Kutheni Ufanele Ucinge Nzulu Ngonqulo?
“UMNTU akanakuphila ngesonka sodwa.” (Mateyu 4:4, The New English Bible) La mazwi asoloko ecatshulwa abhekisela kwimfuno yomntu abaye abaninzi namhlanje abayibona. Abonisa ukuba sinendawo yezinto zokomoya kwindlela esenziwe ngayo efuna ukwaneliswa. Yiyo loo nto lowo uthetha loo mazwi, uYesu Kristu, wakwathi: “Hayi indlela abasikeleleke ngayo abo bayaziyo intswelo yabo ngoThixo.”—Mateyu 5:3, NEB.
Lunqulo kuphela olunokuzalisa ‘intswelo yethu ngoThixo.’ Lunqulo kuphela olunokuphendula imibuzo yethu esisiseko malunga nemvelaphi, injongo nentsingiselo yobomi. Yaye lunqulo kuphela olunokunikela intsingiselo yokwenene nokona kuqulethwe bubomi bethu. Kodwa asikuko ukuba naluphi na unqulo luya kukwenza konke oku. UYesu waxelela umSamariyakazi oku: “Abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso.” (Yohane 4:23) Ukunqula ‘ngenyaniso’ kuthetha okungakumbi kunokulandela izithethe namasiko ahlonelwayo ngenxa yobudala bawo. Ezi zinto zidla ngokubanika abalandeli bazo imvakalelo yokwexeshana yentlalo-ntle, ngoxa zibashiya belambile ngokomoya.
Ngokomzekelo, uEdwin O. Reischauer, owayesakuba ngunozakuzaku weUnited States eJapan, waphawula oku: “UbuShinto nobuBhuda kubantu abaninzi bungumcimbi wesiko nesithethe kunokuba bube ngoweenkolelo ezinentsingiselo.” Kuyavunywa ukuba, abemi abaninzi baseJapan banelisiwe kukujonga izinto ngale ndlela. Kodwa ukuvela ‘kweenkonzo ezintsha’ eJapan kutyhila ukunganeliswa okwandayo lunqulo olungokwesithethe.
“Iinkonzo ezintsha” zityekela ekujongeni kwiinkokeli ezibabalwe ngomoya—kungekhona kuThixo. Ezininzi zezi nkokeli zonqulo zizibanga ziphefumlelwe nguThixo. Kodwa iimfundiso zazo ezisisiseko ziyintlanganisela nje yobuBhuda, yobuShinto neyezinye iinkolelo—ekuye kongezelelwa kuzo ubukhulu becala iintandabulumko zomseki wazo. Indlela ezitsala ngayo idla ngokuba kukuthembisa ngobomi obulunge ngakumbi yaye zizibanga zinamandla afihlakeleyo okanye awokunyanga. Kodwa ngaba iinkonzo ezinjalo zinikela ubungqina bokuba zifundisa abalandeli bazo ukunqula “ngoMoya nangenyaniso”? Kungangenkankulu ukuba kube njalo. Phakathi kwezinye izinto, amahlelo angokonqulo atyekele ekubeni abekho namhlanje aze angabikho ngomso. Oku kutshitsha kwazo ngokukhawuleza kubangela ukuba singabikho isizathu sokucinga nzulu ngazo.
Unqulo Ekufanele Kucingwe Nzulu Ngalo
Noko ke, kukho unqulo obelukho kangangexesha elide kunalo naluphi na olunye uhlobo lonqulo. Lunqulo olufundiswa kwiBhayibhile Engcwele. IBhayibhile yaqalisa ukubhalwa kwiinkulungwane ezinokuba ngama-35 ezadlulayo, yaye ezinye ‘zeembali’ eziqulethwe zizahluko zayo zokuqala zenzeka ngaphezu kweminyaka eliwaka ngaphambi koko.a Iqulethe ezona ngxelo zindala ezikhoyo nezingemvelaphi yonqulo. Oko kukodwa nje kusisizathu sokuluqwalasela ngokunzulu unqulo lweBhayibhile.
IThe Encyclopedia Americana ithi ngeBhayibhile: “Ukukhanya kwayo ‘kusasazeke kulo lonke ihlabathi.’ Ngoku ijongwa njengovimba oxabisekileyo wemigaqo elawulayo nowonqulo onemfundiso engenakuphelelwa nethembisa ukuba yexabiseke ngakumbi nangakumbi njengoko lisanda ithemba lobukho bempucuko yehlabathi.” Kodwa ukuba incwadi ethile ikholelwa ngokwenene ukuba ikhokelela kunqulo lokwenyaniso, ngaba ubungayi kuyilindela ukuba ibe yeyona isasazwa ngokubanzi, ifumaneke kubo bonke abafuna inyaniso?
