Hlalani Nizimasekile Elukholweni!
Iimbalasane ZeyokuQala KaPetros
AMANGQINA KAYEHOVA ajamelene nezilingo ezahlukahlukeneyo, okanye iimvavanyo zokholo lwawo. Kwamanye amazwe, umsebezi wawo wokushumayela uBukumkani awenza ejamelene nentshutshiso eqatha. Unobangela woku neminye imigudu yokutshabalalisa ulwalamano lwawo noThixo nguSathana uMtyholi. Kodwa akayi kuphumelela, kuba uYehova uyabomeleza abakhonzi bakhe—ewe, uyabazimasa elukholweni.
Umpostile uPetros waba nelungelo ‘lokuzimasa abazalwana bakhe’ ‘ababa buhlungu phakathi kwezilingo ngezilingo.’ (Luka 22:32; 1 Petros 1:6, 7) Wenjenjalo kwincwadi yakhe yokuqala, awayibhala eseBhabhiloni malunga nowama-62-64 C.E. Kuyo uPetros waluleka, wathuthuzela waza wakhuthaza amaKristu angamaYuda nangaweeNtlanga, ewanceda ukuba amelane neentlaselo zikaSathana aze ahlale ‘ezimasekile elukholweni.’ (1 Petrsos 1:1, 2; 5:8, 9) Ngoku ekubeni ixesha uMtyholi analo lilifutshane yaye ehlasela ngamandla ngolu hlobo, ngokuqinisekileyo abantu bakaYehova banokungenelwa kumazwi kaPetros aphefumlelweyo.
Ihambo Esekelwe Kwimigaqo Engokobuthixo
Enoba ithemba lethu lelasezulwini okanye lelasemhlabeni, lifanele lisincede ekunyamezeleni izilingo size siphile ngokwendlela engokobuthixo. (1:1–2:12) Ithemba lokuzuz’ ilifa lasezulwini libangela ukuba abathanjiswa bavuye phezu kwazo nje izilingo, ezithi enyanisweni zisulungekise ukholo lwabo. Njengendlu engokomoya eyakhelwe kwisiseko sikaKristu, banyusa imibingelelo yokomoya eyamkelekileyo kuThixo yaye baziphatha ngendlela efanelekileyo ezisa uzuko kuYe.
Indlela esiqhubana ngayo nabantu abangoowethu ifanele ilawulwe yimigaqo engokobuthixo. (2:13–3:12) UPetros wabonisa ukuba sifanele sithobele abalawuli abangabantu. Izicaka zifanele zithobele iinkosi zazo, yaye abafazi bathobele amadoda abo. Ihambo engokobuthixo yomfazi ongumKristu isenokwenza indoda yakhe engakholwayo izuzeke kukholo lokwenyaniso. Yaye indoda ekholwayo ifanele ‘imbeke umfazi, njengesona sitya siethe-ethe.’ Onke amaKristu afanele avelane, athandane njengabazalwana, enze okulungileyo, aze aphuthume uxolo.
Unyamezelo Luzisa Iintsikelelo
Ukunyamezela ngokuthembekileyo kwamaKristu okwenyaniso xa esiva ubunzima kuya kuphumela kwiintsikelelo. (3:13–4:19) Ukuba siva ubunzima ngenxa yobulungisa, sifanele sivuye. Ngaphezu koko, ekubeni uKristu weva ubunzima esenyameni ukuze asikhokelele kuThixo, asifanele sibe saphila ngokweenkanuko zenyama. Ukuba sinyamezela izilingo sithembekile, siya kuba nesabelo ekuvuyeni okukhulu ekutyhilekeni kukaYesu. Ukunyamezela ukugculelwa ngenxa yegama likaKristu, okanye njengabafundi bakhe, kufanele kusenze sivuye kuba kungqina ukuba sinomoya kaYehova. Ngoko njengoko sisiva ubunzima ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo, masiziyaleze kuye size siqhubeke sisenza okulungileyo.
NjengamaKristu, kufuneka siphumeze imisebenzi esiyabelweyo ngokuthembeka size sizithobe phantsi kwesandla esomeleleyo sikaThixo. (5:1-14) Abadala bamele bawaluse umhlambi kaThixo ngokuzithandela, yaye sonke sifanele siwaphose kuYehova amaxhala ethu, siqonda ukuba usikhathalele ngokwenene. Kukwafuneka ukuba simchase uMtyholi yaye singaze sidimazeke, kuba abazalwana bethu beva ubunzima obunjengobo sibuvayo. Ngamaxesha onke khumbula ukuba uYehova uThixo uya kusomeleza yaye uya kusenza sikwazi ukuhlala sizimasekile elukholweni.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 30]
Ukuhomba Kwamabhinqa: Kwisiluleko esiya kumabhinqa angamaKristu, uPetros uthi: “Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.” (1 Petros 3:3, 4) Ebudeni benkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, amabhinqa angabahedeni ngokuqhelekileyo ayezilungisa ngokugqith’ emgceni iinwele zawo, ezoluka iinwele zawo ezinde ngeendlela eziyokozela gqitha yaye efaka izihombiso zegolide kwiinwele zawo ezolukiweyo. Kusenokwenzeka ukuba, abaninzi babekwenza oko ngenjongo yokuqhayisa—nto leyo engafanelekanga kumaKristu. (1 Timoti 2:9, 10) Sekunjalo, asikokuhomba konke okungalunganga, kuba uPetros uquka ‘ukwambathwa kweengubo’—ngokucacileyo into eyimfuneko. Izihombiso zamatye anqabileyo zazikwasetyenziswa ngabakhonzi bakaThixo bamaxesha amandulo. (Genesis 24:53; Eksodus 3:22; 2 Samuweli 1:24; Yeremiya 2:32; Luka 15:22) Noko ke, ibhinqa elingumKristu liziphepha ngobulumko izihombo ezimbejembeje nezambatho ezivuselelayo yaye lifanele likuphaphele ukuzisebenzisa ngendlela efanelekileyo naziphi na izinto zokuthambisa. Ingongoma yesiluleko sompostile ikukuba lifanele ligxininise, kungekhona kwihombo yangaphandle, kodwa kweyangaphakathi. Ukuze libe nomtsalane ngokwenene, limele linxibe ngokuthozama yaye libonakalise ihambo yalowo woyika uThixo.—IMizekeliso 31:30; Mika 6:8.
[Inkcazelo]
Israel Department of Antiquities and Museums; Israel Museum/David Harris