IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 7/15 iphe. 4-7
  • Ihlabathi Elitsha Lisemnyango!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ihlabathi Elitsha Lisemnyango!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuthenjiswe Ihlabathi Elitsha
  • Ihlabathi Elitsha Lisondele Kakhulu!
  • Iintsikelelo Abantu Abangenakuzizisa
  • Ukwaneliswa Ngokupheleleyo Kweentswelo Ezisisiseko
  • Ngaba Uya Kuba Lapho?
  • Iya Kufika Nini Intshabalalo Yehlabathi Eyaxelwa Kwangaphambili?
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
  • Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • ImiHla Yokugqibela
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Injongo KaThixo Sele Iza Kuzaliseka
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 7/15 iphe. 4-7

Ihlabathi Elitsha Lisemnyango!

IINKOKELI zobupolitika ziye zathetha zophela ngehlabathi elitsha eziza kulizisa. Zithetha ngokuphelisa ehlabathini amaxhala nemiqobo evalela ukusebenzisana phakathi kwabantu namazwe. Kodwa ngaba kusemandleni abantu ukuzisa ihlabathi elitsha?

Abantu bebenethuba elide gqitha lokuba bazise ihlabathi loxolo. Ngokungathandabuzekiyo, abaninzi bebenyanisekile kwimigudu enjalo. Noko ke, kungakhathaliseki uhlobo loorhulumente abayilwe ngabantu ukuze bazalisekise ezo njongo, aye angqineka eyinyaniso amazwi eBhayibhile athi: “Akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.”—Yeremiya 10:23.

Kuthenjiswe Ihlabathi Elitsha

Kanti, kwaeli Lizwi likaThixo liphefumlelweyo linikela isiqinisekiso sokuba kuza kubakho ihlabathi elitsha. Ngemva kokuchaza kusengaphambili isiphelo senkqubo endala yezinto, umpostile ongumKristu uPetros wathi: “Ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.”—2 Petros 3:10-13.

Lidinga likabani eli? Akukho wumbi livela kuye ingenguye uYehova, “Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke.” (INdumiso 83:18) Uya kufeza oko abantu bangenakukufeza. Ewe, uYehova uThixo uya kuzisa ihlabathi elitsha. Kodwa nini?

Ihlabathi Elitsha Lisondele Kakhulu!

Ngaphambi kokuba ihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo libekho ngokwenene, “umhlaba” okhoyo, okanye “inkqubo yezinto,” umele uphele. Ngokuphathelele oku, abafundi bakaYesu Kristu babuza: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?” (Mateyu 24:3) Njengokuba iNew World Translation echane ngakumbi ikubeka, abalandeli bakaYesu babuza bathi: “Sixelele, Ziya kubakho nini ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni umqondiso wobukho bakho nowokuqosheliswa kwale nkqubo yezinto?”

Ebaphendula, uYesu waxela kusengaphambili iinkalo ezininzi zomqondiso wobukho bakhe obungabonakaliyo njengomntu womoya esemandleni oBukumkani basezulwini. (1 Petros 3:18) Ngokomzekelo, wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwindawo ngeendawo.” Ukususela ‘ekuqalekeni kwenimba’ ngowe-1914, “esi sizukulwana” salathwa nguYesu siye sathwaxwa ziimfazwe, iindlala neenyikima zomhlaba njengenxalenye yomqondiso wobukho bakhe obungabonakaliyo.—Mateyu 24:7, 8, 34.

Ukususela ngonyaka we-1914 esi sizukulwana siye sathwaxwa ziimfazwe ngendlela engenakuthelekiswa nanto. IMfazwe Yehlabathi I kuqikelelwa ukuba yasuba ubomi babantu abazizigidi ezili-14. Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, kwabulawa amajoni nabantu abaqhelekileyo abazizigidi ezingama-55. Kaloku, ukususela ngowe-1914 abantu abangaphezu kwezigidi ezili-100 baye baphulukana nobomi babo emfazweni! Ngokuqinisekileyo, oku kuyinxalenye yomqondiso wobukho bukaYesu.

Iindlala, nazo ezazixelwe kwangaphambili nguKristu, ziye zathwaxa amazwe amaninzi emva kweemfazwe ezimbini zehlabathi. Phezu kwayo nje inkqubela kwinzululwazi, phantse ikota yehlabathi isendlaleni namhlanje. Nyaka ngamnye, kufa izigidi zabantwana nabanye abantu ngenxa yokungondleki kakuhle. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Kwinkoliso yamazwe asakhasayo aseAfrika, eAsia naseMzantsi Merika akukho kutya kwaneleyo kokondla abantu balapho. Izigidi ezikula mazwe ziyalamba. Xa ngasizathu sithile kusenzeka ukuba ukutya okuveliswayo okanye okuthengwa kwamanye amazwe kunciphe, kusenokubakho indlala kuze kufe amawaka okanye izigidi zabantu.”

