Umungu—Uthuli Olunik’ ubomi
XA KUFIKA intwasahlobo, iinyosi zimaxhaphetshu yaye umungu ukwindawo yonke. Le nkqubo sisiqalekiso kubantu abanempilo engavumelaniyo nomungu kunoba ibe yintsikelelo. Ngaphambi kokuba sithi umungu yenye yezinto ezenza siphile ubomi bentshontsho, simele sicinge nzulu ngendlela umungu obaluleke ngayo. Usenokubamb’ ongezantsi ukufumanisa ukuba ubomi bethu buxhomekeke kuwo.
Phofu yintoni umungu? IThe World Book Encyclopedia ithi: “Umungu ziinkozo ezincinane ezifumaneka kwiintyatyambo nakwizityalo ezivelisa imbewu.” Ngeliphandle, izityalo zivelisa umungu ukuze kubekho ezinye izityalo. Ngokufanayo, kwizityalo istamen iqandusela kwisityalo kuze kuvele isiqhamo.a
Iinkozo zomungu zincinane kakhulu ukuba singazibona ngeliso lenyama, phofu zibonakala ngokucacileyo ngemikroskopu. Xa sitheth’ inyani, umntu ozijongileyo unokubona umahluko kubukhulu nokumila kwazo nto leyo eyahluke kakhulu kuhlobo ngalunye. Ekubeni umungu ungaboli, siyavakala isizathu sokuba izazinzulu zifunde ngeempawu ezikhethekileyo kwiinkozo zomungu. Ngaloo ndlela zisenokufunda ngezityalo zamandulo. Nants’ inkalo ebalulekileyo, ngenxa yokwahluka kweempawu zohlobo lomungu oluthile kolunye, izityalo ziyawazi umahluko womungu wolo hlobo lwesityalo.
Indlela Umungu Ofuduswa Ngayo
Izityalo ezininzi zixhomekeke emoyeni ukuze zikwazi ukufudusa umungu xa zivuthuzwa ngumoya. Amanzi anceda ukufudusa umungu kwizityalo ezikhula emanzini. Ngenxa yokuba umungu usenokufuduswa okanye oko kungenzeki ukuba akukho moya, imithi nezityalo ezixhomekeke kule nkqubo yokufuduswa komungu zivelisa umungu omninzi.b Ukufuduswa komungu kulizothe kubantu abanehay fever.
Nakuba umoya unceda ekufuduseni umungu wemithi, ingca neentyatyambo ezikhula ngokusondeleleneyo kufuneka zibe nenkqubo ekhethekileyo yokuzikhulisa. Kwenzeka njani ke ukuba izityalo ezihlala kwiindawo ezikude zifumane umungu osuka kwezinye izityalo? Ngendlela esebenzayo ngamalulwane, iintaka nezinambuzane! Nazo ke phofu ukho uchintsi ezimfumanayo ngokwenza oku.
Ezi zilwanyana zifumana kwiintyatyambo incidi enencasa. Njengoko zizama ukufumana le ncindi, kunamathela ezinye iinkozo zomungu emizimbeni yazo. Njengoko zifuna enye indawo enencindi zifudusa umungu kwenye intyatyambo ukusa kwenye.
Izinambuzane zifudusa umungu omninzi ngakumbi kwiindawo ezinemozulu epholileyo. Ziya kwiintyatyambo ezininzi njengoko zisitya incindi nomungu.c UNjingalwazi May Berenbaum uthi: “Kusenokwenzeka ukuba oku kufuduswa komungu kuyeyona nto ibalulekileyo yenziwa zizinambuzane ukuze abantu baphile. Nakuba kunjalo, umsebenzi wezinambuzane awuxatyiswa kangako.” Imithi yeziqhamo idla ngokuba neentyatyambo ezixhomekeke ekufudusweni komungu ukuze kubekho isivuno esihle. Ngoko ke, unokukubona ukubaluleka kokufuduswa komungu ukuze sihlale sisempilweni entle.
Indlela Aba Basebenzi Abatsaleleka Ngayo
Iintyatyambo kufuneka zitsalele kuzo izinambuzane zize zizondle. Zikwenza njani oku? Ziba nendawo entle yokugcakamela ilanga ukuze izinambuzane ziphumle. Ziqhayisa ngomungu wazo ngendlela ezikhangeleka ngayo nendlela ezinuka ngayo. Kwakhona, iintyatyambo ezininzi zifumana nolwalathiso ngemibala nemigca. Ngale ndlela iindwendwe zazo zinokufumana inkcazelo ngendawo ezinokufumana kuyo umungu.
Indlela yokubhengeza umungu yahlukile kwintyatyambo nganye. Ezinye zitsho ngevumba ukuze zitsalele iimpukane kuzo. Ezinye zisebenzisa ubuqhophololo ukuze kufuduswe umungu. Isityalo esibizwa ngokuba yibee orchid, sikhangeleka ngathi ziinyosi yaye oku kuqhatha ezinye iinyosi zicinge ukuba zinokufumana iqabane apho. Ezinye iintyatyambo zibamba izinambuzane zize zizivulele kuphela xa izinambuzane zigqibile ngomungu. Isazi ngezityalo uMalcom Wilkins ubhala athi: “Ayikho enye into ebaluleke kwizityalo neyona inobuceducedu, ichanileyo nentsonkothe njengokufuduswa komungu kwizityalo.”
