IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 10/1 iphe. 2-4
  • Kutheni UThixo Eye Wanomonde Kangaka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni UThixo Eye Wanomonde Kangaka?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UThixo Unenkathalo!
  • Umungu—Uthuli Olunik’ ubomi
    Vukani!—2007
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 10/1 iphe. 2-4

Kutheni UThixo Eye Wanomonde Kangaka?

KHANGELA ubuso obuthe khunubembe bomntwana olambayo. Bona umzimba wakhe onqinileyo nesisu esithe puqa. Cinga ngendlela amele ukuba ukulangazelela ngayo ukutya, yaye khawuqwalasele isitya esingenanto asiphetheyo. Mhlawumbi unina ukhangele ngamehlo athe loxe, nobakhe ubuso bubhalwe ukungabi nathemba. Ngoko zama ukunqanda olwakho usizi—ewe, uze ubambe iinyembezi zakho.

Le yimeko yomhla nezolo kummandla ozizikwe-khilomitha ezizizigidi ezithandathu othwaxwa yindlala owaziwa ngokuba yiSahel. Unqumleza ummandla weAfrika oziikhilomitha ezingama-4 800 ngezantsi kweNtlango yeSahara, ususela eSenegal kuNxweme lweAtlantiki uye kuthi xhaxhe nge-Ethiopia kuLwandle Olubomvu. Kambe ke, indlala ithwaxa abantu abaninzi kwamanye amazwe. INtlangano Yezempilo Yehlabathi inikela ingxelo yokuba abantu abamalunga nesi-1,1 sewaka lesigidi ehlabathini lonke bagula ngokungaginyisi mathe okanye abondlekanga.

Kambe ke, ukulamba kuyinkalo enye nje yokubandezeleka koluntu. Abantu bayawungcolisa umhlaba, yaye sonke siyachaphazeleka. Iinkqubo zezobupolitika zivumela ukungabikho kokusesikweni neemfazwe ezibangela ukubandezeleka nokufa kwabantu abaninzi. Kutheni uThixo ezivumela ezi zinto? Ngaba usikhathalele?

UThixo Unenkathalo!

UMdali wethu usikhathalele. Kukho ubungqina obuninzi boku nobamandla akhe okwenza izinto zisebenzisane ukwenzela ukulungelwa kwethu nemvisiswano kuyo yonke indalo yakhe. Ngokomzekelo, khangela umfanekiso okwalapha wenyosi indwendwela intyatyambo ekumthi weziqhamo. Inyosi ixhomekeke kwintyatyambo ukuze ifumane incindi esisondlo sayo. Ngokukwanjalo, nomthi uxhomekeke kumungu inyosi ewuthwala ngomzimba wayo iwususa kumthi ofanayo. Ngale ndlela, intyatyambo iyamvumvuzelwa ukuze kuvele isiqhamo. Asiyiyo yonke imithi yeziqhamo emvumvuzelwa ngale ndlela, kodwa ngokuqinisekileyo uThixo uye walungiselela intsebenziswano engaqhelekanga kule meko. Yaye ngenxa yokulunga kwakhe sifumana iziqhamo ezinandiphekayo nezinik’ impilo.

Yona inyosi iyinxalenye yebubu elilungelelaniswe kakuhle leenyosi ezingaphezu kwama-30 000. Ezinye zigada indlwana yazo, ngoxa ezinye ziyicoca zize zingenise impepho. Sekunjalo ezinye zigcina incindi nomungu, zondle imibungu, okanye ziye kufuna ezinye iindawo zokufuna incindi. UThixo uyilungelelanise ngolu hlobo imicimbi ukuze singenelwe xa ezo nyosi zixakekileyo zivelisa ubusi obunencasa nobunesondlo obuginyis’ ingwiqi.

Ummangaliso wokusebenzisana kweenyosi nezityalo nokwezinambuzane ngokwazo ububungqina obunye kuphela kobuyintabalala bokuba uMdali unamandla ngokupheleleyo okwenza izinto eziphilayo zisebenzisane. Kakade ke, “uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo.” (1 Korinte 14:33) Ngoko, kutheni evumele abantu bangabi namvisiswano kangaka, nto leyo ephumele kwinkxwaleko kwabaninzi? Ukuba uThixo usikhathalele, kutheni eye walinda ixesha elide kangaka ngaphambi kokulungisa le meko? Eneneni, kutheni uThixo eye wanomonde kangaka?

ILizwi likaThixo, iBhayibhile, liyayiphendula imibuzo enjalo. Le ncwadi ibalaseleyo isixelela ukuba uYehova uThixo unesizathu esilungileyo sokuba nomonde. Siyintoni eso sizathu? Ibe koda kube nini uThixo ebonakalisa umonde?

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]

Cover photo: Frilet/Sipa

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share