyazi ukuba intliziyo yakho ilapho ubutyebi bakho bukhona. Ngaba ubutyebi bakho bunokonakaliswa ngumhlwa nangamanundu? Ngaba amasela anokugqobhoza kwiindonga zodaka aze abube? Okanye ngaba kula maxesha anamhlanje okungazinzi kwezoqoqosho, ukunyuka kwamaxabiso kunokulihlisa ixabiso labo lokuthenga okanye ngaba ukuhla kwamaxabiso okuthenga kwezamashishini kunokubenza bungabi yonto? Ngaba ukwanda komlinganiselo wolwaphulo-mthetho kunokubangela ukuba ubutyebi bakho bubiwe? Akunjalo ukuba buqwetyelwa ezulwini. Kungenjalo naxa iliso lakho—isibane esikhanyisela umzimba wakho uphela—lingenakumbi, likhangele nzo kuBukumkani bukaThixo, nakubulungisa bakhe. Ubutyebi bunendlela yokusuka nje buphele emehlweni. “Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; yeka okwakho ukuqonda. Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.” (IMizekeliso 23:4, 5) Ngoko kutheni uphuthelwa nje ngenxa yobutyebi? “Intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale ubuthongo.” (INtshumayeli 5:12) Khumbula isiluleko sikaYesu esithi: “Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.”—Mateyu 6:19-24.

Ukholo Oluwaphelisayo Amaxhala

10. Kutheni kubaluleke kangaka nje ukuba nokholo kuThixo kunokuba nalo kwizinto eziphathekayo, yaye sisiphi isiluleko uYesu awasinikelayo?

10 UYehova ufuna ukuba ube nokholo kuye, kungekuko kwizinto eziphathekayo. “Lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.” (Hebhere 11:6) UYesu wathi: “Ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.” (Luka 12:15) Izigidi ezisebhankini aziyi kuyigcina isebenza imiphunga eyonakeleyo okanye ziyigcine isebenza intliziyo ediniweyo. Ngoku uYesu wahlabela mgama kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni esithi: “Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela nto na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha?”—Mateyu 6:25.

11. UYesu wayifumana phi inkoliso yemizekeliso yakhe, yaye oku kubonakaliswa njani kwiNtshumayelo yaseNtabeni?

11 UYesu wayeyinkunkqele ekwenzeni imizekeliso. Wayecinga ngayo naphi na apho wayekhangela khona. Wabona umfazi othile ebeka isibane esikhanyisiweyo esiphathweni saso waza wenza umzekeliso ngaloo nto. Wabona umalusi esahlula iigusha ezibhokhweni; oku kwaba ngumzekeliso. Wabona abantwana bedlala endaweni yembutho; noko kwaba ngumzekeliso. Yaye oku kwaba njalo nangeNtshumayelo yakhe yaseNtabeni. Njengoko wayethetha ngamaxhala obomi, wabona imizekeliso anokuyenza kwiintaka ezaziphaphazela apho neenyibiba ezazithe qwelele kuloo nduli. Ngaba iintaka ziyahlwayela zize zivune? Akunjalo. Ngaba iinyibiba ziyabulaleka zize zisonte? Akunjalo. UThixo wazidala; uyazinyamekela. Noko ke, nina nizigqithile iintaka neenyibiba. (Mateyu 6:26, 28-30) Wanikela uNyana wakhe ngenxa yenu, kungengekuko ngenxa yazo.—Yohane 3:16.

12. (a) Ngaba imizekeliso engeentaka neentyatyambo yayithetha ukuba kwakungeyomfuneko ngabafundi bakaYesu ukuba basebenze? (b) Yiyiphi ingongoma uYesu awayeyibonisa ngokuphathelele umsebenzi nokholo?

12 Apha uYesu wayengaxeleli abalandeli bakhe ukuba akukho mfuneko yakusebenza ukuze bazondle baze bazambese. (Bona INtshumayeli 2:24; Efese 4:28; 2 Tesalonika 3:10-12.) Ngaloo ntsasa yentwasahlobo, iintaka zazixakekile ziqhwaya zikhangela ukutya, zizungelezana, zisakha iindlwana, zifukama, zifunzela. Zazisebenza kodwa zingazixhalabisanga. Iintyatyambo kwanazo zazixakekile zityalela iingcambu zazo emhlabeni zikhangela amanzi namafutha omhlaba yaye ziphakamisela amagqabi azo phezulu zikhangela ilanga. Kwakunyanzelekile ukuba zikhule zize zidubule ukuze zikhuphe imbewu yazo ngaphambi kokuba zife. Zazisebenza kodwa zazingazixhalabisanga. UThixo uyazilungiselela iintaka neenyibiba. ‘Ebengasayi kukhetha ukulungiselela nina, bantundini balukholo luncinane?’—Mateyu 6:30.