Ukuba uMdali wayengazange alungiselele ukuba izityalo zibe nomtsalane ukuze kufuduswe umungu wazo, izigidi zezityalo ngezingavelisi ezinye. Egqabaza ngemiphumo yalo msebenzi uYesu wathi: “Fundani isifundo kwiinyibiba zasendle, indlela ezikhula ngayo; azibulaleki, azisonti; kodwa ndithi kuni kwanoSolomon kulo lonke uzuko lwakhe wayengavathiswanga nanjenganye yazo.”—Mateyu 6:25, 28, 29.
Ngenxa yokufuduswa komungu, izityalo zibakho zize zivelise ukutya thina esixhomekeke kuko. Ngokwenene, umungu usenokuba yinto eyindinisa kwabanye bethu, kodwa simele sibe nombulelo ngabasebenzi ababila besoma bethwele olu khozo lunik’ ubomi. Impumelelo yesivuno ubukhulu becala ixhomekeke kule nkqubo yemvelo imangalisayo nebubungqina bezenzo zezandla zoMdali wethu.
[Imibhalo esemazantsi]
a Isityalo siqanduselwa ngokufuduswa komungu usuka kwesinye ukuya kwesinye okanye ngokuthi isityalo siziqanduselele ngokwaso. Nakuba kunjalo, le nkqubo yokuqala iqinisekisa ubukho besinye isityalo yaye ngaloo ndlela isempilweni kwaye iyakwazi ukumelana neemeko ezinzima ixesha elide.
b Intloko nje enye yomthi wombirch, inokuvelisa iinkozo zomungu ezizizigidi ezintlanu yaye umthi nje oqhelekileyo unokuba neentyatyambo eziliwaka.
c Ikhilogram enye yobusi yenziwa xa inyosi isiya izihlandlo ezizizigidi ezilishumi kwiintyatyambo ezahlukeneyo.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 16, 17
Abafudusi Bomungu
IIMPUKANE NAMABHUNGANE
Nakuba kungafane kuthethwe ngawo, kodwa la ngamagorha aphambili ekufundusweni komungu. Ukuba uyayithanda itshokoleti ufanele ube nombulelo kwimpukane encinane efudusa umungu kwiintyatyambo zomthi wekoko.
AMALULWANE NEEPOSSUM
Uninzi lwemithi emikhulu emhlabeni efana nokapok nobaobab, ixhomekeke kwilulwane ukuze kufuduswe umungu. Ezinye iintlobo zelulwane ezitya iziqhamo nomungu zishiya imbewu ukuze iphinde intshule ngaloo ndlela kubethwa iintaka ezimbini ngelitye elinye. EOstreliya kukho isilwanyana esibizwa ngokuba yipossum yaye sizondla ngomungu. Xa zisitya umzimba wazo onoboya ususa umungu kwesinye isityalo ukusa kwesinye.
AMABHABHATHANE NAMANUNDU
Ezi zinambuzane zixhomekeke kumungu ukuze zilale zityile ngaloo ndlela ziwudlulisela ukusuka kwenye intyatyambo ukusa kwenye. Ezinye izityalo zixhomekeke ngokupheleleyo kwinundu ukuze zifuduse umungu.
ISUNBIRD NEHUMMINGBIRD
Ezi ntaka zinemibalabala ziya kwiintyatyambo ezahlukeneyo zifuna umungu. Umungu uthi nca kwiintsiba ezingaphambili nasesifubeni.
IINYOSI NOONOMEVA
Umzimba onoboya weenyosi uthwala umungu ngendlela iindondo ezibamba ngayo uthuli, nto leyo ebangela iinyosi zibe ngabona bafudusi bomungu baphambili. Inyosi nje enye inokuthwala ngaphezu kweenkozo zomungu ezingama-15 000. Ngenxa yeenyosi ezazisuka eNgilani, amasimi aseNew Zealand ayachuma aze avelise ukutya okubalulekileyo elizweni.
Inyosi yobusi yeyona ibalulekileyo ekufuduseni umungu. Inikela ingqalelo kuhlobo olunye kuphela lwentyatyambo kufuphi nendlu yayo. Isazi ngezinambuzane uChristopher O’Toole kwizibalo zakhe uchaza ukuba “malunga nama-30 ekhulwini abantu baxhomekeke ekutyeni okuye kwafuduswa umungu wako ngokugqalileyo okanye ngokungangqalanga ziinyozi.” Iinyosi zibalulekile ekufudusweni komungu weenkozo ezifana nealmonds, iiapile, iiplums, iicherry neekiwi. Amafama ahlawula abantu abagcina iinyosi ngomsebenzi owenziwa yindlwana nganye yeenyosi.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Iibee orchid