Iinyikima ziye zasuba ubomi babantu abaninzi ebudeni bale nkulungwane iphawula “ixesha lokuphela.” (Daniyeli 12:4) Uqikelelo lweengxwelerha ezibangelwe ziinyikima luyahluka. Kodwa ukususela ngowe-1914 intshabalaliso ebangelwa ziinyikima iye yanda gqitha ehlabathini lonke, yaye ezi ziye zasuba ubomi bamakhulu amawaka abantu. Igqabaza ngezimbini nje zezi, iYorkshire Post kaOktobha 19, 1989, yathi: “Inyikima eyayikwiphondo laseJiangsu eTshayina ngowe-1920 yabulala abantu abali-180 000, kwaza ngoJulayi 28, 1976, eTshayina kwakho eyona nyikima yakha yambi kwimbali yayo yezi mini. Ubuncinane kwafa abantu abangama-240 000 xa isixeko esikumntla-mpuma saseTangshan saphantse sagqunyelelwa ngokupheleleyo yinyikima eyayimalunga nesi-7.8 kwisikali sikaRichter.” Eli phephandaba ladwelisa iinyikima ezinkulu ezingaphezu kwama-30 kule nkulungwane yama-20.

Umsebenzi wokushunyayelwa koBukumkani nawo waxelwa kusengaphambili njengenye yeenkalo zomqondiso wobukho bukaYesu obungabonakaliyo. Wabaxelela oku abafundi bakhe ababefuna ukwazi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:14) Njengoko uYesu waprofetayo, lo msebenzi wokushumayela ngoku wenziwa emhlabeni wonke kumazwe angama-212 ngamaNgqina kaYehova angaphezu kwezi-4 000 000.

Ukuzaliseka kwanamhlanje kwezi nezinye iziprofeto kungqina ukuba ngokwenene siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1-5) Kungekudala kuza kubakho “imbandezelo enkulu” nayo eyaxelwa kusengaphambili nguYesu Kristu. Xa ifikelela incopho yayo “emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla” eHar–Magedon, iya kuphelisa le nkqubo yezinto ikhoyo nengendawo. (Mateyu 24:21; ISityhilelo 16:14-16) Liya kwandula ke ihlabathi elitsha uThixo alithembisileyo libe yinto yokwenene.a

Iintsikelelo Abantu Abangenakuzizisa

Iinkokeli zobupolitika ziqhayisa ngehlabathi eziza kulizisa. Kodwa uYehova, uThixo wezulu nomhlaba, akazange acele ukuba abantu benze ihlabathi elitsha eliya kuthabathel’ indawo le nkqubo ikhoyo. Uya kukwenza ngokwakhe oko ngemini nangexesha elaziwa nguye kuphela. (Mateyu 24:34, 36) Umpostile uYohane owalupheleyo kusengaphambili waba nalo mbono woko kuya kwenziwa nguThixo, kungekhona ngumntu:

“Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho. Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe. Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile. Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.”—ISityhilelo 21:1-5.

“Izulu elitsha” buBukumkani basezulwini bukaYesu Kristu. ‘Umhlaba omtsha’ awungomhlaba ongomnye, kodwa libutho elitsha labantu kulo mhlaba—bonke bengabalawulwa abathobelayo boBukumkani bukaKristu abangahlulwahlulwanga ngokobuzwe, ngokobuhlanga okanye ngokweelwimi. (Thelekisa INdumiso 96:1.) Awangoku amazulu nomhlaba wokomfuziselo—inkqubo kaMtyholi yezinto noorhulumente bayo abaphenjelelwa nguSathana needemon zakhe—aya kube etshatyalalisiwe. (1 Yohane 5:19) Nangona iilwandle zokoqobo ziya kuhlala zikho, ulwandle lokomfuziselo lwabantu abangazolanga nabangendawo luya kuba lungekho. Abalawuli abaya kuba bekunye noYesu ezulwini babumba iYerusalem Entsha yaye bekunye naye babumba intlangano ephambili eya kulawula ibutho labantu abangamalungisa. UThixo uya ‘kuhlala nabantu’ abathobelayo ngokufuziselayo ngoxa bexolelaniswa naye ngokupheleleyo ngoKristu ebudeni beMini Yomgwebo eyiminyaka eliwaka.—ISityhilelo 14:1-4; 20:6.

Ngaphantsi kolawulo loBukumkani kuya kubakho izizathu ezininzi zokonwaba. Ukukhala, isijwili neentlungu ezibangelwa kukugula, ubuhlungu bentliziyo nezinto ezinjengezo ziya kuba zizinto zexesha elidluleyo. Kwanokufa okuye kwatyhutyha uluntu kusuka kumzali wethu wokuqala, uAdam onesono, akusayi kubakho. (Roma 5:12) Olunjani uvuyo oluya kubakho xa lo nobangela weenyembezi emhlabeni wonke eya kuba engekho ngonaphakade!

Asingobantu abafayo abanikela isiqinisekiso ngezi ntsikelelo kodwa nguThixo ngokwakhe. Nguye othi: “Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha.” Ewe, yaye uYehova uThixo waxelela umpostile uYohane oku: “Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.”