13. (a) Kwakutheni ukuze kufaneleke ngoYesu ukusebenzisa isilinganiso sekubhite xa wayethetha ngokwandisa ixesha lokuphila kukabani? (b) Unokulandisa njani ixesha lakho lokuphila ukuze ngokungathi kunjalo libe ziikhilomitha ezizigidi ezingapheliyo?

13 Ngoko yibani nokholo. Musani ukuxhalaba. Ukuxhalaba akuyi kuguqula nto. UYesu wabuza esithi, “Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye?” (Mateyu 6:27) Kodwa kutheni uYesu enxulumanisa isilinganiselo sobude, ikubhite, nesilinganiselo sexesha lobude bokuphila komntu? Kusenokuba kungenxa yokuba ngokufuthi eBhayibhileni ubude bexesha lokuphila komntu bufanekiswa nohambo, kusetyenziswa amabinzana anjengokuthi ‘ukuhamba ngecebo labangendawo,’ “umendo wamalungisa,” ‘iphangalele indlela esa entshabalalweni,’ nokuthi ‘icuthene indlela esa ebomini.’ (INdumiso 1:1; IMizekeliso 4:18; Mateyu 7:13, 14) Ukuxhalela iintswelo zemihla ngemihla akunakwandisa ubomi bomntu kwanangeqhezwana, okuthetha ukuthi, “ikubhite enye.” Kodwa kukho indlela yokubandisa ubomi bakho ngezigidi ezingaphele ndawo zeekhilomitha. Kungekhona ngokuba nexhala nokuthi: “Sodla ntoni na?” okanye “Sosela ntoni na?” okanye “Siya kwambatha ntoni na?” kodwa ngokuba nokholo nokwenza oko uYesu asixelela ukuba sikwenze esithi: “Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.”—Mateyu 6:31-33.

Ukufumana UBukumkani BukaThixo Nobulungisa Bakhe

14. (a) Nguwuphi umxholo weNtshumayelo yaseNtabeni? (b) Kungayiphi indlela ephosakeleyo ababhali nabaFarisi ababebufuna ngayo uBukumkani nobulungisa?

14 Kumazwi akhe okuqala kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathetha ngoBukumkani bamazulu njengobo bubobabaziphapheleyo iintswelo zabo zokomoya. Kwisivakalisi sesine, wathi abo balambele nabanxanelwe ubulungisa baya kuhluthiswa. Apha uYesu ubeka uBukumkani nobulungisa bukaThixo endaweni yokuqala. Bungumxholo weNtshumayelo yaseNtabeni. Busisicombululo kwiintswelo zoluntu lonke. Kodwa bufumaneka njani uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe? Siqhubeka njani sibufuna? Kungekhona ngendlela ababhali nabaFarisi ababebufuna ngayo. Babefuna uBukumkani nobulungisa ngokugcina uMthetho kaMoses, ababesithi uquka izithethe zabantu, ekubeni babekholelwa kwelokuba uMthetho obhaliweyo nezithethe zabantu zazinikelwe nguThixo kuMoses kwiNtaba yeSinayi.

15. (a) Ngokutsho kwamaYuda, izithethe zabantu zavela nini, yaye azibalaselisa njani ngaphezu koMthetho kaMoses obhaliweyo? (b) Ngokwenene ezi zithethe zaqalwa nini, yaye zaba nawuphi umphumo kuMthetho kaMoses?

