IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 12/1 iphe. 3-5
  • Nguwuphi UThixo Omnqulayo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nguwuphi UThixo Omnqulayo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Unqulo Oluvangiweyo
  • “Zigcineni Kuzo Izithixo”
  • Ukunqulwa Kwemali
  • Nguwuphi UThixo Ofanele Umnqule?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Lunqulo Loobani UThixo Alwamkelayo?
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Ngaba Uya Kuba Lingqina LoThixo Oyinyaniso?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ityala Lenkundla Lendalo Iphela Elibandakanya Wena
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 12/1 iphe. 3-5

Nguwuphi UThixo Omnqulayo?

KULO lonke ihlabathi, abantu bebeya kuwuphendula loo mbuzo ngeendlela ezininzi ezahlukahlukeneyo. Umpostile uPawulos wathi: “Kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi,” yaye namhlanje oothixo abanqulwayo bafikelela kwizigidi. (1 Korinte 8:5) Noko ke, ngaba ubusazi ukuba abantu abaninzi banqula uthixo owahlukileyo kulowo bacinga ukuba bayamnqula? Yaye ngaba ubuqonda ukuba abantu abaninzi abangakholelwayo kubukho bukaThixo bazinikele ngakumbi elunqulweni kunabo bakholelwa kuthixo othile? Ngayiphi indlela?

Kaloku, enye intsingiselo yokunqula “kukubonisa intlonelo, imbeko okanye ukuzinikela kakhulu, kwanangokugqithiseleyo.” Kwiilwimi zantlandlolo zokubhalwa kweBhayibhile, amagama athetha ukunqula anengcamango yokuphumeza inkonzo ethile okanye ukuqubuda phambi komntu othile. Sicinga ngoku, makhe sibone indlela abantu abanokuphazama ngayo ngokubhekisele kumntu okanye kwinto abayinqulayo ngokwenene.

Unqulo Oluvangiweyo

Thabatha umzekelo wamaSamariya amandulo. Amaninzi kuwo ekuqaleni ayengabaphambukeli abafuduselwa ngama-Asiriya ePalestina ukuthabath’ indawo yezizwe ezilishumi zasentla zakwaSirayeli ezazisebukhobokeni. Ngaphambili, ayelandele oothixo bobuhedeni, kodwa ngoku enza umgudu wokufunda ngoYehova, uThixo kaSirayeli. Ngoko ngaba alulahla unqulo lwawo lwantlandlolo? Hayi. IBhayibhile inikela le ngxelo: “Benza ngokwesiko labo lamhlamnene. Zaye zisithi ke ezo ntlanga zoyike uYehova, zikhonze nemifanekiso yazo eqingqiweyo.” (2 Kumkani 17:40, 41) Ngoko loo maSamariya, ngoxa ngomlomo ayemhlonela uYehova, ayesakhonza oothixo bawo bantlandlolo, ngaloo ndlela eqhelisela uhlobo lonqulo oluvangiweyo.

Kwenzeka into efanayo xa abavangeli baseka ubuRoma Katolika eMzantsi Merika. Baguqula inkoliso yabemi balapho, kodwa njengamaSamariya amandulo, abemi balapho abazange babalibale oothixo babo bangaphambili. Ngaloo ndlela, “amaKristu” aseBrazil asazigcinile izithethe zobuhedeni zonqulo lobugqwirha oluyivoodoo ndawonye nemibhiyozo ezukisa oothixo bamandulo, njengothixokazi uIemanjá. Kwenzeka okufanayo nakwamanye amazwe aseMzantsi Merika.

Ngaphezu koko, unqulo olwasekwa ngabo bavangeli eMzantsi Merika lwalulunqulo oluvangiweyo. Iimfundiso zalo ezininzi, njengekaBathathu Emnye, eyesihogo somlilo neyokungafi komphefumlo, zazivela kwiinkonzo nakwiintanda-bulumko zobuhedeni zamandulo. Ngokuqinisekileyo zazingasekelwanga eBhayibhileni. Ngokufanayo, imisitho yalo—equka iKrismesi neIsta—zazinemvelaphi engeyoyabuKristu.a Ngaba kuyinto enokwenzeka ukuyigcina imibhiyozo enjalo yobuhedeni nokukholelwa kwiimfundiso ezinjalo ezingezozabuKristu uze sekunjalo unqule uThixo weBhayibhile, owathi: “Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam”? (Eksodus 20:3) Ngokuqinisekileyo akunakwenzeka!