Kunjalo ngeBhayibhile. Iye yaguqulelwa kwiilwimi ezili-1 928, iyonke okanye ngokweenxalenye zayo, yaye iyeyona ncwadi isasazwe ngokubanzi embalini. Ukongezelela, iye yazingqina igqibelele ngokwembali nangokwenzululwazi. Ukumbiwa kwezinto zakudala nembali zingqina ukuzaliseka okuchanileyo kweziprofeto zeBhayibhile. Ayinanto yakwenza nazo zonke iintlobo zokusebenzelana nemimoya nokukhafula nobugqwirha bomlingo. Konke oku kuvisisana nebango leBhayibhile ngokwayo lokuba iphefumlelwe nguThixo.b—2 Timoti 3:16.
“Iziqhamo” Zonqulo Lokwenyaniso
Kodwa ngaba akuyonyaniso ukuba iinkonzo ezininzi zithi zilandela iBhayibhile? Yaye ngaba ungquzulwano, ubutshaba nohanahaniso azibonakali phakathi kwabaninzi abafane babizwe ngokuba ngamaKristu? Ewe, kodwa oku akusosizathu sokungayinanzi iBhayibhile. UYesu Kristu wabonisa ukuba abaninzi babo babesenza umsebenzi wobuKristu babeya kuba ngabangamkelekanga kuThixo. (Bona uMateyu 7:13, 14, 21-23.) Ngoko, ubani uya kubafanisa njani abo baqhelisela unqulo lokwenyaniso, olufundiswa eBhayibhileni? UYesu waphendula ngokuthi: “Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na? Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi. Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.”—Mateyu 7:16, 17, 20.
Ewe, unqulo oluyinyaniso lufanele lube ngamandla anempembelelo elungileyo, luvelisa imiphumo eyingenelo phakathi kwabanquli. Ngokomzekelo, khawucinge ngoAkinori, indoda engumJapan eyathi, ngokutsho kwamazwi ayo, “yaba ngumoya wokhuphiswano umntwisiwe.” Walufikelela ngempumelelo usukelo lwakhe lokuphumelela kwiyunivesithi ephambili nokufumana umsebenzi kumzi-mveliso odumileyo. Zange abe nasizathu sakucinga ngonqulo ebomini bakhe. Wacinga ngelithi, ‘Unqulo lolwababuthathaka abafuna inkxaso ebomini.’
Yonke into yayihamba ngokutyibilikayo de, ngenxa yokuxinezeleka nokudinwa wahlaselwa sisifo esibi. Intamo yakhe yajijeka, yaye isilevu sakhe “sasincamathele” kwigxalaba lakhe lasekhohlo. “Abahlobo” abaninzi kwinkampani ka-Akinori bazingqina bengeyiyo intuthuzelo ngexesha lakhe lembandezelo. (Thelekisa IMizekeliso 17:17.) Ngoko wazithi tshwa kubukhoboka botywala yaye wade wacinga ngokuzibulala.
Noko ke, ekuhambeni kwexesha umfazi ka-Akinori waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ngenye imini ebudeni bencoko, wamxelela ngesibhalo esikumaGalati 6:7, esifundeka ngolu hlobo: “Into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona.” Echukunyiswe ngala mazwi, uAkinori wathelela kwesi sifundo, yaye oko wakufundayo kwayiguqula indlela ayijonga ngayo intsingiselo yobomi. Njengoko ithemba lika-Akinori laqaqamba, intlungu yakhe ebangelwa kukuxinezeleka yaqalisa ukuthi shwaka! Njengoko umzekeliso weBhayibhile uyibeka ngolu hlobo: “Bubomi benyama intliziyo epholileyo.” (IMizekeliso 14:30) Ewe, unqulo lokwenyaniso luvelisa isiqhamo esihle!
UToshiro yenye indoda engumJapan eyabona indlela unqulo lokwenyaniso olunokuba ngamandla anempembelelo elungileyo ngayo. Nangona wayekholelwa ukuba kukho iingenelo kunqulo, akazange enze nto ngalo. Wayenosukelo lokuzizuzela indlu eyeyakhe. Noko ke, ukufikelela olo sukelo akuzange kumzisele ulwaneliseko awayelulindele. Ngaphezu koko, njengoko wayejonga kwindawo asebenza kuyo, waphawula ukuba izenzo zokunganyaniseki zazixhaphakile nokuba zabangela ukungabikho kwemvisiswano phakathi kwabo. UToshiro wakucekisa oko wakubonayo.
