Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Uyanikelwa Aze Arholwe Kumkiwe Naye
XA UPILATO, eshukunyiswe yindlela uYesu azole ngayo ngoxa bemthuthumbisa, ezama ukumkhulula kwakhona, ababingeleli abakhulu bacaphuka ngakumbi. Bazimisele ukungavumeli nantoni na iphazamisane nenjongo yabo engendawo. Ngoko baqala phantsi ukunkqangaza besithi: “Mbethelele emthini! Mbethelele emthini!”
Ecaphukile uPilato uphendula athi, “Mthabatheni nina nimbethelele emthini.” Ngokuchasene nezityholo zabo zangaphambilana, amaYuda asenokuba nalo igunya lokuzigwebela ukufa izaphuli-mthetho ngenxa yamatyala anzulu angokonqulo. Ngoko, ubuncinane okwesihlandlo sesihlanu, uPilato umvakalisa uYesu engenatyala, esithi: “Andifumani tyala kuye.”
AmaYuda, ebona ukuba izityholo zawo ezingokobupolitika aziphumelelanga, abuyela kwisityholo esingokonqulo sokunyelisa abesisebenzisile kwiiyure ngaphambilana xa ebevavanya uYesu kwiNtlanganiso Yamatyala. Athi, “Thina sinomthetho, ngomthetho wethu ke ufanele ukufa, ngokuba ezenze unyana kaThixo.”
Esi isityholo uPilato uyaqala ukusiva, yaye simbangela ukuba oyike ngakumbi. Ngoku uyaqonda ukuba uYesu akangomntu nje oqhelekileyo, kwananjengokuba iphupha lomfazi wakhe namandla angummangaliso obuntu bukaYesu ebonisa. Kodwa ngaba ‘unguNyana kaThixo’? UPilato uyazi ukuba uYesu uvela kwelaseGalili. Kanti, ngaba kunokwenzeka ukuba wayekhe waphila ngaphambili? Ebuyela naye kwibhotwe, uPilato uyabuza: “Ungowaphi na wena?”
UYesu akaphenduli. Ngaphambilana ebemxelele uPilato ukuba ungukumkani, kodwa uBukumkani bakhe abuyonxalenye yeli hlabathi. Akukho nkcazelo ibhekele phaya inokufeza injongo ethile entle. Noko ke, ukungafuni ukuphendula kumphatha emanyeni uPilato, ibe unyukelana noYesu ngamazwi esithi: “Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukukhulula nokuba ndinegunya lokukubethelela emthini?”
Ebonakalisa intlonelo uYesu uphendula athi, “Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu.” Ubhekisela ekuvumeleni kukaThixo abalawuli abangabantu ukuba balawule imicimbi yasemhlabeni. UYesu wongezelela athi: “Ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.” Enyanisweni, umbingeleli omkhulu uKayafa nabancedisi bakhe noYuda Sikariyoti bonke banetyala elikhulu kunoPilato ngenxa yempatho-mbi efunyanwa nguYesu.
Echukumiseke ngakumbi nguYesu ibe esoyika ukuba Usenokuba unemvelaphi engokobuthixo, kwakhona uPilato wenza imigudu yokumkhulula. Noko ke, amaYuda ayamkhalimela uPilato. Aphinda isityholo sawo esingokobupolitika, ngobuqhophololo egrogrisa esithi: “Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare. Bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.”
Phezu kwazo nje ezi zityholo zinzulu, uPilato uphinda aphume phandle noYesu. Aze kwakhona ababongoze esithi, “Nanko! uKumkani wenu!”
Baphendula bathi, “Susa! Susa! Mbethelele emthini!”
Ngelokuncama uPilato ubuza oku, “Ndimbethelele emthini na uKumkani wenu!”
AmaYuda asithela ngomthetho wamaRoma. Enyanisweni, ayalucekisa ulawulo lweRoma! Kodwa, ngokuhanahanisa, ababingeleli abakhulu bathi: “Thina asinakumkani ungenguye uKesare.”
Esoyikela isikhundla sakhe sobupolitika nodumo lwakhe, ekugqibeleni uPilato uyanikezela koko kufunwa ngamaYuda ngokungayekeleliyo nangokugrogrisa. Umnikela kuwo uYesu. Amasoldati ayamhluba uYesu ingubo ebomvu aze amambathise iingubo zakhe zokwaleka. Njengoko uYesu erholwa ukuya kubethelelwa emthini, uthwaliswa umthi wakhe wentuthumbo.
Ngoku kusebudeni bentsasa ngoLwesihlanu, ngoNisan 14; mhlawumbi sele kuza kuba semini emaqanda. UYesu akakhange alale ukususela ekuseni ngoLwesine, ibe ebengcungcuthekiswa okokoko. Ngesizathu esiqondakalayo, kungethuba lide uphelelwa ngamandla okuthwala lo mthi wakhe unzima. Ngoko umhambi, umntu othile ogama linguSimon waseKirene eAfrika, unyanzelwa ukuba amthwalele wona. Njengoko beqhubeka behamba, kulandela inkitha eninzi yabantu kuquka abafazi abaninzi abambambazelelayo bemlilela.
Eguqukela kwabo bafazi, uYesu uthi: “Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna. Kanye, zilileleni nina nabantwana benu; ngokuba, yabonani! kuza imihla abaya kuthi ngayo, ‘Banoyolo abaziindlolo, nezizalo ezingazalanga namabele anganyisanga!’ Oko baya kuqala bathi ezintabeni, ‘siweleni!’ nasezindulini, ‘Sigubungeleni!’ Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?”
UYesu ubhekisela kumthi wohlanga lwamaYuda, osenentwana yobomi kuwo ngenxa yokuba uYesu nentsalela ekholelwayo kuye isekho. Kodwa xa aba besusiwe kolo hlanga, kuya kusala kuphela umthi ofileyo ngokomoya, ewe, intlangano yohlanga engenaziqhamo. Hayi indlela ekuya kubangela isijwili ngayo xa imikhosi yamaRoma, esetyenziswa njengabaphumezi bomgwebo kaThixo, iya kuluphanzisa uhlanga lwamaYuda! Yohane 19:6-17, NW; Yoh 18:31; Luka 23:24-31; Mateyu 27:31, 32; Marko 15:20, 21.
◆ Iinkokeli zonqulo zimbeka siphi isityholo uYesu xa izityholo zazo ezingobupolitika zingaphumeleli?
◆ Mhlawumbi yintoni ebangela ukuba uPilato oyike ngakumbi?
◆ Ngoobani abanesono esikhulu ngakumbi ngoko kwenzeka kuYesu?
◆ Baphumelela njani ababingeleli ukwenza uPilato ukuba anikele uYesu ukuze abulawe?
◆ UYesu ubaxelela ntoni abafazi abamlilelayo, yaye uthetha ukuthini xa ebhekisela kumthi ‘njengomanzi’ nokuthi “owomileyo”?