Ukwaneliswa Ngokupheleleyo Kweentswelo Ezisisiseko

Kwihlabathi elitsha eliya kuziswa nguThixo, umhlaba uya kuthi ekugqibeleni ube yiparadisi. Oku kuqinisekile, kuba uYesu wathembisa umenzi wobubi oguqukayo owayebethelelwe ecaleni kwakhe oku: “Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadisi.” (Luka 23:43, NW) Kwiimeko zeparadisi, iintswelo zabantu ezenjengokudla nekhusi ziya kunyamekelwa ngokupheleleyo.

Ukunqongophala kokudla kubulala izigidi zabantu namhlanje. Kungakhathaliseki ukuba ungakanani umgudu owenziwayo wokondla abalambayo, ukubawa nabanye oothunywashe bayakuthintela ukuba abantu bayicombulule le ngxaki. Ngokomzekelo, iSaturday Star, iphephandaba laseRhawutini, eMzantsi Afrika, linikela le ngxelo: “Iingxwabangxwaba ezingokobupolitika, ukunyuka kwamaxabiso ezibaso nokudinwa okukhoyo ziimbambano ezibonakala zingapheli zaseAfrika zidibene ziya kulibazisa ukulunga kweemeko . . . ESudan, elinye lawona mazwe athwaxwa yindlala kanobom, kulo we-1991 ngabantu abaphakathi kwezigidi ezihlanu ukuya kwezithandathu abalambayo.” Kodwa indlala iya kuba ilityelwe kwihlabathi likaThixo elitsha. Ngaphantsi kolawulo loBukumkani ‘kuya kubakho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.’—INdumiso 72:16.

Ikhusi yenye yeentswelo zabantu engekazukwaneliswa kulo mhla wethu. Izigidi zabantu zihlala ematyotyombeni okanye azinamakhaya kwaphela. Ngokutsho kweThe New York Times, kwelinye ilizwe laseMpuma, “kwinkampani eyenza izixhobo zombane . . . , abaqeshwa abaneminyaka engama-20 ubudala bamele balinde imiyaka engama-73 ngaphambi kokufumana izindlu,” yaye ingxelo yaseburhulumenteni ibonisa ukuba abanye abantu bamele bahlale “kwiindawo zokugcina iimpahla, eziofisini okanye kwanakwizindlu zangasese.” Kodwa hayi indlela eziya kwahluka ngayo iimeko kwihlabathi elitsha! KwiParadisi ezayo, “baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.”—Isaya 65:21, 22.

Iingxaki zokonakaliswa kwendalo azisayi kubakho kwihlabathi elitsha alithembisileyo uThixo. Ukungcoliswa komoya okusongela impilo nokubulala izityalo akusayi kubuya kubekho. Ungcoliso nokonakaliswa komhlaba ngoku okubeke emngciphekweni ubomi bezityalo nezilwanyana eziliqela ngelo xesha akusayi kuba sisisongelo. Kwaye izinto ezinjengokonakaliswa komoya okhusele umhlaba azisayi kwenzakalisa ubomi emhlabeni. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uThixo uya kuzicombulula zonke ezi ngxaki, kuba iLizwi lakhe liyasiqinisekisa ukuba kungekudala uya “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.”—ISityhilelo 11:18.

Kwihlabathi elitsha, iimfazwe nazo ziya kuba zizinto zexesha elidluleyo kodwa kungekhona ngenxa yokuba abalawuli beye baphumelela ekupheliseni izixhobo zeentlanga. Kunoko, uThixo uya kwenza oko abalawuli bezobupolitika baye basilela ukukwenza. Uya kuzisa uxolo kubantu abathobelayo nto leyo evumelana namazwi omdumisi athi: “Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova: owenze iziphanziso ehlabathini; ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; waphula isaphetha, angqumze umkhonto, atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.” (INdumiso 46:8, 9) Kwihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo nelisondeleyo, abantu abasayi kuphinda balwe kodwa baya kunandipha uxolo nonqabiseko lokwenyaniso.—Mika 4:2-4.

Ngaba Uya Kuba Lapho?

Unokuba nentembelo kwihlabathi elitsha elithenjiswe nguYehova uThixo. Akaxoki. (Hebhere 6:17, 18) ILizwi lakhe, iBhayibhile, liyinyaniso, yaye oko likuthembisayo kusoloko kusenzeka.—Yohane 17:17.

Iindaba ezilungileyo zeentsikelelo ezimangalisayo eziza kufunyanwa ngabantu abathobelayo koko amaNgqina kaYehova azama ukwabelana ngako nabantu abantliziyo zinyanisekileyo. Ufanele ngoku wenze umgudu wokuzuza ulwazi ngeenjongo zikaThixo, uze wenze ngokuvisisana namadinga amangalisayo afumaneka eZibhalweni Ezingcwele. Eli khondo linokukukhokelela kubomi obungunaphakade, kuba uYesu wathi: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” (Yohane 17:3) Uya kwandula ke ube nelungelo lokunandipha amaxesha amyoli angaphambili, kuba ihlabathi likaThixo elitsha lisemnyango!

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona isahluko 17 nese-18 zencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share