Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ihambo Evathisa Ubulungiseleli Bethu BobuKristu
UMPOSTILE uPetros ululeka amaKristu esithi: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga.” (1 Petros 2:12) Umpostile uPawulos ubonisa ukuba ngehambo yethu entle, ‘siyayivathisa imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.’ (Tito 2:10) AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke adume ngehambo entle. Phawula eminye imizekelo.
Ukuchukumiseka Komfundisi-ntsapho Yihambo Entle
◻ Iofisi yesebe yeWatch Tower Society eCosta Rica inikela ingxelo yokuba abantu abaselula abaninzi kwelo lizwe bamisela umzekelo omhle. Omnye umzalwana ubalisa okwamtsalela enyanisweni. Uyabalisa: “Eyona nto yanditsala kakhulu yayiyihambo entle kokubini eyolutsha neyabantu abakhulu kodwa ngokukhethekileyo eyolutsha. Ngoxa ndandisebenza njengomfundisi-ntsapho, ndaba nethuba lokuqwalasela ngokusondeleyo amaNgqina kwisikolo endandifundisa kuso. Ibe njengoko ndandihlala nentsapho yamaNgqina kaYehova, ndaqwalasela nehambo yabantwana balapho.
“Ndandingenakwenza ngakumbi ngaphandle nje kokuphawula umahluko ophakathi kwabafundi ababengamaNgqina nabanye abafundi kwisikolo endandikuso. AmaNgqina ayesoloko elibamba ixesha yaye eziphethe kakuhle, awazange axoke yaye ayesoloko ewenza umsebenzi wawo. Ndaye ndaphawula kwakhona ukuba ayethembekile xa ayebhala iimviwo, nakubeni ngokuqhelekileyo abanye abafundi babeqhatha. Ngapha koko, ayenembeko yaye endihlonele njengomfundisi-ntsapho wawo. Ndichukunyiswe ngamaNgqina aselula esikolweni nakwikhaya endandihlala kulo, ndaqalisa ukuluhlola olu nqulo ndaza ndayamkela inyaniso.”
Imiphumo Emihle Yehambo YobuKristu Endibanweni
◻ Omnye wamaNgqina kaYehova kwibandla elikwintshona yeEl Salvador wanqwenela ukwabelana ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani nabantakwabo ababini. Omnye waphulaphula waza waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Omnye umntakwabo wayengowecawa yobuVangeli ekuthiwa yiPrince of Peace ibe wathi kumntakwabo: “Musa ukuthetha nam; wena ukhonza izilangazelelo zikaMtyholi.”
Xa lafikayo ixesha lokuya kwindibano yesithili, lowo wayefundisisa wamema umntakwabo ukuba ahambe naye ukuya endibanweni. Lo mntakwabo wathi: “Kulungile, ndiza kuhamba nawe; ndiya nje ukuze ndibone apho ndinokuwabamba khona amaNgqina.” Ezi zalamane zibini zaya kunye endibanweni. Inani eliphakamileyo lababekho nolungelelwano oluhle endibanweni kwamchukumisa uMvangeli, owathi akazange ayibone into efana nale ngaphambili. Xa wafika ekhaya, wathi kumntakwabo: “Bamba isandla.” Wabuza umntakwabo, “Oku kungenxa yantoni? Yathi impendulo: “Bamba nje wena isandla.” Baxhawulana, ibe umntakwabo owayengowecawa yoBuvangeli wathi: “Ukususela ngoku kuse phambili ndiza kufundisisa namaNgqina kaYehova. Ngokwenene, bendingakwazi okwakundiphosa.” Naye ngoku ukwangumvakalisi okhutheleyo nonenzondelelo weendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.