IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 11/15 iphe. 26
  • Londoloza Ukholo KuThixo NoKristu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Londoloza Ukholo KuThixo NoKristu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yiba Noxabiso Ngesikhundla SikaYesu
  • Yiba Noxabiso NgoThixo NoKristu
  • Incwadi YeBhayibhile 51—Kolose
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Thenga Igolide Esulungekiswe Ngomlilo
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Phulaphula Oko Umoya Ukutshoyo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • UYehova Unokukomeleza
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 11/15 iphe. 26

Londoloza Ukholo KuThixo NoKristu

Iimbalasane ZeyabaseKolose

UKHOLO kuYehova uThixo noYesu Kristu lubalulekile ukuze sisindiswe. Kodwa ukulondoloza ukholo olunjalo kulucelomngeni. Oko kwakunjalo ngamaKristu aseKolose, isixeko esikwimpuma ye-Efese eAsiya Mayina. Ngoba? Kuba apho abefundisi bobuxoki ngokuphosakeleyo babesithi usindiso lwaluxhomekeke kulwaluko, koko ubani wayekudla nasekugcineni amasiko athile.

Ngoko, ngesizathu esiqondakalayo umpostile uPawulos wayeyixhalabele impilo-ntle yokomoya yamaKristu aseKolose, yaye ngokuqinisekileyo wayefuna alondoloze ukholo lwawo kuThixo noKristu. Ngoko ngasekupheleni kwexesha lokuvalelwa kwalo mpostile okokuqala eRoma (malunga nowama-60-61 C.E.), wabhalela abaseKolose incwadi eyayibhalelwe ukuchasana neembono eziphosakeleyo ize yakhe ukholo lwabo. Makhe sibone indlela nathi esinokungenelwa ngayo kumazwi akhe othando.

Yiba Noxabiso Ngesikhundla SikaYesu

Ekuqaleni kwincwadi yakhe, uPawulos wabalaselisa ukuba noxabiso ngesikhundla sikaYesu. (Kol 1:1–2:12) Wabancoma abaseKolose ngokholo lwabo kuKristu nothando lwabo ngamakholwa angoowabo. UPawulos wacaphula iwonga likaYesu njengaLowo zazidalwe ngaye zonke izinto, iNtloko yebandla, nowamazibulo ukuvuka kwabafileyo. Ukuxolelaniswa noThixo kwenzeka ngoKristu, obufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nokwazi. Ngenxa yako konke oku, amaKristu afanele aqhubeke ehamba emanyene noKristu aze angavumeli namnye ukuba awakhukulise njengexhoba lentandabulumko yabantu.

NgoKristu, uThixo wawubhangisa uMthetho. (2:13-23) Wabethelelwa ngokufuziselayo kumthi uYesu awafela kuwo. Iimfuneko zoMthetho ‘zazisisithunzi nje sezinto eziza kuza; ke sona isiqu sisesikaKristu.’ Ngokubambelela kuKristu, babengayi kuvumela mntu abaphulukanise nomvuzo wobomi bokungafi emazulwini.

Yiba Noxabiso NgoThixo NoKristu

Ngokulandelayo uPawulos ubongoza abaseKolose ukuba bambathe ubuntu obutsha baze bazithobe kwigunya likaYesu Kristu. (3:1-17) Ngokuhlala bekhumbula izinto ezingasentla, babeya kuba babeka izilangazelelo zokomoya kuqala kubomi babo. Oku kwakufuna ukuba balahle isimo sengqondo nentetho ephosakeleyo. Hayi indlela ababeya kusikelelwa ngayo ukuba babezambathisa ngeempawu ezinjengobubele, ukuthobeka kwentliziyo nothando! Uxolo lukaKristu lwaluya kulawula iintliziyo zabo ukuba babesenza izinto zonke egameni likaYesu, bembulela uThixo ngaye.

Ukuxabisa uYehova uThixo noYesu Kristu kukwafanele kuphembelele ulwalamano lomKristu nabanye. (3:18–4:18) Abafazi, amadoda, abantwana, izicaka neenkosi zazifanele zizalise iimbopheleleko zazo zisoyika uThixo kwaye zigqala uKristu. Yaye hayi indlela ekuyimfuneko ngayo ukuzingisa emthandazweni nokuhamba ngobulumko!

Incwadi kaPawulos eya kwabaseKolose inokusinceda siphephe iimfundiso zobuxoki eziya kusiphulukanisa nomvuzo wobomi. Ukugxininisa kwalo mpostile ekugqaleni igunya likaYehova neloNyana wakhe kunokuba nempembelelo entle kwiinkqubano zethu nabanye. Yaye siqinisekiswa ngeentsikelelo ezityebileyo ukuba silondoloza ukholo lwethu kuThixo noKristu.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 26]

Incwadi Eya ELawodike: UPawulos wabhalela abaseKolose wathi, “Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike.” (Kolose 4:16) ILawodike yayisisixeko esityebileyo kwintshona yelaseAsiya Mayina, ineendlela eziya kwizixeko ezinjengeFiladelfi ne-Efese. Kusenokwenzeka ukuba, umsebenzi kaPawulos e-Efese wafikelela naseLawodike, nangona engazange ashumayele apho. Wathumela incwadi kumaKristu aseLawodike, nangona abaphengululi abathile bekholelwa kwelokuba yayikwayincwadi efanayo naleyo wayeyibhalele abase-Efese. Incwadi eya eLawodike ayikho eBhayibhileni, mhlawumbi kuba yayingenayo inkcazelo esiyifunayo namhlanje, okanye mhlawumbi yayiphindaphinda iingongoma ezigutyungelwe ngokwaneleyo kwezinye iincwadi ezikwimibhalo engcwele.

[Umfanekiso]

Amabhodlo aseLawodike

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share