15 Kwisithethe sabo ngokuphathelele oku kuthiwa: “UMoses wawufumana uMthetho [umbhalo osemazantsi, ‘UMthetho Owanikelwa Ngomlomo’”] eSinayi waza wawudlulisela kuYoshuwa, waza uYoshuwa wawudlulisela kumadoda amakhulu, aza amadoda amakhulu awudlulisela kubaProfeti; baza abaProfeti bawudlulisela kumadoda eNdlu Yesikhungu.” Ekuhambeni kwexesha umthetho owawunikelwe ngomlomo wabalaseliswa ngaphezu koMthetho obhaliweyo: “[Ukuba] wedlula amazwi oMthetho [obhaliweyo], akanakubekwa tyala,” kodwa ukuba “wongeza kumazwi abaBhali [izithethe zabantu], unetyala.” (Mishnah) Izithethe zabantu azizange ziqale eSinayi. Enyanisweni, zaqalisa ukwanda ngokukhawuleza kwiinkulungwane ezimbini ngaphambi koKristu. Bongeza kuwo, baza banciphisa kuwo, yaye bawenza awasebenza uMthetho kaMoses obhaliweyo.—Thelekisa iDuteronomi 4:2; 12:32.

16. Ubulungisa bukaThixo bufunyanwa njani luluntu?

16 Ubulungisa bukaThixo buzuzwa kungengawo uMthetho kodwa ngokwahlukileyo kuwo: “Ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwa ngokubakho komthetho. Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti; ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu.” (Roma 3:20-22) Ngoko ubulungisa bukaThixo bufumaneka ngokukholwa kuYesu Kristu—oku ngokwaneleyo ‘kungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti.’ Iziprofeto ezingoMesiya zazaliseka kuYesu. Naye wawuzalisekisa uMthetho; washenxiswa ngokubethelelwa kwakhe emthini wentuthumbo.—Luka 24:25-27, 44-46; Kolose 2:13, 14; Hebhere 10:1.

17. Ngokutsho kompostile uPawulos, amaYuda asilela njani ukwazi ubulungisa bukaThixo?

17 Ngenxa yoko, umpostile uPawulos wabhala ethetha ngamaYuda awasilelayo ukufuna ubulungisa esithi: “Kuba ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko. Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo. Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.” (Roma 10:2-4) Kwakhona uPawulos wabhala ngoKristu Yesu esithi: “Kuba lowo ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu, ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye.”—2 Korinte 5:21.

18. ‘UKristu obethelelweyo’ wagqalwa njani ngabagcini besithethe abangamaYuda, zizithandi zobulumko ezingamaGrike, nabo “banyuliweyo”?

18 AmaYuda amjonga uMesiya owayesifa njengendoda esisifede. Izithandi zobulumko zamaGrike zahlekisa ngoMesiya onjalo njengento ebubudenge. Sekunjalo, kunjengokuba uPawulos wavakalisayo esithi: “Ekubeni ke amaYuda acela umqondiso, amaGrike efuna ubulumko, thina okwethu sivakalisa uKristu, ebethelelwe [emthini, NW]; isikhubekiso ke eso kumaYuda, ubudenge kumaGrike; ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo. Ngokuba into kaThixo ebubudenge ilumkile kunabantu, nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu.”(1 Korinte 1:22-25) UKristu Yesu uyimbonakaliso yamandla kaThixo nobulumko bakhe yaye uyindlela kaThixo yokubonakalisa ubulungisa nokudlulisela ubomi obungunaphakade kuluntu oluthobelayo. “Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.”—IZenzo 4:12.

19. Inqaku elilandelayo liza kubonisa ntoni?

19 Inqaku elilandelayo liza kubonisa ukuba ukuba sifuna ukuyiphepha intshabalaliso size sizuze ubomi obungunaphakade, sifanele siqhubeke sifuna uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe. Oku kumelwe kwenziwe kungekuphela nje ngokuphulaphula amazwi kaYesu kodwa kwakhona nangokwenza ngokuvisisana nawo.

Imibuzo Yempinda

◻ Amalungu onqulo lobuYuda akuguqulela ekubeni yintoni ukunikela kwawo ngamalizo, imithandazo nokuzila kwawo ukudla?

◻ Yiyiphi eyona ndawo ikhuselekileyo onokuqwebela kuyo ubutyebi bakho?

◻ Kutheni sifanele siphephe ukuxhalela iintswelo zethu zokuphathekayo?

◻ Bubuphi ubuxoki amaYuda awabuthethayo ngemvelaphi yezithethe zabantu?

◻ UBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe bufumaneka njani?

[Umfanekiso okwiphepha 16]

AbaFarisi babethanda ukuthandaza bemi ezimbombeni zezitrato, apho babeno-kubonwa khona ngabantu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share