“Zigcineni Kuzo Izithixo”

Khawucinge ngenye indlela abantu abalahlekiswa ngayo kumbandela wonqulo. Umpostile uYohane wabhala oku: “Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo.” (1 Yohane 5:21) Abantu abamalunga newaka lezigidi babalwa njengabangamalungu eNgqobhoko, yaye aba bazibanga benqula uThixo omnye nalowo wayenqulwa nguYohane. Kanti, amakhulu ezigidi abo ayequbuda kwimifanekiso eqingqiweyo “yeengcwele,” kaYesu neyentombi enyulu uMariya.

Kukho iindlela ezichulwe ngakumbi zokunqula izithixo. Ngonyaka wama-44 C.E., uKumkani uHerode Agripa wanikela intetho yasesidlangalaleni, yaye abantu baba nehlombe kakhulu kangangokuba bakhwaza bathi: “Lilizwi lothixo elo, asilamntu.” (IZenzo 12:21, 22) Ewe, bamnqula uHerode, bemenza uthixo. Kwenzeka izinto ezifanayo nanamhlanje. Ngemihla enzima yaxa ubuNazi babuqalisa ukulawula eYurophu, izibhengezo ezazisithi “Heil Hitler!” ngokwenene yayizizibhengezo zokunqula. Abaninzi babezimisele ukulwela nokufela iFührer ngokungathi yayinguthixo, umsindisi wohlanga. Kanti, inkoliso yabo babenikela intlonelo enjalo yayingamalungu eecawa zeNgqobhoko!

Ngaphambi nangasemva kwexesha likaHitler, ezinye iinkokeli zobupolitika ziye ngokufanayo zazazisa njengabantu abangabasindisi zaza zafuna intlonelo ekhethekileyo. Abo banikezelayo babenza oothixo aba bantu, kungakhathaliseki ukuba luluphi unqulo olungokwesithethe lwaba “banquli” okanye nokuba babezibanga bengakholelwa kubukho bukaThixo. Intlonelo efunyanwa ngabadlali ababalaseleyo kwezemidlalo, ngabadlali ababalaseleyo kwimifanekiso-bhanyabhanya nangabanye abadlali evela kubalandeli babo nayo iluhlobo oluthile lonqulo.

Ukunqulwa Kwemali

Kwakhona, cinga ngentsingiselo yamazwi kaYesu xa wathi: “Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.” (Mateyu 6:24) Ngaba kukho mntu umaziyo wonqulo kodwa omdla uyintloko ebomini bakhe ikukwenza imali? Ngoko, umntu onjalo ukhonza bani ngokwenene, uThixo okanye ubutyebi? Bangaphi abangakholwayo obaziyo ababambiseke kusukelo oluphambeneyo lwemali? Ngokuqinisekileyo, nabo bangabanquli bemali, mhlawumbi benenzondelelo ngakumbi kunamakholwa amaninzi.

Umpostile uPawulos wacacisa umgaqo ofanayo xa wabhala oku: “Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko.” (Kolose 3:5) Ukuba sinomnqweno onzulu wokufumana into ethile kangangokuba senze unako nako wokuyizuza, mhlawumbi side saphule umthetho, ngoko loo nto isisithixo, uthixo wethu. (Efese 5:5) Kwenye incwadi, uPawulos wabhala ngabenzi bubi abathile: “Abathixo usisisu sabo.” (Filipi 3:19, NW) Ukuba injongo yethu yonke ebomini kukuzikholisa, sizalisa isisu sethu ngokungathi kunjalo, ngoko singuthixo wethu. Bangaphi obaziyo abanqula olu hlobo lothixo?

Ewe, njengoko umpostile uPawulos wabhalayo: “Kukho oothixo abaninzi neenkosi ezininzi.” Yaye kwiimeko ezininzi, abanquli bazo banjengamaSamariya amandulo, bekhonza uthixo othile ngamazwi abo nomnye ngezenzo zabo. Noko ke, eneneni kukho uThixo omnye kuphela ofanelwe kukunqulwa. Ngaba uyamazi ukuba ungubani? Kwakhona, kukho into enye emanyanisa ukunqulwa kwabo bonke abanye oothixo ngokwahlukileyo kuye. Yintoni loo nto? Siza kubona kwinqaku elilandelayo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, iphepha 212-13, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share