Ngenye imini umfazi wakhe wamema umdala webandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova ukuba amtyelele. Kungekudala uToshiro waphawula ukuba lo mdala wayahlukile kubantu awayesebenza nabo. Sasiyintoni isizathu? Lo mdala wayeyisebenzisa ngokunyanisekileyo imigaqo yeBhayibhile ebomini bakhe. Echukunyisiwe koku, uToshiro wasamkela isimemo sokufundisisa iBhayibhile waza waqalisa ukuphila ngokuvisisana nonqulo lweBhayibhile.
Nawe siyakumema ukuba uqhelane namaNgqina kaYehova. “Iziqhamo” zawo zibubungqina bokuba anqula “ngoMoya nangenyaniso.”’ Azisebenzisa ngenyameko iimfundiso zeBhayibhile ebomini bawo. Yaye ngoxa njengabantu ngabanye engafezekanga, njengeqela abonisa indlela impembelelo yokomoya yonqulo olulungileyo nolokwenyaniso enokuba namandla ngayo.
Amawaka kula maNgqina ayekhe ngaxa lithile awaneliswa yindlela yawo yokuphila. Kodwa ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, amaninzi awo aye akwazi ukwenza iinguqulelo eziphawulekayo. Ngokuhlakulela oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘sisiqhamo somoya,’ okuthetha ukuba, iimpawu zothando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali nokuzeyisa, aye afumana okukhokelela kulonwabo lobuqu.—Galati 5:22, 23.
Iingenelo Ezingunaphakade Ezifunyanwa Ngokunqula Ngokwenyaniso
Noko ke, unqulo lokwenyaniso lumele lwenze okungakumbi kunokuguqula ubuntu okanye ukunciphisa iingxaki zobuqu. Iingxaki zomhlaba wonke ezinjengongcoliso, isisongelo semfazwe yenyukliya nokuphathwa kakubi kwendalo kusongela ukonakalisa isijikelezi-langa sethu esihle. Iingxaki zoqoqosho zithintela ulonwabo nentlalo-ntle yezigidi. Akukho lunqulo kunokucingwa nzulu ngalo ngaphandle kokuba lunikela ithemba lokucombulula ezi ngxaki zomhlaba wonke.
Unqulo lweBhayibhile lunikela ithemba elinjalo. UThixo uthembisa ukungenisa ihlabathi elitsha lobulungisa phantsi korhulumente, okanye “ubukumkani” basezulwini. (Mateyu 6:9, 10; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4) Obo Bukumkani busisicombululo sazo zonke iingxaki zoluntu. Yaye mayela nokuba iingenelo ezinjalo ziya kubakho ngonaphakade, iBhayibhile isiqinisekisa ngoku: “Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” Ewe, ubomi obungunaphakade elonwabeni lithemba lakhe wonke umKristu wokwenyaniso! (1 Yohane 2:17) Kodwa kuphela ngabo baye bacinga nzulu ngonqulo lokwenyaniso abaya kungenelwa kobu Bukumkani buzayo. Ngoko ke siyakubongoza ukuba uzimisele ukufundisisa iBhayibhile.c (Yohane 17:3) Njengoko uqalisa ukuvumela ukukhanya kweLizwi likaThixo kukhanyise ebomini bakho, uya kuba novuyo olukhulu njengoko ‘intswelo yakho ngoThixo’ izaliswa ngokuthe ngcembe. Eneneni, uya kuzuza iintsikelelo ezingunaphakade kuba uye wacinga nzulu ngonqulo—unqulo lokwenyaniso.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokomzekelo, bona iGenesis 2:4; 5:1; 6:9.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?, efumaneka kubapapashi beli phephancwadi.
c AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda kule nkalo. Isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa sinokucwangciswa ngokuqhagamshelana nabapapashi beli phephancwadi okanye ibandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ukufumaneka kweBhayibhile ngeelwimi ezingaphezu kwe-1 900 kuvisisana nebango layo lokuba iphefumlelwe nguThixo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Unqulo lweBhayibhile luthembisa ngethemba leemeko ezinoxolo kwihlabathi lonke phantsi korhulumente wasezulwini